Location via proxy:   [ UP ]  
[Report a bug]   [Manage cookies]                
Download as pdf or txt
Download as pdf or txt
You are on page 1of 79

Directorate: Curriculum

FET

ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA

MIND THE GAP: INOVELI

NGENXA YESITHEMBISO: M. NKOHLA

IBANGA 11
ISAHLUKO 1: INTSHAYELELO EYA KUMFUNDI

1 Bhota mfundi webanga le-11

Esi sisikhokelo sokufunda soncwadi esibizwa ngokuba yiMind the Gap esenzelwe
ukuncedisana nawe mfundi xa ulungiselela iimviwo zakho zebanga le-11 ukuphela konyaka.
Amaphepha eemviwo zolwimi lwaseKhaya mathathu: Iphepha lokuqala: Ukusetyenziswa
kolwimi ngokusemxholweni, Iphepha lesi-2: Uncwadi, Iphepha lesithathu: Ukubhala.
Iphepha lesi-2, Uncwadi luquka ukufundwa kwezi ncwadi zilandelayo: Imibongo,
iNoveli/Uncwadi lweMveli kunye neDrama.
Esi sikhokelo sokufunda soncwadi sesokuqala kulwimi lwesiXhosa lwaseKhaya kwaye
yiNoveli kuphela okwangoku.
Esi sikhokelo sigxile kwiNoveli yesiXhosa yebanga le-11 ethi “Ngenxa Yesithembiso” ebhalwe
nguMnu. Mcebisi Nkohla, neyenye yeencwadi ezalathelwe ibanga le-11.

1.1 Indlela yokusebenzisa esi sikhokelo.

Kwesi sikhokelo kufumaneka oku kulandelayo:

• Iingcebiso ezisi-7 eziphambili zokufunda.


• Omawukwenze ngomhla wokubhala iimviwo.
• Amagqabantshintshi ngephepha lesibini.
• Imiyalelo eya kuwe mfundi efumaneka kwiphepha loviwo.
• Ingcaciso ngemibuzo emide nemifutshane nendlela yokuyiphendula.
• Okulindelwe ngabavavanyi kumfundi xa ephendula imibuzo kweli phepha.
• Uluhlu lwamagama asetyenziswa xa kubuzwa imibuzo.
• Amagqabantshintshi ngombhali.
• Intsingiselo yesihloko seNoveli.
• Isishwankathelo sebali.
• Isakhiwo nesakhiwana sebali.
• Imiba ebalulekileyo nemayiqwalaselwe xa kufundwa iNoveli.
• Amanqanaba esakhiwo seNoveli.
• Impixano.
• Abalinganiswa.
• Indima kaNobalisa.
• Umxholo nomxholwana.
• Umyalezo.
• Isimo sentlalo.
• Isiphelo.
• Isigqebelo.
• Ukulandelelana kweziganeko.
• Isishwankathelo seNoveli ngokwezahluko.
• Imizekelo yemibuzo emide nemifutshane.
• Amanqakwana okuncedisa umfundi.
• Iincwadi ezisetyenzisiweyo.
1.2 Iingcebiso ezisi-7 eziphambili zokufunda:
Cwangcisa ukufunda kwakho ngendlela elula ngokuthi uwohlule umsebenzi wakho
ngokweziqedu. Oku kuya kukunceda ukuba uqeqeshe ingqondo yakho igxile.

1.2.1 Thabatha imizuzwana uphumle emva kokufunda isiqendu phambi kokuba


uye kwesinye.

1.2.2 Qinisekisa ukuba zonke izixhobo zakho zokufunda ziphelele phambi kokuba uqalise,
umzekelo: ipensile, usiba lokubhala, amaphepha okubhalela njalo njalo.

1.2.3 Yiba nethemba loo nto iya kukunceda ukuba ingqondo yakho igcine zonke
iinkcukacha zokufundileyo.

1.2.4 Ingqondo ifunda lula xa kusetyenziswe imibala kunye nemifanekiso. Zama


ukuyisebenzisa kangangoko unakho.

1.2.5 Ukuphindaphinda okufundileyo sisitshixo sokukhumbula iinkcukacha ozifundileyo.


Qhubekeka nokuphindaphinda umsebenzi owufundileyo kude kube lula
ukuwukhumbula.

1.2.6 Fundisisa okufundileyo ucele omnye umntu akumamele, oko kuza kukunceda ukuba
ufunda ngokuvakalayo.

1.2.7 Ukulala iiyure ezisibhozo ebusuku, utye ukutya okusempilweni nokusela amanzi
zizinto eziyimfuneko kwingqondo yakho. Ukufundela iimviwo kufana nokuzilolonga
kwaye kufuneka ube ukulungele ngokwasemzimbeni, emoyeni nasengqondweni.

1.3 Omawukwenze ngomhla wokubhala iimviwo

1.3.1 Qinisekisa ukuba uza nazo zonke izixhobo zokubhala ezifana nepenisile, usiba
lokubhala, Qaphela: ukuba isazisi sakho usiphethe kunye neleta yakho echazayo
ukuba uvumekile ukuba uchophele iimviwo. Fika ngexesha kwigumbi lokubhalela
iyure phambi kokuba ziqale iimviwo.

1.3.2 Yiya kwigumbi langasese phambi kokuba uhlalele iimviwo ukuze, ungachithi ixesha
ngokuphuma sele ziqalile iimviwo.

1.3.3 Yazi phambi kokuba ubhale ukuba yeyiphi incwadi oyiphendulayo kuwo onke
amaCandelo kweli phepha lesi -2 loncwadi. Sebenzisa imizuzu elishumi ufunde
imiyalelo ngokuchanekileyo.

1.3.4 Wahlulahlule umbuzo ngamnye ukuze uqiniseke ukuba uyayiqonda into ebuziweyo.
Ukuba umbuzo awuwuphendulanga ngokuchanekileyo awusayi kufumana manqaku.
Jonga amagama angundoqo embuzweni ukuze akuncede ukuphendula umbuzo.
Uza kufumana uluhlu lwesigama esisetyenziswa xa kubuzwa imibuzo kwiphepha le-
11 kwesi sikhokelo sokufunda.

1.3.5 Sebenzisa ixesha lakho ngokuchanekileyo njengoko ucetyisiwe kwiphepha loviwo.


Qala ngombuzo ocinga ukuba ulula kodwa uwunombole njengoko unjalo kwiphepha
loviwo. Qwalasela amanqaku ombuzo ngamnye ukuze ukwazi ukuphendula
ngokomthamo olindelekileyo.
1.3.6 Ingqondo yakho mayihlale izinzile ngalo lonke ixesha nokuba ngaba kukho umbuzo
ukunika ubunzima xa uqala ukuwujonga kuba kusenokubakho ukunxulumana komnye
umbuzo ubusele udibene nawo. Xa uxakiwe ngumbuzo, gqitha ukuze ubuyele kuwo
ukuba ixesha likuvumela. Zama ukuphendula yonke imibuzo kangangoko unakho.

1.3.7 Bhala ngokucocekileyo, ngokucacileyo, ngocoselelo nangokulandelelana ukuze kube


lula kubakokrekishi ukufunda iimpendulo zakho.
ISAHLUKO 2
AMAGQABANTSHINTSHI NGEPHEPHA LESIBINI:

2.1 Ubude bexesha lokubhala eli phepha ziiYure eziMBINI EZINEMIZUZU


ENGAMASHUMI AMATHATHU. Umviwa kulindeleke ukuba aphendule IMIBUZO
EMIHLANU kwimibuzo ebuziweyo kwiphepha.

Qwalasela esi sishwankathelo samaCandelo amathathu ekulindeleke ukuba awaphendule


kwiphepha lesiBINI kuviwo loncwadi gabalala.

Le theyibhile yesiqulatho kulindeleke ukuba incedise abafundi bakwazi ukukhetha imibuzo


abaza kuyiphendula khon’ukuze bangafundi iphepha loviwo lonke.

ICANDELO A: ISIHOBE
Imibongo efundisiweyo: Phendula NAYIPHI NA imibuzo EMBINI
INANI LOMBUZO UMBUZO AMANQAK INOMBOLO
U YEPHEPHA
1. Umbongo Umbuzo 10
osisincoko
soncwadi

2. Umbongo Umbuzo 10
omfutshane

3. Umbongo Umbuzo 10
omfutshane

4. Umbongo Umbuzo 10
omfutshane
KUNYE
Umbongo ongafundiswanga: unyanzelekile ukuba uwuphendule
5. Umbongo Umbuzo 10
omfutshane
ICANDELO B: INOVELI
Phendula umbuzo OMNYE*
6. Ngenxa Umbuzo 25
Yesithembiso osisincoko
soncwadi
7. Ngenxa Umbuzo 25
Yesithembiso omfutshane
8. Umthombo wobomi Umbuzo 25
osisincoko
soncwadi
9. Umthombo wobomi Umbuzo 25
omfutshane
ICANDELO C: IDRAMA
Phendula umbuzo OMNYE
10. Nathi singabantu Umbuzo 25
osisincoko
soncwadi
11. Nathi singabantu Umbuzo 25
omfutshane

QAPHELA: KUMACANDELO B no C, phendula umbuzo OMNYE


OSISINCOKO SONCWADI nombuzo OMNYE OMFUTSHANE.
Nceda ungaphenduli imibuzo EMIBINI ezizincoko zoncwadi okanye imibuzo
EMIBINI emifutshane.

2.2 IMIYALELO EYA KUMFUNDI

QAPHELA OKU KULANDELAYO MFUNDI:

2.2.1 Eli phepha linamaCandelo AMATHATHU, angala:


• ICANDELO A: Isihobe (30)
• ICANDELO B: Inoveli /Uncwadi lwemveli (25)
• ICANDELO C: Idrama (25)

2.2.2 Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo.

2.2.3 Landela imiyalelo esekuqaleni kwicandelo ngalinye ngocoselelo.

2.2.4 Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA.

2.2.5 Kulindeleke ukuba uphendule IMIBUZO EMIHLANU iyonke: Imibuzo EMITHATHU


kwiCANDELO
A, OMNYE kwiCANDELO B NOMNYE kwiCANDELO C ngale ndlela ilandelayo:

ICANDELO A: ISIHOBE

IMIBONGO EMISELWEYO – Phendula nayiphi na imibuzo EMIBINI.

UMBONGO ONGAMISELWANGA – KUNYANZELEKILE UKUBA UWUPHENDULE.

ICANDELO B: INOVELI / UNCWADI LWEMVELI: Phendula umbuzo OMNYE.


ICANDELO C: IDRAMA Phendula umbuzo OMNYE.

• Phendula KUPHELA imibuzo ekwinoveli nakwidrama oyifundileyo.


• Phendula UMBUZO OMDE ube mNYE NOMFUTSHANE ube Mnye.
• Ukuba uphendule UMBUZO OMDE kwiCANDELO B, unyanzelekile ukuba uphendule

UMBUZO OMFUTSHANE kwiCANDELO C.

Yaba ixesha ngolu hlobo lulandelayo:

• ICANDELO A: Malunga nama-40 emizuzu


• ICANDELO B: Malunga nama-55 emizuzu
• ICANDELO C: Malunga nama-55 emizuzu.

Nombola iimpendulo zakho


Cwangcisa ixesha lakho
ngokuchanekileyo ulandela
ngobuchule ukuze ukwazi
imibuzo ekwiphepha
ukuphendula yonke imibuzo
loviwo.Qala icandelo ngalinye
ebuziweyo.
kwiphepha elitsha.

2.3 INGCACISO NGEMIBUZO EMIFUTSHANE YONCWADI?

• Injongo yokubuza imibuzo emifutshane kukufuna ukuqonda ukuba wena mfundi uyazi
kangakanani na incwadi yakho yenoveli oyifundileyo.

• Xa uphendula imibuzo emifutshane unikwa isicatshulwa esinomthamo ongamagama


angama190 ubude esicatshulwe kwiNoveli.
• Kunyanzelekile ukuba uphendule imibuzo kwisicatshulwa eso sicatshuliweyo. Ezinye
iimpendulo ziyafumaneka kwisicatshulwa eso senoveli.

• Eminye imibuzo iza kufuna ulwazi lwakho lokuqonda inoveli igxile kwezi zinto
zilandelayo; umxholo, abalinganiswa, imiqondiso kunye nomongo ukanti eminye
izakufuna uluvo lwakho.

2.4 INGCACISO NGEMIBUZO EMIDE YONCWADI.

• Le yimibuzo efuna impendulo ekwimo yesincoko soncwadi.

• Ubude bempendulo yombuzo omde kufuneka ibe ngamagama angama-340-390.

2.5 UPHENDULA NJANI?

Naku omawukwenze Naku omawungakwenzi


1. Khetha umbuzo uBE MNYE kwiNoveli 1. Musa ukukhetha imibuzo EMIBINI
nombuzo OMNYE kwiDrama. kwincwadi
enye.
2.Ukuba ukhethe umbuzo omde kwiNoveli 2.Musa ukukhetha imibuzo emide yomibini
(ICANDELO B) qiniseka ukuba ukhetha okanye emifutshane yomibini kwiCANDELO
umbuzo omfutshane kwiDrama B okanye C
(ICANDELO C)
3.Fundisisa umbuzo ufumane umxholo 3. Musa ukuphendula ungaqinisekanga
wokubuzwayo ukuba kubuzwa ntoni.
4. Cwangcisa impendulo yakho 4. Ukungacwangcisi kakuhle kuyakwenza
ngokuchanekileyo ulandele oku: ukuba impendulo yakho ingathungelani
Intshayelelo, isiqu nesiphelo. inamathelane.
Ukungacwangcisi kakuhle kuyakwenza
ukuba impendulo yakho ingathungelani
inamathelane.

Izinto omawuzigcine entloko xa uphendula esi sincoko soncwadi:


QAPHELA: Uphendula kwixesha langoku:

Umzekelo:
• Umbhali umveza u… esenza i… ngenjongo yoku…/Umlinganiswa ongu… wenziwe
wangumlinganiswa ocalanye (Cacisa ukuba kuthetha ukuthini ukuthi umlinganiswa
ucalanye) ngolu hlobo nolu hlobo. Wenza oku noku. Umbhali umveza esenza oku noku
njalo njalo.

• Ungaze usebenzise umntu wokuqala, sebenzisa umntu wesithathu. Musa ukuthi “


umlinganiswa othile “ndimbona”. Yithi ubonakala okanye uboniswa njengomntu
othanda….
• Xoxa, cacisa uzixhase ngokuzekelisa.
• Sebenzisa iimpawu zocaphulo qho xa ucaphula.
• Kufuneka utolike, uphicothe, uhlomle de maxa wambi unike uluvo olulolwakho ngesihloko
okanye umxholo kule NOVELI UYIKHETHILEYO.
• Ingxoxo yixhase okanye ubonakalise ukuyazi nokuyiqonda incwadi nolwimi oku
ungakwenza ngokuzixhasa ngeempawu zencwadi .
• Ukucaphula kuluncedo kuncwadi olufundwayo olusesikweni, xa ungakhumbuli ucaphulo
oluchanekileyo kakuhle sebenzisa awakho amagama.
• Xa ubhala, bhala ngokungathi kukho umntu ofuna ukukuphikisa kulo mba uwubekayo
okanye umntu ongayiqondiyo okanye ongayaziyo kwaphela le nto ubhala ngayo ukuze ke
uqinisekise ukuba umcacisele ngokuzeleyo ukuze aqonde.
• Musa ukunqunqa kwaye ungaqapheli xa uxoxa ngelithi kukho into eyaziwa ngumntu oza
kumakisha le nto uyibhalileyo. Lilonke musa ukusuka uthi “UDumile wayengumcuphi
ophume izandla”, uphele apho. Cacisa Mininzi imibuzo ngesi sivakalisi. NguDumile
otheni? Ubucuphi obobutheni, xa bekutheni? Bekusuke kwathini? Phuhla! Esi sivakalisi
siyaxhasa nokuba siluluvo? Ukuba siyaxhasa, luphi uluvo? Luthini? Siya kusazi njani
ukuba siphumelele? Sibonisa ntoni esi senzo ngokolu luvo lwakho?

OKULINDELWE NGABAVAVANYI KUMFUNDI XA EPHENDULA IMIBUZO KWELI


PHEPHA.

Abavavanyi balindele iimpendulo zemibuzo emifutshane ezibhekiselele kule miba ilandelayo:

• Ukuqonda intsingiselo eyintsusa yenoveli.


• Ukubonisa ulwazi lwakho lwenoveli. Umzekelo: ungabuzwa ushwankathelo lweempawu /
iziganeko eziphambili okanye chaza ukufana okanye ukwahluka kwabalinganiswa
ababini kwinoveli.
• Isakhono sakho sokunikezela ngolwazi olungavezwanga ngokucacileyo kwisicatshulwa,
usebenzisa oko osele ukwazi ngeNoveli: Oku kubizwa ukuba kukuthatha izigqibo. Oku
kuchaza iindlela ekusetyenziswa ngazo izigaba zentetho zingakuchaphazela ukuqonda
komfundi iNoveli, ucacisa umxholo okanye iyantlukwano yezenzo zabalinganiswa
abohlukileyo.
• Ukuthatha izigqibo ngemiba ethile yenoveli, ube noluvo lwakho ngokolwazi onalo
ngeNoveli. Le nkqubo yeyokuphonononga. Umzekelo, umviwa angabuzwa ukuba
uyangqinelena noluvo okanye axoxe ngesenzo somlinganiswa athe wasenza kwiNoveli.
• Ukukwazi ukuphendula ngabalinganiswa kwinoveli ngendlela abazotywe ngayo
ngokwemvakalelo zabo. Oku kubizwa ukuba kukuncoma ugxeka. Umzekelo, umviwa
kungafunwa ukuba anike uluvo lwakhe ngendlela aziva ngayo umlinganiswa othile,
okanye ubunokwenza njani ukuba ubusezihlangwini zaloo mlinganiswa.

2.7 Uluhlu lwamagama asetyenziswa kwimibuzo

Umbuzo Uhlobo lwempendulo elindelekileyo

Hlalutya Bonisa ukucingisisa ngezithako ezithile ezikhoyo kumbongo okanye kwincwadi


(iNoveli/ uNcwadi lweMveli/ iDrama).
Tyhila Velisa ukuba loo nto ibuzwayo ikho ngenene kunye nezithako zayo.
Ngqina Apha uxhasa olo luvo lubekiweyo uzixhasa ngeziganeko ezisencwadini /
ngobungqina obubonakalayo. Umzekelo: ukuba kuthiwa ngqina ukuba lo mbongo yi-
eleji, sebenzisa ulwazi lwakho lweempawu ze-eleji uzichonge kumbongo lowo
ubonisa uzixhasa ukuba ezo mpawu zithetha ukuba umbongo lowo yi-eleji.
Xoxa Beka omabini amacala elubala kunjalonje uwazi omabini nangona ufuna ukuthatha
isigqibo ngelo ulikhethayo UZIXHASE KANOBOM NGEZEHLO ezisencwadini.
Nika intsingiselo Musa ukunika isifanokuthi koko xela ngamagama amaninzi ukuba ithetha ukuthini
loo nto ibuzwayo.
Cacisa Nika ingcaciso ezeleyo malunga noko kubuzwayo ujonge umthamo wamanqaku.
Chaza Nika inkcaza malunga naloo nto ifunwayo/ unganika ubume bayo, ujonge umthamo
wamanqaku.
Caphula Bhala elo gama/ binzana njengoko linjalo / isivakalisi njengoko sinjalo.
Ngqina Beka uluvo lwakho lokungqina, uzixhase ngokusencwadini, uze ucaphule imizekelo
exhasa olu luvo lwakho.
Chonga umqolo Kulindeleke ukuba uwucaphule umqlo lowo njengoko unjalo / inani lomqolo,
kuxhomekeka kwindlela ekubuzwe ngayo.
Xhasa impendulo Kusoloko kufunwa ubungqina bale nto uthe wena yiyo ngobungqina obusencwadini
yakho kwakunye nemizekelo encedisayo.
Bonisa Sebenzisa ulwimi oluzekelisayo uze uchonge.

ISAHLUKO 3 : UHLALUTYO LWENOVELI: NGENXA YESITHEMBISO

3.1 Yintoni inoveli?


noMbhadi (1978:35) bayichaza ngolu hlobo:

…[l]ibali eligqibeleleyo, esithi okukhona sifunda sisiya phambili kube kukhona


sifumana izinto ezintsha ezitsala ingqondo zethu. Eli bali liqhutyelwa phambili
ngabalinganiswa. Aba balinganiswa benza ibali libe nomdla ngakumbi kuba
ngabantu abangafaniyo ngezimo zabo.
UJafta
ENYE INKCAZELO NGENOVELI
•Luncwadi olubhalwe ngumbhali gabalala
ebalisa, ecingela ubude obuchazwayo,
ikakhulu liba neploti engaqondakaliyo
yesenzeko, intetho kunye neengcinga
zabalinganiswa zibakumgangathp
zibakumgangatho obonakalisa izinto
njengoko zinjalo.
•Isebenzisana neengcinga zoluntu olunamava ikakhulu

3.2 IINDIDI ZEENOVELI

Nangona kungekho lula ukuphuma nempendulo kulo mbuzo incwadi ungekayifundi kodwa
kuyafuneka ukuba wakuba uyifunde wayigqiba okukuqala noko ukwazi ukuwuphendula
umbuzo othi, Ingaba luhlobo luni lwenoveli olu. Masisebenzise iindidi ezine kuphela
okwangoku;
INGCACISO NGEENDIDI ZEENOVELI
Inoveli zihlelwa ngokomxholo wazo Inoveli

Inoveli ziziindidi ngeendidi ezizezi:

3.2 Ezingothando:

• Zibonakala ngokuba kubekho umntu onothando olungazenzisiyo ngakomnye umntu.


• Omnye akaqiniseki ukuba uthandwa ngohlobo athandwa ngalo angalubuyisi uthando olo.
• Iba lolo kruthakruthwano omnye efuna olwakhe uthando.
• Imiqobo iyasuswa uthando luphindele kumninilo.

3.3 Ezingesishiqi sentlalo:

• Umzali okanye umntu ohloniphekileyo entlalweni wenza izinto ngondlela ndala


ongasamkelekanga
okanye ngendlela engamkelekanga.
• Abanye okanye omnye akaneliseki yindlela ezenzeka ngayo izinto.
Kubakho impixano phakathi kwesi sibini okanye amaqela amabini.
•Omnye kufuneka ade azibone ukuba ayikho le ndlela acinga ngayo alungise ke

3.4 Ezingophando

• Kukho isenzo sobugewu ekufuneka sisonjululwe.


• Imigewu isenokuba yiyo yodwa kweli bali ibe ngulowo efuna ukuveza omnye.
• Ezixhaphakileyo amapolisa /abacuphi basukuzana nemigewu.
• Kukho unxunguphalo, amaxhoba nomkhondo oman’ukwakhelana ngokuya likhula ibali.
• Umphandi/ umlinganiswa oyintloko iba ngumcuphi okanye ipolisa okanye nabani na
ovele umdla ngezizathu zakhe kulo mba.
• Kusetyenzwa ngale micu yomkhondo bade bavele abenzi bobubi kodwa konke oku kumenza
lowo ucuphayo abe semngciphekweni.

• Lusenokubakho uthando olufafaziweyo ukuze ibali lingadiki kungenjalo abo bebekunye


ekuphandeni baphele sele bethandana.
3.5 Ezingolwaphulo mthetho
• Kubakho umlinganiswa ozenzo zibi, owenze isenzo esihlasimlisa umzimba, ingakukubulala
okanye nayiphi na.
• Kukho umlinganiswa ozenzo zihle osebenzisa umthetho ukohlwaya ozenzo zibi.
• Akukho bunzulu bunikwayo ngesenzo eso simasikizi.
• Senzeka kwintlalo yabantu basesikolweni.
Umsebenzi
• Ngababini, sebenzisani esi sikhokelo singentla ekuthatheni isigqibo malunga nodidi
lwale noveli niyifundiswayo.
• Bhala phantsi uluvo lweqela lakho kwincwadi yakho.
• Xhasa impendulo yakho/Xela isizathu sokuba ukhethe ukuthi le noveli ilolo didi.
(Sebenzisa
uphawu lodidi lwenoveli oyikhethayo uze uxhase ngemeko ekwincwadi oyifundayo.)
QAPHELA: Mhlawumbi olu lwazana lungezantsi lungakwenza umdla kuba luya
kubaluleka xa ufuna UKUCHONGA LOWO UYA KUBA ngumlinganiswa oyintloko
kwinoveli yakho yophando.

Ezingophando: zindidi ninzi singabalula


(Ngubani umenzi wesi senzo?) Kolu didi; (Singamfumana njani umenzi wesi
senzo?) Kolu didi;
• Umenzi wobubi akaziwa. • Zisuka nje umenzi
• Ibali lijolise ekufumaneni igama wobugebenga/wobugewu uyaziwa.
lomenzi • Umfundi webali umaziswa zisuka.
• Umfundi wenoveli uhamba kunye • Ibali lijoliswe kwindlela umphandi aza
nomphandi ukufumana ukuba kusebenzisa ngayo imicu
ngubani umenzi wobubi. yomkhondo ukubamba abenzi
bobubi.

Inoveli uyahlula njani ke kwidrama?


Inoveli Idrama
• Inoveli ibhalelwe ukuba ifundwe • Umdlalo ubhalelwe ukudlalwa eqongeni
• Ibhalwa kwimo yeprozi ubukhulu • Ibhalwa kwimo yengxoxo.
becala. nangona abalinganiswa • Akunikwa ingcaciso inde koko kunikwa
bakhe benziwe bazithethele nje. ulwazi malunga nendlela amabaziphathe
• Luninzi ulwazi olunikwayo ngazo, kufuneke sizicingele ukuba izinto
/kuninzi okucaciswayo abazenzayo okanye imeko abakuzo abadlali
• Kuxhomekeke kwindlela / zithetha ukuthini sitsho sigqibe ngezimo
umbhali achaza ngayo ukunika zabo.
iimeko abakuzo abalinganiswa
esebenzisa amagama amaninzi, Sifunda ngabadlali njengokuba umdlalo
anike iinkcukacha malunga uqhuba ngeencoko zabo singeva
neendlela abaziva ngazo ngababhali. Umdlalo uyadlalwa ze sicingele
abalinganiswa kwakunye iimeko zabadlali kudaba lobuso, kumculo
nendlela abenza ngazo izinto. odlalwayo ngeli xesha uqhubayo, nezinye
izinto ezifana nezithunzi kwanokukhanya
okuboniswayo

QAPHELA: Ingxoxo nangona iluphawu olugqamileyo kwidrama ikwasisixhobo


• Sokusikrobisa kwiziganeko eziseza kuhla
• Sokutyhila izimo zabalinganiswa.
• Sokukrobisa abafundi kwiingcinga zabalinganiswa
• Sokukrobisa kwimeko abalinganiswa abebephantsi kwazo

3.6 Amabal’engwe ngombhali

U-EZRA MCEBISI NKOHLA, ngumbhali owazalelwa kwisithili saseMt. Fletcher, ezalwa


ngabangasekhoyo uDavid noNomagalili. Imfundo yamabanga aphantsi uyenze eCorrinth
J.S.S. eMzimkhulu naseMt Fletcher Village J.S.S. ukuze eyamabanga aphakamileyo wayenza
aRamafole High School kwalapho eMt Fletcher.
Uthando lwakhe nesakhono sokubhala lwabonakala kumabalana awayewabhala aze
afundwe esikolweni sakhe kunye nasekuhlaleni. Ngenxa yalo msebenzi wakhe wawongwa
ngembasa ngomnyaka wowama-2008 ekulibhaso lakhe lokuqala kulwimi lwesiXhosa. Oku
kwakuququzelelwa liSebe lezeNkcubeko neeLwimi kwiphondo lakwaZulu-Natal
ngelikhuthaza ababhali beelwimi zesintu. U-Ezra ulilungu lababhali elibizwa ngokuba
yiBHALA-NCIBA eMpuma Koloni. Le noveli ligalelo lakhe lokuqala ukuba lifikelele kwesi
sigaba kambe ikho eminye imisebenzi ayibhalileyo.
U-Ezra uphangele kwiSebe lakwa-Social Development ukususela ngowe-1997 waze
wawelela kwiarhente yakwa-SASSA apho asaxelenga khona kwiphondo lakwaZulu-Natal.
Unesetifiketi kwi-Social Security asenze kwiDyunivesithi yaseJohannesburg eyayisakuba yi-
R-A-U

4.1 UNgenxa yesithembiso yinoveli engophando

4.1.1 INTSINGISELO YESIHLOKO NOQWEQWE LWALE NOVELI


Esi sihloko sale ncwadi sithi Ngenxa yesithembiso sitsala umdla kuye wonke umntu othanda
ukufunda uncwadi lwesiXhosa enomnqweno wokwazi ukuba ingaba ngubani lo wenze
isithembiso? Ethembisa ngantoni? Kubani? Isithembiso sisibhamabthiso/ idinga/ umqophiso/
isifungo esenziwa ngumntu komnye sokuba uyakwenza okanye akayi kwenza nto kungenjalo
uya kumpha okanye amzuzele nto.
Ukuthi Ngenxa Yesithembiso kukuzibophelela ekubeni uya kwenza nantoni ukuzama
ukuphumeza oko ubumthembise ngako. Kule noveli uDumile uzibophelele ukuba
wazinikezela ukuba nguye ozakugqatsela ukuphanda ngamabanjwa aqhweshileyo
anobungozi kwitrongo yaseMthatha. Okwesibini kwisahluko sesi-3 ‘Ndinesingqala’, uDumile
uthembisa uMavis ukuba akasilibelanga isithembiso somsesane wengeji awamfaka sona
koko usaqokelela ukuze bade batshate. Okwesithathu kwisahluko sesi-6 ‘Iinyembezi
zothando’, xa eza kundukuluka ukuya kuqala uphando lwakhe, banikana izithembiso noMavis
ngendlela abaza kunxibelelana ngayo nokuba uMavis angaze ayiphathe nakubani le ndlela
ihanjwa nguDumile. Konke oku kuyazalisekiswa kwisahluko se-16 ‘Ngenxa yesithembiso’,
apho uDumile adityaniswa nguNomvuyo noMavis awamgqibela eRhawutini efihlwe zizigwinta.
Ufike abeleke unyana wabo, ze uMavis amthiye igama lokuba nguSithembiso.
5.1 ISIHLOKO SIBHALWE NJANI?

Isihloko sibhalwe ngamagama amnyama. Ubumnyama ke busoloko bunxulunyaniswa


nezinto ezimbi. Ithi ke intetho yamaXhosa kuqala kubemnyama phambi kokuba kukhanye.
Kule ncwadi sihle sibone ukuba khange kubelula kuDj ukufumana la mabanjwa kuba
kubekho amagingxiginxi ahlangabezene nawo esinda nasekufeni.

5.1.2 UMFANEKISO NOMBALA ONGAPHANDLE UQWEQWE LWENCWADI


Kuhlalutyo loncwadi siqwalasela ezi zinto zilandelayo kuqweqwe: isihloko, umbala woqweqwe
loncwadi. Apha kule ncwadi sifumana isikali, umqulu wencwadi, ihamile.
5.1.3 SIKALI
Esi sikali asilingani sinecala elisindekayo elinye lihlile. Loo nto ibonisa ukuba kukho ingxaki
ekhoyo apha kwibali lethu. Ingaba yiyiphi le ngxaki? Eli cala linyukileyo kwesi sikali singatsho
ukuba zizaphuli mthetho, Khumbula kaloku mfundi kukho amabanjwa amathandathu la siva
ukuba aqhweshile, kubekho izaphuli mtheho abantu abafana nala mlungukazi othengisa
iziyobisi ngaseAirpot kukho abantu abathengisela abantwana besikolo iziyobisi, kukho
uNontsasa okanye uSasa osebenzisana nemigewu. Kweli cala lihlileyo kumi uDj kuphela
nguye kuphela omele ubulungisa. Yilo nto sihlile kwelinye icala.

5.1.4 UMQULU WENCWADI OVULIWEYO


Lo mqulu siwubonayo wencwadi ulapha kweli qweqwe lethu singatsho ukuba yincwadi
esetyenziswa kwiinkundla zomthetho. Kusetyenziswa wona ukujonga ukuba isigwebo
somntu singakanani phambi kokuba anikwe isohlwayo esimfaneleyo. UNkohla usibonisa
ukuba umntu akavele anikwe isohlwayo nje kuba ophule umthetho.
5.1.5 IHAMILE (masiyithiye ukuba yihamile esi sixhobo)
Sesinye sezixhobo esisetyenziswa kwinkundla zamatyala xa kufuneka kukho inzolo
enkundleni noxa kuzogwetywa lowo wophule umthetho.

5.1.6 UMBALA WENCWADI.


Xa sijonga iqweqwe lale ncwadi umbala walo ngucwambu (cream). Ucwambu ke aluvele nje
lubekho kungakhange kubile nto. Olu cwambu ke kule ncwadi zizaphuli mthetho,
ubugebenga, ubuqhophololo obenziwa ngabantu bomthetho ukuya kwabo ingengabo
abantu bomthetho. Umlinganiswa onguDumile Jojo uzama ukusiphula nengcambu olo
lwaphulo mthetho olugquba kule ncwadi. Asazi ke nokuba uza kuphumelela na kuba kukho
nabomthetho kule mizamo yakhe. Sisajonge umbala phaya kungqameko loncwadI kukho
umbala omhlophe. Umbala omhlophe, unxulunyaniswa noxolo okanye ubunyulu. Oku
kubonisa ukuba abo bebezizaphuli mthetho kule ncwadi baphela betshintsha kuba abanye
siva ukuba baye boluleka amabanjwa, uDada olipolisa obebandakanyeka kwizaphuli
mthetho ufumana ingqawule okanye uxolelo.

5.1. 7 AMAGQABANTSHINTSHI NGENOVELI


INoveli esihloko sithi Ngenxa Yesithembiso. Le noveli ingebali apho amabanjwa anobungozi
athi aqhwesha eluvalelweni. Emva kokwehla kwesi sehlo amapolisa anikwa ithuba lokucinga
ukuba ngubani oza kuzigqatsela ukulandela elit yala aphande la mabanjwa. umthetho
obekiweyo kukuba kufuneka ipolisa elinye elizakuphanda ngaloo mabanjwa. Kwelinye icala
uSajini Dada noNdaba bona bagqibe ukuba basebenze beliqela besophula loo myalelo
kaKaptein. Eli qela likaSajini Dada lide lazikhupha ephepheni iSolomzi ngokuncediswa
yintatheli eyintloko uTshezi ibiphakathi kwalamagqugula njengoko omnye wala mabanjwa
ingumntu azalana naye. OoSajini Dada sibabona besondeza uDumile ukuze asebenzisane
nabo. uDumile akabanikanga mpendulo ingqalileyo. Kule ndibano wasinda uDumile kuba
kwathi kanti kukho umntu owathi wabathwebula ngokubafota ngeli xesha yena esaye
kuthenga ibhiya. UDumile uye wathatha isigqibo sokuzigqatsela olu phando. Uye wamxelela
ekhusini uKaptein kuba engafuni ukwaziwa ngoogxa bakhe. Uqalisile ke ukwenza uphando
lwakhe wafuna izixhobo zokusebenza njengoko ayenobungozi loo mabanjwa. Uhambe
wakufumana ulwazi kuTshezi. Ufike apho wazenza igqwetha elilwela amalungelo abantu.
UTshezi umvulela isifuba wamchazela nokuba basebenzisana noDada. Uphumile apho waya
kwaDada nalapho afumene iVidiyo wathi akuyibukela wabona uDada phakathi kulo mabanjwa
ayebaliswa. Akaphumlanga waya kwihotele eHeshele nalapho afike kwinenekazi ebelingafuni
angene kodwa wathi akuligrogrisa lamxelela ukuba baphi. Walibamba elo nenekazi kunje
noDada uNdaba wabaleka yena. Akaphumlanga akuva apho baziznze khona eRhawutini.
Apho udibana noSasa intombi enomfaneleko nentle. Simbona engakuchasanga ukuba
abaneya kanti akazanga ukuba usebenza nezi zikrelemnqa. Umenzela iyeleqe ngokuthi baye
kwenye yeresturant zodidi oluphezulu. Apho kufike izihange zadubula, wadutyulwa naye
uDumile. Kodwa naye wazikhelela kwezinye zengxwelerha ezazilapho. USasa wayesele
engabonakali nangetshengele. Uphindile uSasa wandwendwela uDumile ngeliya kumnika
isipho. Isipho eso esasiyibhombu nesathi sabulala yena Sasa kodwa besilungiselwe ukubula
uDumile. UDumile emveni koko wayilandelela le nto kuba kaloku wayesele efumene ifoto
yakhe kwibhegi kaSasa. Uya kwaSasa nalapho afumene khona idayari necwecwe
elishicilelwe phantsi kwephone ezixelela indlela azakubulawa ngayo yena Dumile kunye
nesithandwa sakhe uMavis. uMavis uyathinjwa zizigebenga. UDumile ubanexhala lokuba
uswelekile kuba ufike kwindawo ebekuyo kukho isihlangu ebeshiyekile kunye nomzila wegazi.
UDumile ufikelwa nguNomvuyo efuna ukuba baye kwisikhululu senqwelo moya, wabe
enganawo umdla kodwa yena uNomvuyo elonwabele olo hambo. Xa befika apho kanti
bazokulanda uMavisi. Kwaba yomivuyo kwesi sibini. Baye bafumana umntwana ngeveki
yekrismesi. UMavis yena uphela esoluleka amabhinqa abelekela entilongweni.

6.1 ISAKHIWO NESAKHIWANA SEBALI


USatyo (1991:71) nezinye iingcali bathi: “isakhiwo sebali ke lucwangciso lwezinto ezihlayo
okanye ezenzeka ebalini.” bahambisa bathi xa kusenziwa olo cwangciso kugxininiswa
kunobangela nesiphumo. Ukuze licwangciswe ngokukuko ibali kufanele iziganeko
zilandelelane kakuhle ngokokuhla kwazo, esinye sikhokelele kwesilandelayo ngaphezulu
kubalulekile ukuba zithungelane. Inoveli inezakhiwo ezahlukeneyo. Kukho isakhiwo
sesithethe (traditional plot).
Esi seso sakhiwo sahlulwe sanesiqalo, isiqu kunye nesiphelo. Sesona silandeleka ngokulula,
iziganeko zilandelana ngokucacileyo. Sikho eso sakhiwe ngamanqanaba afana nawomdlalo
weqonga (dramatic plot). Esinye isakhiwo seso sohlulwe ngeziqendu (episodic plot). Isiqendu
ngasinye sivula ngokuyondelelana kwezinto (rising action) okukhokelela kuvutho-ndaba
(climax)ze kulandelwe sisiphelo (ending). Ukuze ibali lakheke ngokukuko kufanele
liyondelelane. Kuye kusetyenziswe izixhobo ezithile ukuliyondelanisa. Esona sixhobo
siphambili ekwenzeni oku yimpixano. Xa ibondeke kakuhle iye idale umdla kubafundi.
NgokukaSatyo impixano le sesona sihlahla ekwakhiweni kwebali. Uthi kufuneka kube khona
ungquzulwano oluthile noluthi luqhubele phambili ibali side siyofika kwisisombululo solo
kruthakruthwano Esinye isixhobo esibalulekileyo lixhala. Eli xhala ligcina abafundi benomdla
kuba basoloko befuna ukuqonda ukuba yintoni eza kude ihle. Lilo elidala ukuba
babandakanyeke ebalini ngemvakalelo yabo. Liyabathimba bazibone beyinxalenye yebali
nabo.

6.2 ISAKHIWANA SEBALI


• Libalana eliqhubeka ecaleni kweli bali likhulu kodwa injongo yalo ikukulikhulisa.
• Sifana nebali elifutshane, sifumaneka phakathi kwisakhiwo kodwa siba
nentshayelelo, isiqu nesiphelo.
• Yindlela esetyenziswa ngumbhali ukolula ibali lakhe ukuze lingafiki msinya
kuvuthondaba, udla ngokusebenzisa umlinganiswa okufutshane nomlinganiswa oyintloko.
• Ibali liyakwazi ukuqhubeleka naxa singekho isakhiwana.

6.3 IMIBA EBALULEKILEYO NEMAYIQWALASELWE XA KUFUNDWA INOVELI


Imvelaphi nesimo
sentlalo
Iimpawu eziyahlula
kolunye udidi
Isakhiwo nesakhi -
loncwadi
wa, isigqibelo/i -
siphelo
Imbono esekwe
phezu kwayo
iNoveli
Abalinganiswa

Imbono esekwe
phezu kwayo
iNoveli UKUFUNDA
NOKUHLALUTYA Indima ezihlalwa
IINOVELI ngabalinganiswa

Unxunguphalo

Imixholo nemiyalezo

Impixano

Ulwimi nesimbo

Umoya

Isicingo
sexesha

AMANQANABA ESAKHIWO SENOVELI


• Ingabula zigcawu.
• Ukuyondelelana kwezinto.
• Uvuthondaba.
• Ukusonjululwa kwezinto.
• Isiphelo.

6.4 Iziqulatho zesakhiwo nesakhiwana (unxantathu kaFreytag)

6.5 Ingabula zigcawu

• Ingabula zigcawu yintshayelelo yemibandela yezinto eziza kwenzeka ebalini.


Kulapho izithole zempixano zihlwayelwa khona. Kulapho umbhali athi azise
khona abalinganiswa abaphambili kunye nefuthe labo, ixesha kunye nendawo
ibali eliqhubeka kuyo.

Masikhe sixoxe apha sive


• Apha kule ncwadi ‘Ngenxa yesithembiso’ sithi siyivula nje kwasekuqalenisibe siva
ngamabanjwa anobungozi aqhweshe entolongweni.
• La mabanjwa kufuneka ephandiwe oko sikuva kuKhaptein Nakeni.
• UDumile ongumlinganiswa oyintloko uthi athathe isigqibo zokuzigqatsela olu phando.
• Unabachasi bakhe uDada kunye noNdaba.
• La mapolisa acebisa kwaye afuna ukuba basebenze beliqela ukwenza olu phando.
• UDumile akavumi ukusebenzisana noogxa bakhe utsho esithela ngempilo yakhe.
• Ukwanazo neengcamango zokurhoxa kwinkonzo yobupolisa.
• Uxelela iziphathamandla zakhe ukuba ukulungele ukwenza olu phando.
6.6 Ukuyondelelana kwebali

Khawuhlafune apha ucingisise ngeli nqanaba


• Kweli nqanaba ziyakhula iziganeko nomoya wempixano uya ukhula ngokukhula ubheka
phambili, izimo zabalinganiswa ziyadula / ziyavela.
• Kwa-isahluko esithi ‘Thuma mna bawo’ sibonakalisa ukuyondelelana kwezinto.
Umnqweno
• kaKapteni Nakeni uyazaliseka. (p18)
• UDJ utsalela umnxeba uKhapteni, ngochulumanco nomothuko uKhapteni umdlulisela
kuLeftenenti
• Ngumbela kunye neNjengele yabacuphi into kaMbhobho kunye noMphathiswa
wezokhuseleko.
• Eso sine sithe sadibana kwi-ofisi kaKhapteni Nakeni.
• UJojo unikwa imigqaliselo aza kusebenza phantsi kwayo. Ukusebenza emini nokuba
ngomnye woonogada.
• UJojo ufuna ukusebenza ngendlela abona ngayo, kuba ebona ukuba eyabo iyakuba
iyambophelela kwaphela. Abaphathi bathe bamvumela kwisicelo sakhe. (p20)
• Iphepha ndaba iSolomzi likhupha umfanekiso wabacuphi abazimisele ukuwa
ekhondweni lezikrelemnqa.

• Ipolisa uDada libonisa uJojo lo mfanekiso. UJojo akakho kulo mfanekiso.


Ukwakhumbuza ipolisa uDada ukuba umthetho ubuthe ufuna umntu omnye hayi
iqela. (p23)
• UPhando lokuqala (Kwiphephandaba) Ukuqala uphando lwakhe uJojo utyelela
umzi wephephandaba iSolomzi apho afike wazenza igqwetha elinguZweni Malahle.
• Ufumana ulwazi lokuba uTshezi umhleli usebenza noMnumzana Dada. Ngabo
abazama icebo lokusindisa isithandathu samabanjwa. (p33)
• UJojo ukhulise ubuhlobo nentsebenziswano phakathi kwakhe noTshezi uMhleli. Uthe
angayazisi mntu okanye ayipapashe indibano yabo.
• Ukwafumene nolwazi lokuba uTshezi lo, isibini kumabanjwa ngabatshana bakhe.
(p34). Ulwazi alufumene kuMhleli lumenze waqonda ukuba kube bubulumko
ukungafuni ukusebenza neqela labacuphi.
• Ngosuku lwangoLwesithathu ebelubekiwe uJojo udibana nezinxiba mxhaka
njengedinga. Ubanika indlela afuna ukusebenza ngayo. Ukususwa kukaDada asiwe
kwiNkampu ekude gqitha eMthatha yenye yeendlela ezenze uDJ akwazi
ukusebenzisa isakhono sakhe sokuphanda. Unike icebo lokuba kulo mgushuzo
makaphelekwe ngamapolisa amathathu ukuze angabi nakurhanela nto. Kodwa
omnye asebenze njengongcothoza ojonge yonke intshukumo kaDada. USajini
UNdaba yena wacebisa ukuba akhe anqunyanyiswe
emsebenzini isithuba senyanga. Naye kubekho isibini samapolisa esikule meko
yakhe, naso simana ukujoja okuqhubekayo. Ingxelo ucebise ukuba isiwe kuKhapteni
Nakani njengamntu obebathumile.
• Ufune isikhuseli somzimba, ikhamera yodidi esebenza kuzo zonke iimeko zemozulu,
ukusiwa kwemoto kwinjineli ifakelwe isalatha-ndlela, unomathotholo
wokuqhakamshelana nesipolisa.
• UPhando lwesibini (Kwindlu kaDada) Kufunyanwa uluhlu lwenombolo
ezingenamagama abantu. Iikhowudi zibonakalisa ukuba uninzi zezaseRhawutini.
Uvukuza ipokotho nganye yebhulukhwe kodwa akafumananga nto. Emazantsi
ewodrophu ufumana umbayimbayi wohlobo lweAK-47. Ubona isishuba
esingacacanga ukuba sinantoni na. “Sisigcayiseli, yibhombu ejulwayo, yibhombu
yapasile….’ (p41).

• Ubhaqa ikhasethi enombhalo othi ‘UMTHATHA CENTRAL PRISON.’ Uyayidlala le


vidiyo. Kubonakala loo mabanjwa nendlela awayebotshwe ngayo ephahle nguDada.
Ube nomdla wokucela uKhapteni Nakeni aphande ngobudlelwane bukaDada
namapolisa abonakala kwividiyo. Isiqwentshu sephepha esinegama uNEO
sasinxulumene negama lesiSuthu. uZ yena enxulumene noZweni.
• Uphando kumphicothi zincwadi zemfonofmfono: UJojo uphanda ngeenombolo
azifumene kwaDada. Akazifihli ukuba ungumcuphi kubo nangona engaxelanga ukuba
uphanda ntoni. Uthembisa ukubavuza ukuba bayenze eyakwamkhozi le ndaba
yokuphanda kwakhe ezi nombolo. Bathembisa bengawazi benjalo umvuzo. (p42)
• Ukoxuthwa kwemoto kaNomvuyo: UJojo esazilolonga ukhweliswa yimoto yenenkazi
elimazileyo. Ngephanyazo bayaxhonyiswa ze akhutshwe umqhubi. Ulala ngesemva
de afumane ithuba lokuzilwela. Ekujijisaneni kwabo ngompu uyadubuleka umxhomisi
afe. Kuvela udaba lokuba lowo ufe kolo dubulwano ngomnye (wezikrelemnqa)
wabaqhweshe ejele. UJojo akavumi ukuba udutyulwe nguye, uthe uzidubule
ngokwakhe.
• Udliwano-ndlebe lwenombolo ezaziphandwa: UJojo ufumanisa ukuba kwezi
nombolo udliwanondlebe luphakathi kukaDada, uMhleli uTshezi, uSajini UNdaba
nenye indoda awayeyilandelela. Kwingxoxo mpikiswano yevidiyo ufumanisa ukuba
Neo yinkokheli yemigewu le sele inabele uqaqaqa ibixhomisa imoto ngenjongo yokuya
kuDada eHeshele.

6.7 Uvuthondaba
Khawucingisise ngokuqhubekayo kule mizekelo

Apha kweli nqanaba akukho kubuya mva, zizaqhwithi zodwa, elowo umlinganiswa
uzijule ijacu, umonde wokunyamezela uphelile, elowo umlinganiswa ophambili uthi
mayisuke yehle ehlayo.
• Ukuhambo oluya eHeshele kwindibano yeqela:
• UJojo ufika imoto kaNdaba imi phandle yodwa.
• Ukhupha umoya emavilini elungiselela nokuba uphume wabaleka angakwazi ukuze
akwazi ukumfumna,emveni koko ungene ngaphakathi.
• Ufika agxagxamise intwazana esemnyango imxelela ukuba bakumgangatho
wesithathu kwinombolo-7. Ungena engankqonkqozanga afike kukho uDada
noNdaba.

• Inenekazi alishiye kumgangatho ongezantsi lifika sele limkhomba ngompu.


• Kuloo duntsu duntsu ulibetha ngengqiniba liwe, uSajini uNdaba unyebelezela
aphume.
• UDada neli nenekazi bayabanjwa. Kuyiwa nabo eMthatha
• Kuba ngummangaliso ukubanjwa kukaDada.
Ukuphandwa kwenenekazi:
• Kufumaniseke ukuba eli nenekazi belihambisana noNeo.
• UJojo ulincinile de lachaza ukuba basebenzela eRhawutini.
• Uye kuDada ze yena wachaza indima abe eyidlala kweli qela, ukudukisa zonke
iinkcukacha malunga norhano nezimangalo ezivukayo kweli qela.
• Ukuqinisekisa ukuba ubani uthe wabanjwa azinakuphela iiveki ezimbini
eseluvalelweni. Ukwadize ukuba oku kunomvuzo omninzi kunalowo ebewufumana
emsebenzini.
• Ukwadiza nokuba umsebenzi kaSajini uNdaba ibikukunxibelelanisa eli qela nesipolisa
ngokulilumkisa ngamacebo aza kuthatyathwa ngakulo.
• Loo nto ibisenza amapolisa angaphumeleli kumsebenzi wawo.
Ukubulawa kukaSajini uNdaba nelinye ipolisa:
• Esancwina uDada uJojo ufumana umnxeba wokuba akhawuleze ukuya eMaclear.
• Ufumana indaba zokuba uSajini uNdaba uye akafuna kumisa suka wagalela
ngeembumbulu kwamanye amapolisa.
• Ekuphindiseni lichanekile elinye ipolisa lalala umbethe.
• Yena ugqitywa lelinye ipolisa ngokuzikhusela.
Ukubanjwa kukaMhleli uTshezi:
• UMhleli utsalelana umnxeba noSajini uJojo ze amxelele ukuba ungungcothoza yaye
angaphinde eze emsebenzini wabo.
• Uthe ukuza kwakhe kwii-ofisi zabo woba uzifaka kwenkulu inkathazo.
• Ngomsindo uSajini uJojo uyalele ukubanjwa kukaTshezi.
• Ngeli xa aye kubanjwa ufune ukuzilwela de kwangxwelereka iqela labantu.
• Kuloo mbhodamo amapolisa amathathu ayadubuleka anabele uqaqaqa.
• uMhleli uTshezi yena uyasinda nangona esesibhedlele phantsi kogcino lwamapolisa.

Ukuxhonyiswa kweRestyu:
• kwirestyu ebekuyo uJojo kuyaxhonyiswa.
• USasa abehleli naye uyanyamalala angabonakali kwaphela.
• Emva koko bayaxhonyiswa. Uyaziphindezela ngokudubula naye udutyulwa emlenzeni
iimbumbulu de zibe mbini. Kufika uMavis eze kumlanda ngokubona okwenzekileyo
kumabonakude.
• Akahambi naye ukugoduka koko uhlala kwenye yeehotele kwalapho eRhawutini.
• Kufika amapolisa ziyabanjwa izikrelemnqa.
• Ezo zikrelemnqa zabuyiselwa eMthatha njengezo zaziqhweshe ejeje.
Ukuqhushumba kwesigcayiseli:
• uSasa olahleke ngala mini yokuxhonyiswa ubuya sele efuna ukuba uJojo abulale
umyeni wakhe ukuze babelane ngemali.
• UJojo ngelingeni uyavuma kodwa azise amanye amapolisa ngelinge eli, ukuze
ambambe kuba ungumrhubuluzisi weziyobisi.
• Akubanjwa umyeni kaSasa ufuna ukuziphindezela kuJojo.
• Ekufuneni ukuziphindezela uSasa, isigcayiseli siqhushumba engekafiki kwigumbi
ebelihlala uJojo suka ibenguye obulawa sisigcayiseli sakhe. (p82-92) Ukuphantsa
abanjwe uJojo:
• Emva kodubulo qhushumbo uDumile Jojo wafikelwa ngamapolisa eze kumbamba.
Intsusa bubudlelwane bakhe noSasa.
• Uthi akuzazisa njengosajini uJojo baxolise. Utsho afumane nedilesi yendlu ahlala kuyo
uSasa.
• Njengamntu owathembisa ukuphanda yedwa akalwamkeli uncedo lokumncedisa
oluziswa ngabacuphi. Wathi abacuphi mabaluyekele kuye olunye uphando.
• Uya kwindlu kaSasa apho afumene incwadana enezicwangciso zonyaka. Iziganeko
azifumene apho uSajini uJojo zazingqina okucetywe leli qela lemigulukudu.
• Akufumana olu lwazi uyalela idrug unit ngogqogqo nokukhawulela lowo wayeza kuhla
kwisikhululo senqwelo moya.
• Inkosikazi esebenzisana nemigewu iyabanjwa kwisikhululo senqwelo-moya.
ISIPHELO

Apha kweli nqanaba sityhilelwa ngesiphumo sempixano esisenokuvela ngokuthi;


• acace poqo owoyisakeleyo,
• impixano iyacaca ukuba ikweliphi icala.
• kulungiswe obekungquzulwana ngako.
• umlinganiswa oyintloko azibone into ayiyo
• ingayintlekele / isiyolisi
• injongo yokubhalwa kwayo inoveli iphuhle mpela.
Sisenokuba yinto ebilindelekile
• Kungenjalo, umbhali webali usenokusenza siphanjwe zizinto, ibali liphume apho
besingacingelanga khona.

6.8 Isiphelo
Khawuhlafune ucingisise ngesiphelo seli bali
• UDJ wabuyela ekhaya ngokuya kuxoxa la matyala ala mabanjwa kunye noogxa
bakhe, tyala elo laba yimpumelelo ngakwicala lakhe kuba ubulungisa benziwa
agwetywa amabanjwa kuquka noDada.
• UDada ufumana ingqawule ngenxa yokuziphatha kakuhle. UMguqulwa uba
ngumchweli onceda izikolo.
• UDumile ufumana umntwano oyinkwenkwe ze bamthiye igama lokuba
unguSithembiso .
• uTshezi owangumhleli wephepha ndabawayesele egqibe umqulu wencwadi yakhe
eyeyingoxinzelelo, ubulolo, umvandedwa ozalwa ziziyobisi

6.9 Isisombululo
• Kweli nqanaba kusonjululwa iziganeko ebezibotshiwe.
• Amaqhina ayasonjululwa
• Impixano ijonge esiphelweni

• Inoveli inganesinye sezi ziphelo KODWA LOO NTO INGENZI UKUBA UDIDI
LWALE NOVELI
IBE YINOVELI EYINTLEKELE OKANYE ESISIYOLISO.
• Isiyoliso/khomedi Comedy (inesiphelo esimnandi): umlinganiswa oyintloko
uyaphumelela
kwaye loo mpumelelo yakhe yinto entle enqwenelwa nangubani
• Intlekele: umlinganiswa oyintloko akaphumeleli kwiinjongo zakhe kwaye eso
siphelo siba
yinto embi. (ukufa/ ukubanjwa njl).

7.1 SITHINI NGEMPIXANO?


Ngundoqo okanye sisihlahla sebali. Yenye yeentsika eziphambili ekwakheni ibali libe nomdla.
Ngaphandle kwayo ibali linganomdintsi onganyamezelekiyo.
Idalwa kukubethabethana kwezimvo/kweengcamango zabalinganiswa / okanye ukungaboni
ngasonye ngomba othile - umlinganiswa ngamnye, kungenjalo iqela elithile labalinganiswa
limela uluvo/ imbono ethile. nokubonwa ngamehlo (ugxagxamiswano olubonwayo)
okanye iviwe ngeendlebe.Yiyo ekhokhelela kuvuthondaba.
Xa iyeyangaphakathi isenokuphathelela engqondweni, emxhelweni, emphefumlweni.
Kusenokwenzeka ukuba umlinganiswa unomvandedwa anawo.
(Isenokubonakala ngamehlo omxhelo).

7.1.1 INDIDI ZEMPIXANO


Impixano yangaphandle:
• Iphakathi komlinganiswa (ngakumbi oyintloko) kunye neemeko
ezimngqongileyo.
• Iziindidi impixano yangaphandle ezizezi:
mpixano yangaphandle ephakathi komntu nomntu: Ibangelwa zezi zilandelayo:
Abalinganiswa basenokuba babangisana ngento ethile, bayifuna
bobabini.
• senokuba abalinganiswa ababini baneenjongo ezahlukileyo ngenxa
yoko omnye abengumqobo komnye abenalowo evale impumelelo yalo
umbona njengomqobo. Inokubangelwa kukuba omnye efungele
ukwenzakalisa omnye, eqhutywa ngumona, yintiyo norhwaphilizo.
• Inokuqhutywa kukuba omnye wabo ephethwe likratshi, efuna
ukuphumelela nganxa zonke.
II. Impixano yangaphandle ephakathi komntu neemeko/ imimiselo yentlalo:
• Umlinganiswa oyintloko ungquzulana neemeko zentlalo.
Umzekelo, urhulumente onorhwaphilizo, iinkqubo enkolo ethile, iingcinga
zabantu ngemiba ethile yetlalo, iimeko zoqoqosho, nezinye. III. Impixano
ephakathi komntu nendalo:
• Umlinganiswa uzamazamana neemeko zendalo. Umzekelo: Izilwanyana, imozulu,
intshabalaliso ekhoyo, ze yena abe ezamana neendlela zokusinda/ ukuzindisa abanye
abantu.

Impixano ephakathi komntu netekhnoloji:


• Umlinganiswa ulwa neemiba yetekhnoloji. Mhlawumbi zisetyenziselwa
unyoluko norhwaphilizo okanye njengezixhobo ezizisa intshabalaliso
eluntwini.

Impixano yangaphakathi:

• Apha umlinganiswa ulwa nomphefumlo wakhe, akukho konwaba.


• Kukho ukubethabethana kwezimvo zomlinganiswa.
• Ngenxa yokujaceka komphefumlo umlinganiswa maxa wambi uthanda
ukuba likheswa.
• Ngenxa yeengcinga ezimongameleyo wumbi ude athethe yedwa
ekhupha imbilini ngoko kukrekretha umphefumlo wakhe.

7.1.2 IMPIXANO YANGAPHANDLE

Apha kule noveli ithi “Ngenxa Yesithembiso” impixano yangaphandle iphakathi kukaDj kunye
nomnye wemigewu yamabanjwa aqhawulileyo ngenxa yokuxhwila imoto kaNomvuyo
ongumhlobokazi kaMavis. UDj uye wazimela apha kwisitulo esisemva nalapho esi sikremnqa
siye saxhomisa uNomvuyo. uDumile uye wazama ukukhusela uNomvuyo nanko esibamba
ngobhongwana. Baye bajijisana njengoko besiphethe umpu. Simbona uDj esitsho ngenqindi
emhlathini naso sabuyisa ngenqindi. Iba nguphantsi phezulu. Siba nexhala xa uDj esopha
ngenxa yokufumana inqindi phakathi kwempumlo de wabe uyopha. Kwesi sibini akukho
uhlayo. Sibanexhala ngakumbi xa sisiva ukuba esi sikremlenqa lelinye lamabanjwa
aqhweshileyo kuba sazi ukuba anobungozi. Siva ukuba UDJ. Wasithi gxiva kanobomi
elunyaweni emva koko wasicinezela ngedolo esiswini sade sagabha. Sibuyise izitya
isikrelemnqa ngokubeka unyawo entanyeni kaDJ ukuze angakwazi kuphefumla. Naye uDJ
akazibekanga phantsi kuba upheqe unyawo lwesi sikrelemnqa lwaza lophuka. Isikrelemnqa
siye sagibisela inqindi esifubeni kuDJ. Elesibini inqindi uye waliphepha uDJ esebenzisa
ubuchule bekarati. Apha sihle sibone ukuba kudibene amadoda anezigalo kuba ujijisene naso
de wasidumbisa inyheke. UDj simbona ngoku esebenzisa amava akhe obupolisa kuba simva
xa esithi masibeke izandla entloko wasibopha. Kucacacile apha kolu sunduzwana akukho
mntu ofuna ukunikezela kuba siva ukuba umbhali uthi sabamba umpu de wabe ufumana
ukulunywa emnweni lo kaJojo kuba sizama ukohlutha umpu.

Lo mlo wesi sibini usifaka ixhala ngakumbi xa sisiva ukuba kukho nompu phakathi kuba kaloku
umpu udlula nomphefumlo womntu. UDj yena ngelakhe uzama ukusindisa uNomvuyo
kwisigebenga. Simbona uDj engafani namadoda ale mihla angakwaziyo ukukhusela umntu
obhinqileyo kuba yena naku ezijula ijacu ngenxa yokuba esohluthwa imoto uNomvuyo.
Ngelishwa kulo duntsu bhentsu kaDj nesi sikrelemnqa kuthe kanti umnwe uye wancamathela
kwiqhosha lokudubula kwataka imbumbulu labe liyahlanza iselwa kuso ngenxa yokudubuleka
entloko.

Kwakhona umbhali usivezela impixano phakathi kukaDj kunye nomnye wezaphuli mthetho.
UDj ufika eHeshele kwihotele engumntu ofuna indawo yokulala. Eli nenekazi ltyhile ezo
ncwadi kufanele umntu xa ezakulala ehotele limbhale. UDj uthe ntla ngamagama ooDada.
Simbona efuna ukuboniswa igumbi elo bebekulo. Lanqaba eli nenekazi ukuba angadibana
nabo. Libuye ngombuzo othi ingaba ungumcuphi na kulapho ke walithi bamba entanyeni.
Lancama lamxelela. Walityhalela pha kude wonda ngegumbi elo. Emva koko lafika
limbonzelekile eli nenekazi kwelo gumbi babedibenele kulo ooDada. Lafika sele lijolise owalo
umpu apho kuDj limkhombe enkqentsu. Sihle sibone ukuba abantu abangoomama
banesibindi kuba kaloku banqabile oomama abakwazi ukusebenzisa umpu. Siva ukuba uDj
wajika ngengqiniba walikhaba engalijonganga ukubonisa ukuba umntu ongumama
akanakumelana nomntu ongutata ngokwamandla. Umbhali uthi umpu wakhe watakela kude.
USajini Dada uzamile ukuwutsibela kodwa akalunga kuba wamthi nqaku ngomlenze waze
wamqamangela emdibanisa nelo nenekazi. uDj akacengi buso ukuba uyamazi umntu isaphuli
mthetho nokuba ngumntu wothetho na umnika oko akufaneleyo.

UNdaba wadibana namapolisa eMaclear, wadubula kuqala wachana elinye ipolisa


lawunabela uqaqaqa, aze nawo azilwela, ngelishwa wadutyulwa lahlanza iselwa. Kwakhona
kwiresturant wayememelelwe kuyo uDj nguNontsasa nalapho sibona kungena imigewu
ixhobile nalapho wathi wabethwa ngempama akungavumi nekhamera eyayifunwa kuye.
Waba lelinye lamaxhoba athi adutyulwa apho kodwa naye wabanazo ezakhe ingxwelerha
naye kuba wadubula abakhe. Egumbini lokulala uDumile ugqogqa ibhegi kaNontsasa kuyo
ufumanaipilisi zeMandrax, icocaine, uhlobo lompu kunye nefoto yakhe yena Dumile. Le nto
yamenza wothuka de wabe uyavuka uSasa. Eli nenekazi lavuka ngokungxama lathatha umpu
kaDumile lawujolisa kuye. La mxelela ngako konke akwaziyo ngaye.

7.1.3 IMPIXANO YANGAPHAKATHI


Apha kule noveli ithi Ngenxa Yesithembiso impixano yangaphakathi sithi siyfumane kuDumile
Jojo malunga nomceli mngeni wokuzingela la mabanjwa aqhweshileyo. Uthi abe
nomvandedwa anagazazi nokuba azigqatsele oko njengoko uKhaptein efune ukuba kubekho
ipolisa elinye ekufuneka lizigqatsile. Akazazi nokuba azigqatse okanye ehle nomcinga na.
UMavis nosisinqanda mathe sikaDumile sinempixano yangaphakathi kuba uDumile akade
asiphumeze isithembiso sokumtshata njengoko sele kuthuba wamngeja. Le mpixano ikhula
ngakumbi xa esiva iindaba ngesinqanda mathe sakhe uDumile ukuba uza kukhe ahambe
asebenze kwenye indawo kuba efuna ukuphanda ngetyala lamabanjwa ayingozi akukhange
kwehle kamnandi kuMavis oku.

Umsebenzi
(a) Khankanya iingcamango ezisukuzanayo kule noveli.
(b) Xela umlinganiswa omele ingcamango nganye. Cinga ngeentetha zakhe/
izenzo zakhe ezibonisa oku kunxaxha ngengcamango.
(c) Khankanya iimeko apho ibonakala khona impixano yangaphakathi
kwinoveli oyifundayo.
(d) Khankanya iimeko apho ibonakala khona impixano yangaphandle
kwinoveli oyifundayo

7.2 ABALINGANISWA

Abalinganiswa ngabantu apha ebalini athi umbhali abazobe


okanye ababumbe ukuze babe neendima abazidlalayo. Ngabo
athi aqhube ngabo ibali kuba iziganeko zehlela bona.
Abalinganiswa ke bohlulwe baziindidi nezahlulwa ngeendima
zabo nangokwezimilo zabo.

7.2.1 Umlinganiswa oyintloko (protagonist)


• Ngulo mlinganiswa ungqongwe ziziganeko ukusuka ekuqaleni kwebali lide liye kuphela.
Maxa wambi
iye ibe ngulowo ungumsunguli wezinto.
• Angayindoda okanye ibhinqa.
• Wenziwa athandeke, akholeleke- umela injongo ethile okanye okulungileyo.
• Ibali livela ngaye – nguye owenza izinto zishukume.
• Iziganeko zehla ngenxa yakhe /zingqonge yena/ zithandeleke kuye nokuba akakho
isiganeko singaye.
• Ngulo ubangela ukuba ibali liqhubekeke.
• Unqwenela into, kubekho imiqobo ebangela ukuba iphumelele luzizi/ ingaphumeleli.
• Uba nenjongo afuna ukuyifezekisa.
• Wenza iinzame zokufumana le nto ayifunayo.
• Kubakho imiqobo esendleleni yakhe yokufumana akufunayo.
• Uxolele ukujinga iliso, kungade kube kho indyikityha yokufa kwabantu abangenasono
ngenxa yakhe.
• Unento ayixabisileyo ebaluleke kakhulu ebomini bakhe.
• Uxolela ukufa aphumelele/ uyafa/ ohlwaywe ngesenzo sakhe.
7.2.2 Umlinganiswa ongumchasi (antagonist)
• Lo ngulo mlinganiswa uchasana nomlinganiswa oyintloko.
• Unokuchasana naye ngezimvo okanye ngezenzo.
• Ngumlinganiswa ongumqobo kwiinjongo zoyintloko.
• Ulandela umlinganiswa oyintloko ngokuxakeka.
• Nguye ophazamisekayo kwinyathelo elithatyathwa ngoyintloko.
• Uhlalele ukusokolisa lo uyintloko/ usoloko echasene/ ephikisana nomlinganiswa oyintloko.
• Amandla akhe athanda ukulingana nala walo uyintloko, uneempawu
ezifanayo nezomlinganiswa oyintloko ukuze avelise okanye akhule/ kukhule/ kutyhileke
oyintloko.
• Ulenza ibali lisoloko lihambela phambili ngokuba abe ngumqobo endleleni yomlinganiswa
oyintloko yokufumana oko akufunayo/ akulwelayo.
• Amaxesha amaninzi abalwi ngazigalo aba balinganiswa babini koko balwa
ngeenjongo, ngeentetha nangeminqweno.

7.2.3 Umlinganiswa osicaba (flat character)


• Lo mlinganiswa unesimo esinye akajiki.
• Ubonakalisa icala elinye lide liye kuphela ibali.
Umlinganiswa osicaba akatshintshi uxolela ukuba zilime ziye etyeni kunokuba atshintshwe
ziimeko.
• Usetyenziselwa ukumela into ethile.
• Iincwadi ezininzi zithi ngokugqala ukufundisa zisebenzise olu hlobo lwabalinganiswa.

Xoxa ngomhlathi omnye ukuba,


(a) Ingaba uDumile ungumlinganiswa oyintloko ongumchasi kule noveli? Xhasa
impendulo yakho ngobungqina obuthatha kule noveli.
(b) Ngubani mlinganiswa ongumphixanisi kule noveli, uze uxhase ngeempawu
zomphixanisi wanobungqina obusekwe kule noveli.
(c) Amapolisa aluluphi udidi lomlinganiswa ngokwendima ayidlalileyo kule noveli?
Xhasa impendulo yakho.
(d) Ngubani umlinganiswa oyintloko kule noveli? Cacisa usebenzisa inkcazelo
nendima ayidlalileyo kule noveli.

7.2.4 Umlinganswa ongqukuva (round character)


• Lo mlinganiswa ngulo sinokuthi ngumntu-gqibi.
• Uyajikajika kanye okomntu kubomi benene.
• Umlinganiswa ongqukuva uyatshintshwa ziimeko akafani.
• Uzotywe kwavela icala elibi nelihle kwisimo sakhe.

7.2.5 Umlinganiswa onguvalithuba


• Ngumlinganiswa othi gqi eze kwenza oko kuthile aphinde anyamalale.
• Udla ngokuba sicaba kuba unophawu oluthile olunye alusebenzisayo umzekelo
ukuba unolwimi uba njalo ke. Khawucinge ngendima edlalwa ngaba balinganiswa
balandelayo. Ucinga ukuba le ndima imenza abe ululuphi udid? Zixhase ngokwenzeka
apha ebelini
(a) Dumile Jojo
(b) Sajini Dada
(c) Nomvuyo
(d) Tshezi

7.2.6 Umlinganiswa ongummeli-ntlobo.


• Lo umlinganiswa umele uhlobo oluthile, umzekelo ipolisa limele umthetho. Xa ufuna
ukufumana ukuba umlinganiswa othile uloluphi udidi lomlinganiswa yenza oku:
• Bhala mabaxelwe bonke abalinganiswa ababonakalisa iipawu zolo didi
• Bhala iimpawu zolo didi, ze kuxoxwe ngendima edlalwe ngumlinganiswa ngamnye
kwabo babhaliweyo ngokubhekiselele kuphawu ngalunye.
• Ngokuye ingxoxo iihamabbazakucutheka abalinganiswa abazinxiba zonke iimpawu de
kushiye abemnye ozakunxiba phantse zonke ezo mpawu.
• Oko kukuthi umlinganiswa makangaxelwa makavezwe ziimpawu zolo didi.

Ikholwane:
Ngowexabiso, umxelela zonke iimfihlo nenjongo zakho. Ungumlinganiswa othenjiweyo,
uhlobo lunye nomlinganiswa alikholwane lakhe.
• UMavis likholwane kuba uxelelwa zonke iimfihlelo nguDumile oko sikuva phaya kwisahluko
sesi-6 emxelela ngohambo lwakhe.sibabona besenza izibhabhamabthiso zokuba
bazotsalelana iminxeba.
• UMavis sisithandwa esisenyongweni sikaDj
• Uzimisele ukumlinda de kufike ixesha lokuba bazimanye ngeqhina lomtshato.
Unozakuzaku:
• Umlinganiswa ozakuzela oyintloko/ozakuzela ongumchasi
• Ngumlinganiswa ozama ukuhlanganisa abalinganiswa abaphixanayo.
7.2.7 Indlela zokuzotywa kwabalinganiswa

(a) Indlela engqalileyo/ uzobo ngqo


Apha sixelelwa phandle ukuba umlinganiswa uluhlobo luni na. umz [umbhali
usenokusebenzisa amagama afana nala isikrelemnqa. Eli xhego njalonjalo. Kusenganikwa
inkcukacha zomlinganiswa umz, igama lakhe, inkcazelo ngobude bomzimba/isinxibo sakhe/
ubudala bakhe.
Umbhali umchaza ngokwakhe umlinganiswa yiva xa echaza uKapteni Nakeni, uhi
yingxilimbela emilele phezulu etsho ngamehlo amboxo. Impumlo ligqudu, intloko imilise
okweqokobhe leqanda. Kwakhona siphinde simve xa echaza ukuba uMavis uthi, wayetsho
ngeembokodo zamehlo acoceke okwesibhakabhaka. Ubuso ibobosana ukuguda, loo mpumlo
inga uyivinjwe. Uhambisa athi, yayiqingqingqiwe intombi kaNjobe ithandeka kwaye
inomtsalane okwegolide.

(b) Indlela engangqalanga/ uzobo mayana


Njengoko igama lizichaza, le yindlela engangqalanga ayisebenzisayo umbalisi abenza
baziveze ngayo abalinganiswa. Thina ke bafundi bebali sisebenzisa iingqondo zethu
ukuhlumisa oku kudluliswa ngumbhali ngeendlela ezimayana.
Njengokubaxoxisa/ ukubenza bangene kwiingxoxo ngomba othile. Unako ukusikrobisa
kwiingcingane zabo okanye iimvakalelo zabo.Unako ukusikrobisa kwizinto ezithethwa
ngabanye ngaye/ okanye indlela.izenzo zakhe ezibonwa ngayo ngabanye. Umbhali
unokungangqali ukubayila kwakhe abalinganiswa
Ubenza bazipele/bazibonakalise ngokwabo izimo zabongezenzo, ngeentetho.
Ngamagama abathiya wona- njalo njalo. Umzekelo. Thuma mna bawo ndabhonga
ngelingandyondyiyo lizele kukuzithemba. Apha siboniswa ukuzithemba nokuzinikela kukaDj
emsebenzini wakhe. Omnye umzekelo andilingene loo mabanjwa lamazwi aphuhlisa
ukuzithemba nokubalitsha ntliziyo kwakhe uDj.
7.2.8 IMPAWU ZOMLINGANISWA OYINTLOKO KWINOVELI ENGOPHANDO
uDumile Jojo
• Lo ngumlinganiswa ophambili kule noveli. Igama amthiye lona umbhali limenza azimisele
kumsebenzi wakhe de aze nodumo kuphando ajonge nalo kuba uthi azifumane
izigila mikhuba.
• Ubonakalisa ukuzithemba kuba uye wazigqatsela ukwenza uphando ngamabanjwa
aqhweshileyo nalawo siva ukuba anobungozi. Udibana noKapein ngobumnyama ukuze
angabonwa ngamanye amapolisa.
• Lidela kufa eli kuba uzinikezele kumsebenzi wakhe ude abe namazwi athi “Thuma mna
bawo”.
• Ubonisa ubukroti anabo kuba kolu phando akufuneki bhetyebhetye, kufuneka indoda
enesibindi.
• Yinkcuba buchopho le kuba yiva xa ephendula oogxa bakhe xa befuna abeyintsika
kuphando ebexelelwe ukuba kufuneka umntu abemnye. Indlela alandula ngayo
yephucukileyo kuba uthi usajongene nempilo yakhe.
• Yindoda eneliso elibukhali kuba ubabonile oogxa bakhe ukuba abayilandeli imiyalelo
abayinikwe nguKaptein.yile nto eziguzule kakuhle kubo.
• Kuphando lwakhe akafuni kuphazanyiswa kuba siva ecela uNakeni ukuba uDada
ebekwe kwinkampu ethe qelele kwaye anikwe umsebenzi ozakuthi ufune ingqwalasela.
• Simbona engafuni kuphazanyiswa kolu phando aphezu kwalo, kwaye uyaqonda ukuba
angamhambisa nzima.UNdaba yena ufuna akhe anqunyanyiswe.

• Uyazixhobisa xa ezakuqalisa olu phando kuba ufune ibinoculars,umpu wohlobo


olulodwa oluyi luger 8.9 ozitshintshayo, ikhamera ephucukile ukuze akwazi
ukuthatha amafoto apha endleleni.
Elokweqela ufune imoto yakwaFord entsha ukuze ingahambi ikhalaza endlelni.
• Ubonisa ubugcisa bokuhlanganisa izehlo neziganeko eziqhubeka ebalini lethu.
Siva ukuba uthe akuva siva ukuba uye kwiSolomzi ngeliya kufuna ulwazi.
• Simbona esiya kwenza ugqogqo endlwini kaDada akuba eve yonke into kuTshezi.
Nalapho athe wakufumana oko ebekufuna. Ngenene lidela kufa eliya kuba uya eHeshele
elandela umzila wezi gilamikhuba. Simbona engacengi buso apho kuba ubamba uDada
kunye nenekazi elisebenza apho abaphose entilongweni. UDada ke ngulowo asebenza
naye kumzi wesipolisa.
• Isibindi anaso uDumile sesendlovu mbone xa engena endlwini kaDada evumbulula izinto
Kwakho nankoo kwaSasa. Eyeokufuna ubungqina nalapho ungena nagaphandle
kwemvume. Unjalo ke umphandi.
• Kwimoto kaNomvuyo nanko ejijizisana nezikrelemqa ebesizkohlutha imoto yelo nenekazi.
Akazanga ukuba lelinye lalo mabanjwa ayeqweshile kodwa nalo uye walosela labela
liyasweleka.
• Unabo ubuthathaka kwicala lamabhinqa kuba intliziyo yakhe ikhe yathinjwa kancinci
nguSasa kanti lolunye lotshaba lwakhe.
• uSinda ekubulaweni zizikrelemnqa ebezikwiresturant eberhwetywelwe kuyo nguSasa kuba
Ikhe yangena imbumbulu. Kodwa ngenxa yokuba elipolisa naye wabanazo ezakhe
ingxwelerha.

UDada noNdaba
• La ngamagqelema ahamba ngobumnyama asithela ngomthetho. basebenzisa iziikhundla
abakuzo.
• Bachasene neemfuno zomlinganiswa ayintloko.
• Ngabo abarhubuluzisi bamabanjwa aqhweshileyo besenzisa izikhundla abanazo.
• Banxibelelana nawo ngawo onke amaxesha xa kukho into ecetywayo nezakwenziwa
malunga nawo.
• Basebenzisana noTshezi ongumhleli wephepha isolomzi,,naye onesizalwana esikulo
mabanjwa.

UNontsasa/ uSasa
• Umbhali indlela amzobe ngayo yileyo yokubambisa amadoda kuba unazo zonke iimpawu
ezinqwenelwa ngamadoda.
• UDumile uye wagungqiswa bubuhle bukaNontsasa.
• Isikhephe ebesenzele uDumile kuphela kusiwa yena noNtsasa kuba nguwe ophela esifa.

Abanye abalinganiswa benoveli yophando

• Umbhali kwinoveli engophando amanenekazi asetyenziselwa ukubambisa lowo wenza


uphando ukuze aphazamiseke. uMavis yena ubanjwa zizigenga ukuphazamisa uDumile
kuphando alwenzayo.
• Umlungukazi usetyenziselwa ukuhambisa iziyobisi ngakwisikhululo senqwelo moya.
Le nto ibonisa ukuba abantu ababhinqileyo abakrokreleki kwamsinya kumayelenqe
enziwayo.
Umsebenzi 1
Kule noveli khangela ugcwalise esi sicwangciso ngeendawo apho uDJ abonakalise ezi
mpawu zingentla.
Thatha uphawu ngalunye ucwangcise ngalo ngolu hlobo

Ukuba nesibindi 1 1

2 2
3 3

7.2.9 INDIMA KANOBALISA:


Indlela abalisa ngayo umbalisi
• Kubaliso lwamabali ubalulekile umbalisi kwakunye nendlela abalisa ngayo.
• Angabalisa apho asixelela ngokwakhe okwenzekileyo.
• Angabonisa apho abalinganiswa bazithethela ngokwabo.
Iindidi ezaziwayo zababalisi zine zezi:

(a) Umbalisi owongameleyo/ophezu konke


• Lo mbalisi ubonakalisa ukungabi namida ekulazini ibali lakhe nasekubazini abalinganiswa
bakhe.
• Wazi okuza kwenzeka nokusezingqondweni zabalinganiswa bakhe.
• Uyakwazi ukungena kumlinganiswa ngamnye, azi isiganeko ngasinye.
• Azi izinto ezicingwa ngumlinganiswa ngamnye ade amise ibali asikhokele
ngeengcinga,iinjongo novakalelo wabalinganiswa abenzileyo.
• Ukhe amise ibali kwindawo engamanelisiyo aphimisele izimvo zakhe

(b) Umbalisi ubalisa ngokusebenzisa omnye wabalinganiswa

• Uthi alibalise ngokwakhe ibali, uthi ibali eli liphume ngaye.


• Lo mbalisi uye azibeke abe ngumntu ongazi nto ngabanye abalinganiswa
aze ke yena umbhali asixelele konke ngalo mlinganiswa kuba yena wazi konke ngaye.
• Apha thina bafundi bebali senziwa sibone izinto ezenzekayo ngendlela azibona ngayo lo
mlinganiswa.

(c) Usenokuba umbhali yena angangeni ndawo ibali libaliswe ngumlinganiswa


othile lihle linyuka ibali liyintetho ngqo.

• Usebenzisa intetho yomntu wokuqala. Umzekelo umbhali usebenzise uDumile


ongumlinganiswa oyintloko ukubalisa ibali: umz. ‘kwangoko uLeftenenti wandifundela
imigqalisela leyo endingablalula embalwa kuyo. Ndandimelwe kukuba ndisebenze
emini kuphela. Xa kutshona ilanga ndibuyele kuloo ndawo ndakube ndihlala kuyo…”
• Iziganeko sizibona thina bafundi ngalo mlinganiswa.

(d) Kukho ukuba ibali liyekwe lizithulule ngokwalo ukuze umfundi webali
azitolikele ngokwakhe.

7.2.10 UMXHOLO
Umxholo ngumbandela ongundoqo ajongene nawo umbhali wenoveli nathi ahambise udaba
lwakhe ngawo ngebali lakhe nesakhiwo sawo. Umbhali apha kule ncwadi yakhe ithi Ngenxa
yesithembiso uveze umxholo wothando wokutshatyalaswa kokushishina ngeziyobisi.
Ukwaveza nomxholo wabanjwa aqhweshe entolongweni ashishina ngeziyobisi encedisa
ngabantu bomthetho. Umbhali apha uzama ukusibonisa ukuba abantu bomthetho bayakwazi
ukophula umthetho besebenzisa egunya lomsebenzi abakuwo.

Xa ufuna umxholo uzibuza le mibuzo ilandelayo.

1 . Eli bali lityhila ntoni ngobomi jikelele?


2. Sibaluleke ngantoni isihloko salo?
3. Ingaba umlinganiswa oyintloko/ ophambili uyatshintsha apha ebalini okanye unesifundo
asifundileyo?
4. Mbono zini ezimkhuthazayo/ ezimtyhafisayo umlinganiswa oyintloko/ophambili?
5. Sibe yintoni isiphumo seengcinga neendlela ahlangabezene ngayo neemeko
ezimkhathazayo/
eziyimiqobo?
6. Zibe yintoni iziphumo zezenzo zakhe kubomi bakhe?
7. Ubefuna ukusixelela ntoni ke umbhali ngencwadi yakhe?

Ingaba le ncwadi umxholo wayo nguwuphi kule ingezantsi? Makuxoxwe;

Ubugewu abuhlawuli?/ uzigwaze ngowakhe/ Okubi kuqubisana nokuhle/ Umqol’uphandle


Qaphela umahluko phakathi kwezi mbono zimbini ngomxholo.
Le ingentla nezi zihamba nalo mbuzo ungezantsi.
Ingaba iphelele impendulo yomfundi ethi ungolwaphulo ukugcinwa
kwesithembiso?/ukuncothulwa neengcambu kobundlobongela? Ukuthini kwawo?

Umsebenzi 2: Funda, ‘Ngenxa yesithembiso’ kwiphepha 62-63 umgqibe, uphendule le


mibuzo ingentla.

‘Uphando endiluqhubayo ngokuncina eli gqiyazana landikhokelela ukuba belinento


yokwenza nomfi uNeo.
….
Nceda mna Nkosazana ukuba undinike isalathiso apho kuzinze ezi nkewu zizimele ejele
woba undigqibile’. Phofu ke kuxhomekeke apha kuwe ukuba uyafuna ukuphuma kule
ndawo’……

Phendula kwakhona le mibuzwana wakugqiba.


(a) Ngoobani abalinganiswa abaphambili kuwo ngamnye?
(b) Unagalelo lini kulo wolwaphulo mthetho?
(c) Ifuthe lawo lingakanani kwingxaki exukushwayo?
(d) Uncedisile ukufumana abanye?/ wenze uphando lwaqhubela phambili?

7.2.11 IMIXHOLWANA
Imixholwana yiyo eqhubela phambili ibali. uNkohla ube lichule ekukwazini kusebenzisa
umxholo wobugewu umxholo wolwaphulo mthetho nomxholo wokutshatyalaliswa
kweziyobisi. Lo mbhali usebenzise imixholo eqhelekileyo.

(a) Umxholo wolwaphulo mthetho


Umbhali kulo umxholo ubonisa ukuba abona bantu bekufanele ukuba ibe ngabo abagcina
ucwangco ekuhlaleni ngabo aba bandakanyeka kubugewu. Loo nto yenza kungabilula ukuba
baqapheleke. Sibona uDada noNdaba ingabo abaphembelela obu bugewu kuba
benamagunya okhuselwa ngumthetho bekhusela ububi bokuhambisa iziyobisi
ezingumbulalazwe. Ezi ziyobisi zibulala isizwe esitsha kuba zithengiswa ezikolweni.

(b) Ukutshatyalaliswe kweziyobisi.


Lo mbhali ubhala kwelixesha siphila kulo kuba abantu abaninzi basentlungwini ngenxa
yeziyobisi ezithi zidale ulwaphulo mthetho. Le nto yenza kubekho ubundlobongela obufuna
busiphulwe neengcambu. uDumile ke ngomnye wabalinganiswa abazama ukusiph
(c) Ingcibi yamanzi ifa ngamanzi eyezikhali ngezikhali.
Umbhali usibonisa umenzi wobubi buyamjikela. USasa nongomnye wabalinganiswa

Esi sisifundo osifunde wakuba ufunde eli bali okanye loo mxholwana/ wakuba ubukele
izenzo ezinempumelelo okanye ezingenampumelelo zomlinganiswa othile/ izenzo
neziphumo zazo kumlinganiswa othile.
Impendulo ngemfundiso ingabekwa ngolu hlobo:
(Ndifunde ukuba) ‘Akulunganga uku.../ Kulungile uku…’
abasebenza nemigewu efunwa kuDumile simbona ebulawa yibhombu yepasile ebecinga
ukuba uza kubulalisa ngayo uDumile.

UMYALEZO
Qwalasela ukuba xa uphendula umbuzo womyalezo engqondweni yakho makuthi thaa
ukuba umbhali uthi masithini ngoku akubhalileyo. Zimamele ukuba uthunywa ntoni yitekisi.
Impendulo yakho mayibe sisivakalisi esipheleleyo.

Ufikelela njani?
• Thatha umlinganiswa ophambili- umchasi okanye umlinganiswa oyintloko.
Mpazamo zini azenzileyo? Zalungiswa ziziphi izenzo?
• Yamkelekile impendulo yalo mbuzo eqala ngolu hlobo; “Umbhali uthi musa uku….
uba ngokwenza oko unga….” Omnye angathi umyalezo uthi, “Kulumkele uku…. kuba
ungangena kwingxaki ethile Kungakho imfuneko yokuxhasa le mpendulo
uyinikileyo.
• Xa kufunwa uzixhase yayama kwizenzo zalowo ubemele oko ukufundileyo.
Qaphela: kukho ukumelana kwimfundiso nomyalezo kodwa azinto inye.

Umsebenzi 3
Ingaba ISIPHELO SALE noveli uyifundiswayo sisisiyoliso okanye siyintlekele? Xhasa
impendulo yakho.
Usingiselo kwisiganeko esidluleyo/Flashback
• Kuphazanyiswa indlela ibali elilandelelana ngayo kuthi kule ndawo likuyo ibali
kufakelwe isiganeko esele sidlule okanye esadlulayo injongo ikukubonisa eyona
nto ibiyehlile.
• Inika ababhali ithuba lokuba ibali baliqale nandawoni kwisakhiwo salo, baze emva
koko balandelise ngeenkcukacha ezigcwalisa ulwazi obelusalele.
• Umbhali angakwenza oku nakangaphi apha ebalini lakhe ngaphandle kommiselo
kwaye angaqala naphi na. [Qinisekisa ukuba ukhangela izibakala apho incwadi
izenze ngolu hlobo izinto.]
• Nayo le ndlela ilandelisa iziganeko ngendlela ethile.
• Ineziganeko ezithile ezizalanayo
• Ikholisa ukuba nobude obungangesahluko
• Izehlo ezo zidityaniswa ngumxholo othile ezizalana ngawo

• Le ndlela umbhali uyisebenzisa xa efuna ukuvelisa ubunjani bomlinganiswa othile,


okanye indlela umlinganiswa lowo aphila ngayo, okanye izehlo zexesha elithile
ezimbalini obunxulumene naloo mlinganiswa.
Uphuphelo-(foreshadowing)
Ukrotyiso kokuza kuhla ebalini. Umbalisi ukwenza oku;
• Ngezikrokro ababa nazo abalinganiswa abaphambili ngabanye,-
• Sisenokuthiwa ntlo ngeziyalo ezingqongqo ezinikwa abalinganiswa
• Sisenokuthiwa ntlo kwiingcinga zotshaba
• Sisenokuvezelwa ukubethelwa komlinganiswa othile malunga nento
enokumehlela.
• Kusenokusetyenziswa imiqondiso izinto ezifana namahlathi, iintsunguzi, imilambo
enobungozi, iindawo ezimnyama

Cingani ngezi ziganeko/ meko


(a) ‘Uza kulotha kwedini. Mandikulumkise ke ukuba ukuza kwakho apha woba uzifaka
kwenkulu inkathazo, nyoka ndini… uli…” [ p67)
(b) Amafu asigubungela isibhakabhaka ebuyisa isithokothoko sobumnyama esoyiswa
ngamandla ombane apho edolophini yaseMaclear.’ P67
Umsebenzi 4
Ngabane nikani iziganeko enicinga ukuba zihambelana nenkcaza nganye kwezi
zimbini zingentla
Ulunqa
Yinkxalabo abafakwa kuyo abafundi bencwadi ngumbalisi ngezi ndlela zilandelayo.
• Usenokumfaka kwingxaki enkulu ekungelula ukuphuma kuyo umlinganiswa
ophambili.
• Abalinganiswa abaphambili benza iimpazamo ezithile ezisenokubenza babe
ngamaxhoba amatshijolo.
• Izifungo ezenziwa litshijolo (villain) okanye umchasi.
Unxunguphalo
Ukuxhalaba/ukubamba amazinyo okwenziwa kukufuna ukwazi okuza kulandela kwiimeko
zomngcipheko abakuzo abalinganiswa baphambili.

Umsebenzi 5
Ngabane nikani iziganeko enicinga ukuba zihambelana nenkcaza nganye kwezi zimbini
zingentla.
Isiphelo esothusayo
Amabali amaninzi akhelwe phezu kwempixano phakathi kwabalinganiswa ababini
nangaphezulu. Ukuphela kwebali ngendlela ebingalindelekanga okanye isisombululo
ebesingalindelekanga kwingxubakaxaka ethile.

Umsebenzi 6
Ngabane nikani iziganeko enicinga ukuba zihambelana nenkcaza engentla.
Isigqebelo
Lo ngumahluko kubaliso obonakala phakathi kokuthethwayo nokusingiselwe kuko/
okuthethwayo nokwenzekayo/ okulindelekileyo nokude kwabe kuyenzeka/okuthethwayo
kunye noko kwaziwa ngabanye malunga naloo nto
• Sisetyenziswa kakhulu kubaliso ukuphuhlisa impoxo okanye ukuhlekisa
ngobutyhakala bomlinganiswa okanye ukuphuhlisa intlekele kwibalana elo.
• Sibonakala kwabafundayo ngokuthi isenzo somlinganiswa siphume kwinkalo
ebingalindelwanga okanye intetho yomlinganiswa othile ingangqamani
nesiphumo esi sisenzo ngokuchaseneyo nenjongo leyo yentetho yesithethi.
(i) Isigqebelo semeko: okulindelwe kwimeko ethile akuhambi ngokwemeko leyo
(ii) Isigqebelo sedrama: Senzeka xa abalinganiswa benza izinto bengazi babe bona
abafundi bencwadi sebetyhilelwe/ abalinganiswa banolwazi okwahlukileyo
kolwabafundi / ababukeli.
(iii) sigqebelo selishwa (fate): Sisiqhamo sokufa, chance, okanye uThixo.
(iv) Impoxo: Luhlobo oluthile lwesigqebelo apho ukuncoma kusuka kube sisithuko,
injongo ikholisa ukuba kukukhathaza, ukwenzela phantsi umntu othile.
Umzekelo “Lo ngunyana wam obukhali bengqondo bamtshonisa ibanga leshumi.
(v) Isathaya: Kukuvezwa kobuyatha komntu okanye iqela elithile labantu, umzi
othile iqela l abantu elithile ngenjongo yokuba ziqondwe zilungiswe

8.1 Isimo sentlalo

Xa sihlalutya inoveli / amabalana phantsi kwesimo sentlalo sizikhathaza ngendlela


umbalisi asisebenzise ngayo. Sitsho ke siqwalasele ezi zinto zilandelayo.
 Iindawo le izinto zehla kuyo- Okokuqala idolophu. Umbhali uba lichule
lokukuchukumisa ngendawo le isenzeko senzeka kuyo ejonge indlu, igumbi,
ihlathi, ingqingqi, isitalato, ilali, , iliwa, ityholo njalo njalo. Ubume bayo le ndawo
 Ubunjani babantu kule ndawo nesinxibo sabo
 Iinkolelo zabo kunye neenkolo zabo
 Indlela abaphethene ngayo
 Indlela abonwaba nabonwabisana ngayo
 Iimeko zentlutha nendlala- umzekelo iba sisizekabani sokuba umlinganiswa enze
okuthile okukhokelele kwezinye ebalini.

 Indlela ezenziwa ngayo izinto kule ndawo


 Ixesha ezimbalini/ enyakeni/enyangeni/evekini/ eminini/ebomini bomlinganiswa
 Ulwimi olusetyenziswa ngabantu bale ndawo lukhokelela kwintoni
 Isinxibo nezinto abazixabisileyo okanye ezibalulekileyo kubomi bomlinganiswa
othile.
 Imozulu
 Umoya

 Sisityhilela okanye siphefumla umoya othile ebelini, ze sisityhililela umxholo


webali.
 Ubonisa abafundi ezinye iindlela zokuphila
 Ukwenza ukuba kube ngathi kuyinyani okubaliswayo.
 Ukuze sibe ngunobangela wokruthakruthwano.
 Sibengumqondiso wokuthile ukuvelisa isimo somlinganiswa wakhe amenzileyo
naye ngokukhawuleza kungenjalo simncede ekuphuhliseni isakhiwo plot oko
kukuthi izinto ziqhubebekela phambili ngenxa yesimo ngolu hlobo siba nomfutho
kwiphepha ngalinye olityhilayo. Sihamba nesantya sebali.

Umsebenzi 7
Khawuphicothe isimo sentlalo sale noveli ithi Ngenxa yeSithembiso

ISISHWANKATHELO SENOVELI ETHI “NGENXA


YESITHEMBISO”NGOKWEZAHLUKO

Isahluko soku-1: Undoqo sisibindi.

Kwesi sahluko iingongoma eziphambili sizifumana kwinqaku lephendaba elimalunga


namabanjwa aqhawule entolongweni eMthatha Prisoner.
Zithe ndii iindaba zokuqhwesha kwamabanjwa amathandathu anobungozi
entolongweni yaseMthatha. Oko kwenza ukuba uKapteni Nakeni abize intlanganiso
ekhawulezileyo yesipolisa salapho ukuze bakhe bangqubane ngeentloko kuzanywa
iindlela zokubamba la mabanjwa kwakhona. Lo yayingumceli mngeni
ongathethekiyo kula mapolisa. UKapteni wayibeka yacaca eyokuba le meko
bajongene nayo asiyondlwan’iyanetha, wabucacisa phandle ubungozi bala
mabanjwa. Amabini kuwo ayeqeqeshwe njengamajoni kwaye anezixhobo
ezinobungozi, ukongeza apho uchaze ukuba aneengxwelerha nezidumbu
zamapolisa kwimilo yawo malunga noshishino ngeziyobisi.

Nangona kunjalo, uphethe intetho yakhe ngelithi linye kuphela ipolisa afuna lenze lo
msebenzi. Wagxininisa uNakeni ngelithi “Undoqo sisibindi.”

Kwagqitywa ekubeni makhe baye kukwetyisa oku, umntu adibanise amathambo


wakhe engqondo azigocagoce ezijonga ukuba unaso na esi sibindi sifunekayo.
Lowo uthe wazibona efanelekile kulo msebenzi uya kuthi akrwece abasemagunyeni
atsho ukuba uwulungele lo msebenzi.

Isahluko sesi-2 incoko ebharini.

IRoyal Hotel yindawo apho amapolisa ayethanda ukuchitha ixesha khona. Ngale
mini uDumile Jojo akaphangelanga, wagqiba ekubeni makhe aye kuchitha
isithukuthezi kule hotele. Wafika abahlobo bakhe nabo belapho. Esafika njalo
wagangangwa nguSajini Ndaba, abe namanye evuyela ukufika kwakhe nanjengoko
babequlunqa indlela abaza kuwenza ngawo lo msebenzi beliqela lamapolisa
asixhenxe owesibhozo ke ibenguDumile lowo. Bamzama ke ukumrhwebela kule
mbumba iza kwenza lo msebenzi, batsho bancama wala uDumile. Wazibeka
izizathu ezivakalayo esithi ujongene nempilo yakhe, woleka ngelithi angayishiya
nangeliphi ixesha inkonzo yobupolisa. Oku kwenza ukuba badane kakhulu
abahlobo bakhe, kwagodukwa ke begodusana nanjengoko kwakusebusuku. USajini
Dada akazange aphele mandla wakhondoza emcenga uDumile ukuba abe ngomnye
wabo kule mbumba, wala nangako uDumile.

Oyena nobangela wokwala kwakhe, umsebenzi wesininzi awudli ngokuba


nempumelelo eyiyo, kwakhona bayona ngokusuka bathi baza kuqala ngokuya
esipilini sibakhombise umkhondo wezi zikrelemqa. Kuye oku kwabonakalisa
ukungazithembi kwabo.

Isahluko sesi-3: Ndinesingqala.

Ngentsasa ethile kufika uMavis Njobe onguNontlalontle nosisithandwa sikaDumile


kanye ngethuba esazicingela ukuba kufuneka akhe aye kukroba uMavis lo. Kwezo
ndaba zabo babencokola nangeenzima abadibana nazo emisebenzini.
Ngaxeshanye uMavis wabe equkeza esenza imisebenzi ethile yasendlwini ibiza
kwenziwa nguDumile. Kwalapho kuloo ncoko uMavis uye wafumana ithuba
kozibuzela apha kuDumile ukuba kode kubenini wamngejayo bade batshate nini.

UDumile wasithoboza isithandwa sakhe ngelithi akalibelanga usaqokelela ukuze


akwazi ukumelana nelobola. Wamthuthuzela sade sehla nesingqala eso. UMavis
naye waxola xa esiva ukuba uDumile usasibambile isithembiso sakhe wazimisela
ukumlinda ade aqokelele ngokwaneleyo.

Isahluko sesi-4: Thuma mna bawo.

UDumile uthatha isigqibo sokokuba uza kuliphanda ngokwakhe eli tyala. Ufika
emsebenzini ngeCawa eziva esemandleni emva kweentsukwana zakhe zekhefu.
Ufike watsalela uKapteni umnxeba evakalisa isigqibo asithathileyo sokuba ibe
nguye lo mgqatswa uza kujongana nala mabanjwa. UKapteni akafunanga banabe
ngalo mba apho emnxebeni uye wambizela e-Ofisini yakhe. Ngaxenye uKapteni
watsalela uLeftenenti Ngumbela, injengele yabecuphi, uMnumzana Mbhobho kunye
noMphathiswa Wezokhuseleko. Watsho phandle uDumile kwezi ziphathamandla
ukuba uza kuliphanda yedwa eli tyala. Bamkhumbuza ngobuzaza beli tyala futhi
abayifihla eyokuba angangayi lubuyayo. ULeftenenti Ngumbela wamchazela
imigaqo ekufuneka eyilandele xa aphanda eli tyala. Koko uDumile wazicelela ukuba
azisekele eyakhe indlela aza kusebenza ngayo.

Isahluko 5: Isolomzi nezalo.

UDumile udibana nexhego lakwaDada aphangela nalo liphethe iphepha-ndaba


iSolomzi. Ixhego limalathisa isihloko esidlwengula umxhelo kwelo phepha-ndaba
elithi amapolisa ayimbumba azonyulele ukuw’emkhondweni lezikrelemnqa (p 22).
UDumile uvuyela into yokuba aphosakale ekubandakanyweni kwefoto yakhe kwelo
phephandaba. Wasinda cebetshu njengoko intatheli yafika ngelixa wayeye kuthenga
utywala ukongeza etafileni okanye mhlawumbi engekafiki phakathi kwabo. UMnu.
Dada umvezela ngantlanye ngendibano abaza kubanayo emkrobisela
ngeengongoma abaza kuzixovula. Ubongoziwe nguDada ukuba uDumile
azibandakanye nabo, wala uDumile. Ubuzile uDada ukuba unolwazi na ngomntu
ozigqatsele olu phando, nalapho akamnikanga nto inesihlahla njengoko ezazi nguye
ozigqatsele lo msebenzi.

Isahluko sesi-6: Iinyembezi zothanndo.

UDumile noMavis bazinyhididi kuba beza kukhe bohlukane ngenxa yomsebenzi kaDumile.
UDumile uhambele uMavis eyokumthululela imba ngomsebenzi lo avume ukuwenza.
Akukhhange kubelula kubo bobabini. UDumile wafuna ukuculelwa nguMavis. Iculo
lamvuselela walonwabela naye baculelana bobabini. Oko kuculelana kumenze wayinyhididi
uMavis waqonda uDumille ukuba ziinyembezi zothando. Bohlukana ngesihle ngoncumo
nangemvumelwano nemvisiswano. Benazo nezibhambathiso zokuba baza kunxibelelana
njani na. (p28)

Isahluko sesi-7: Incoko noMhleli.

UDumile ucinge ukuba atyelele umhleli omkhulu wephepha-ndaba iSolomzi.


UTshezi ulonwabele utyelelo lwakhe uDumile ofike apho wazenza igqwetha
lamalungelo abantu, kuba efuna ukufumana ulwazi ngamabanjwa aqhawuleyo.
Uzibhalisa egeyithini njengoZweni Malahle kuba engafuni kwaziwa. UMnu Tshezi
uye wakhululeka ukuthetha ngala mabanjwa nendlela isigwebo sawo esahamba
ngayo. Ungqina ukuba isibini samabanjwa ngabatshana bakhe kwaye basebenza
nepolisa watsho elibiza ukuba nguDada. UDumile wazuza lukhulu kuTshezi watsho
eyalela ukuba angaxeleli mntu ngaye, xa ethe wanolwazi ngala mabanjwa aze
amtsalele umnxeba. Wamshiyela inombolo yomnxeba engaziwayo ngabantu.

Isahluko sesi-8: Yaqal’inkathazo.


Lwafika usuku lwangolwesithathu lwendibano, uDumile wavakalisa izicelo zakhe
neenjongo zazo ngolu hlobo. uDumile wafika sele enezicwangciso zakhe zokwenza
uphando malunga nala mabanjwa, ufike wazithi thaca.

Le ndibano yabo yayingongcwalazi kwaye iqhutyelwa ebumnyameni kulunyukelwe


ukuba okuthethwayo kungemkiseli. UDumile kwizicwangciso zakhe ucele uDada
ukuba makabekwe kwinkampu ethe qelele, kwaye anikwe umsebenzi oza kuthi
ufune ingqwalasela emandla. Okwesibini, wacela uSajini Ndaba ukuba
anqunyanyiswe ngokunikwa ikhefu nje emva kweveki emkile uDada. Okwesithathu,
ucele ukuba yena anikwe nezixhobo ezincedisana nophando lwakhe.

Ezi zixhobo ziquka isisondezi-magama, izikhuseli mzimba kwiimbumbulu, umpu


wohlobo lwe-8.9 mm, wagqibezela ngelithi anikwe inqwelo mafutha yohlobo
lakwaFord njengoko wayesivuma isantya ehamba ngaso kunye nekhamera
esebenza kuzo zonke iimeko zemozulu. Uthe akususwa uDada wahambela umzi
kaDada eyokufuna ubungqina anokubufumana. Ufumene ibhokisana enekhasethi
elibhalwe UMTHATHA CENTRAL PRISON, apho akwazileyo ukubona amabanjwa
amathandathu exhagwe ngamapolisa asibhozo, ekukho khona uMnu. Dada
owayenika imigqaliselo ekuvalelweni kwala madoda. Ufumene iphetshana
elineenombolo zemfono-mfono zaseRhawutini zingenamagama abantu,
yamkrokrisa loo nto. Wabuya neAK47 nale paselana.
UDumile uqwalasele unxibelelwano kwigama lomnye wala madoda kunye
nenombolo ekwiphepha awalifumana kwaDada. Ukuqinisekisa ngezi nombolo uye
wandwendwela umzi wemfonomfono ngeenjongo zokubba bamphandele ezi
nombolo ukuba zezoobani.

Isahluko 9: Ngqe-e endleleni okomzuzwana.

UDumile emva kokubukela ikhasethi alifumene kwaDada wagqiba kwelokuba


ayokubaleka ngelenza imithambo nanjengamntu wekarati. Uzive ediniwe
engenamdla kangako kule nto yokubaleka, wagqiba kwelokuba amise ubhontsi
kwiimoto ezidlulayo. Zimdlule iimoto ezininzi ngelingeni wamiselwa ngumnyobo
wemoto eyayiqhutywa linenekazi elamdumbisa intloko. Wadana kakhulu xa liye
lazazisa kuye ukuba limazi ngoMavis ongumhlobo walo. Eli nenekazi
yayinguNomvuyo osisihlobo esikhulu sikaMavis ukususela esikolweni. Uqabele
ngemva apha emotweni uDumile baza baqhuba intetho kuhlekwa kamnandi.
Besahamba njalo uDumile waqaphela ukurhwaqela kukaNomvuyo kanti kukho
isibhongobhiyane esimvezele umpu. Sizigqume ubuso. Samyalela ukuba ehle
emotweni. Wabuna yena emva kwesitulo ngemva emotweni akaqatshelwa. Lo
nqevu wayidlakazelisa imoto kaNomvuyo, wakhawulezisa wathatha indawo uDumile
baqalisa ukujijisana besongelana. uDumile wakwazi ukoxutha umpu wesi
sigebenga, kuloo mjijiswano kanti umpu ucofekile wasidubula entloko ngempazamo
lahlanz’iselwa. Kwabe sekufika amapolisa eFlying Squad kuloo ndawo yexhwayelo.
Imoto kaNomvuyo yona yabe yonzakele kanobom inalo nodaka nothuli yimiwewe
namaxethuka ibithubeleza kuwo ngaphandle kolawulo lomqhubi. Abezohlangulo
bawuthatha umzimba bemka nawo.

Isahluko 10: Ummangaliso.

UDumile uva iindaba zokuba indoda edubulekileyo ngexesha


lokuthinjwa kwemoto kaNomvuyo yenye yala afunekayo. UDumile
umamela ushicilelo lwencoko ebecele ukuba ayenzelwe. UDumile
uleqa indibano yooDada ebenjelwe kwihotele yaseHeshele.

UDumile wabanethamsanqa lokuba kuloo ndlela yakhe iya kule ndibano yamapolisa,
wadibana neFlying squad neentatheli kurhangqwe imoto kaNomvuyo. UNomvuyo
wamanga enombulelo ongazenzisiyo. Ngethamsanqa lakhe uthe xa efika zabe
zihamba iintatheli zingambonanga kuloo bhanyabhanya womfoto wawusenzeka
apho. Uthe esami apho, waguzulwa kweso sixhonxololo ngumphathi wakhe uNakeni
wamtsalela bucala. Wothuswe ziindaba azive ngoNakeni zokuba umgewu oye
wadubuleka ngexesha lokuthinjwa kwemoto nguNeo omnye wamabanjwa asemva
kwawo. UMnu. Nakeni ubonakalise ukungaxoli sesi senzo kuba la mabanjwa
afuneka ephila. UDumile wakhuza kakhulu ngelithi, ‘ngummangaliso lowo’ kodwa
wazikhulula ngelithi lo mgewu uzidubule ngokwawo. UDumile waya kulanda imoto
yakhe kwinjineli ukulungisela olu hambo lwakhe lulanda ekhondweni lamapolisa aza
kudibana eHeshele, kuquka noDada. Wazama ukulahla umkhondo kwinjineli
eyayimpheka imophula ngemibuzo malunga nokufakelwa kokhuseleko emotweni
ngelithi uqhubela iNkulumbuso. Ukusuka kwinjineli waya kumisa eposini eya
kuthatha iziphumo zoshicilelo lodliwanondlebe awayecele alwenzelwe. Waphawula
ukuba incoko elapha iphakathi kukaDada, uTshezi kunye naphakathi kukaSajini
Ndaba noDada kwakunye nomnye wala madoda ayefunwa ngamapolisa. UTshezi
kule ncoko uvakala ediza konke awayekuthetha noDumile esenziwa yimincili ke
phofu. Oogxa bakhe babanawo amanwele ingakumbi xa esithi lo mntu uthe
uligqwetha kwaye loo ncoko yabo mayibeyimfihlo.

Kulapho uDumile eve khona icebo labo lokudibana, phofu baza kudibana noNeo
abangamaziyo ukuba akasekho. Yathatha ibeka ingqondo kaDumile ezama kucinga
ngento adibene ngayo la madoda eHeshele, wayiphawula into kaSajini Ndaba ovele
wanikwa ikhefu engalicelanga, igqwetha elaya kudibana noTshezi, umntu ogqatsele
uphando, njalo njalo. uDumile waleqa kulo Hotele apho wafika kuqala wakhupha
umoya kwimoto kaSajini Ndaba waze wangena ngaphakathi.
Ekusokolisweni kwakhe yintombi eyamkela iindwendwe kule hotele wayigrogrisa
yade yamxelela apho bayimbambele khona indibano. Wangena bengalindelanga
ebakhombe ngompu.

Baxhuma bothukile sesi senzo, kuthe kunjalo laa ntombazana ibingafuni


kumngenisa yee gqi emva kwakhe imkhombe ngompu, noko kunjalo ukwazile
ukuphumelela wabakhonxa uDada nale ntombi wabaqhubela esikhululweni
samapolisa eMthatha.

Isahluko 11: Ngamazwembezwembe kaGxuluwe.

UDumile waba noloyiko lokuba uNdaba uza kuyisasaza into yokokuba nguye
ozogqatsele ukuzingela amabanjwa nento yokuba ebambe uDada neli nenekazi.
Wayalela amapolisa amabini ukuba lingatshoni elalo mini uNdaba engabanjwanga.
Wancina inenekazi alibambe nodada. Ekuncineni kwakhe eli nenekazi uDumile
waye wafumanisa ukuba linentsebenziswano noNeo. UDumile walithembisa
ngokulikhulula eli nenekazi ukuba nje lingakhe lithethe konke elikwaziyo. Esi
sithembiso lalenza langathi libotshwe emnweni laqhabalaka lichaza konke malunga
nomsebenzi eliwenzayo. Kwinkcazo yeli nenekazi kwavela ukuba barhubuluzisa
iziyobisi kulo lonke eli loMzantsi Afrika. UDumile washiya eyalele ukuba ligcinwe
eluvalelweni waze wayakuncina uDada ngethemba lokufumana iinkcukacha
ezingaphezulu. UDada waqhabalaka echaza ngelakhe igalelo igalelo njengepolisa,
okunye ebekwenza ibikukudukisa iinkcukacha ukuqinisekisa ukuba iqela eli xa lithe
labanjwa akunakuphela iiveki ezimbini beseluvalelweni. Uvumile uDada ukuba lo
msebenzi ubuwuphindaphinda kane umrholo wakhe wenyanga ube lo ewenza
ngeveki kuphela. Unike nenkcazo malunga nenxaxheba edlalwe nguSajini Ndaba
yokunxibelelanisa eli qela nesipolisa ngokuthi alilumkise ngamanyathelo aza
kuthatyathwa ngakuwo.
Ngelishwakazi akwenzekanga ngokomnqweno wakhe uDumile njengoko eye
wafumana iindaba zokuba kubekho udubulwano phakathi kwamapolisa kunye
noSajini Ndaba, apho uNdaba abulele ipolisa naye wabulawa apho. UDumile uthe
makakhe akhangele uTshezi wafumanisa ukuba uTshezi utsho kude kuye
akasatshayi ngaloo nqawe yabo. UDumile uyalele amapolisa ukuba abambe
uTshezi. Nalapho kuye kwakho udubulwano apho kuye kwabhubha kwaze
kwangxwelerheka abantu. uTshezi naye ube kwiqela labantu abangxwelerhekileyo
esibhedlele kodwa wabe ephantsi kweliso lamapolisa.

Isahluko 12: Uphila kube Kanye.

UDumile uya kwisixeko saseRhawutini ngelilandela umkhondo wophando lwakhe.


Egoli uhlangene nenekazi elazazisa njengoSasa, phofu nguNontsasa Ngewu. Naye
uzazise njengoTsephiso Rarhajena (p73). Eli nenekazi labonakalisa umdla
wokuchitha ithuba noDumile phofu naye wabe engakuchasanga oko. Kwisidlo
sasehotele uDumile ahlala kuyo, bagqiba ukuba babuye bahlangane bakhe baye
kwenye indawo kanokutsho yokutya engekude kuyaphi apho ehotele. Bathe
besahleli, eli nenekai lacela ukukhe liye kuthenga, uDumile esalindile njalo kwangena
izihange zixhobe zife amacala zarobha kule khefi zaze zadlulela nakubathengi befuna
ubucwebe nemali.

UDumile ude walifumana naye ithuba lokukhupha owakhe umpu, waqhumisa. Uthe
omnye wezigebenga esajolise kuDumile kanye embonjeni kanti amapolisa sele
efikile wafa namthanyana. UDumile kwathi kanti ungxwelerhekile naye njengabanye.
Uye wachitha iiveki esibhedlele apho abone sele kugaleleka isithandwa sakhe,
uMavis. USasa yena wayesathe shwaka okwalo mzuzu kungekho mkhondo ngaye.

UMavis wasathathe ikhefu emsebenzini emva kokuba ebone esi sehlo


kumabonakude. Uthe uDumile akungavumi ukujika agoduke naye wagqiba ekubeni
naye uyahlala kodwa akazokuhlala kwihotele enye noDumile koko bayakubonana
qho emva kweentsuku ezintathu.

Isahluko 13: Isikhuni sibuya nomkhwezeli.


UDumile akukhululwa esibhedlele ubuyele kwasehotele kwigumbi lakhe. Uve
intswahla kwibhari yale hotele, wanomdla wokubona loo mincili ukuba ibangelwa
yintoni. Ebesexhaleni ngokhuseleko lukaMavis kuba kuseGoli. UMavis ulilisele
ngokuba kufuphi koogqirha nanjengoko eneenyanga ezisixhenxe ezithwele.
Ufumene umnxeba ovela kuKapteni Nakeni emncoma ngomsebenzi omhle kuba
babanjiwe abantu ekudala bafunwa. Ubuze kumthengisi ukuba intswahla le
yeyantonina, waxelelwa ukuba kudlala uMzantsi Afrika neBrazil badlalela iPresident
Nelson Mandela Inaugaration Challenge Cup. Emva komdlalo kwadlala ingoma
emyoli apho uSasa watsho wayidanisela, ezenza ovuyisana noTsephiso kuba
esindile nomnye wenze njalo komnye. USasa ucele ukuba baye egumbini
likaDumile. Bachubelene ngabalingani babo.

USasa wachaza ukuba umyeni wakhe uhambisa iziyobisi yaye akamphathanga


kakuhle. Ucele uDumile ukuba abulale umyeni wakhe kuba eyakufumana intywenka
yemali, wamthembisa ngesahlulo ayakusifumana. Ulandule uDumile emisa phambili
umsebenzi wakhe njengepolisa. Uthe esalele uSasa uDumile wagubhulula ibhegi
yakhe wabhaqa umpu, idilesi neenombolo zomnxeba, ifoto enegama lakhe. USasa
uye wothuka wonda ngompu kaDumile wamkhomba ngawo. UDumile uvumile
ukusenza isicelo sokugwinta umyeni wakhe, waze uSasa watsalela umyeni wakhe
umnxeba emxelela ukuba kukho umntu ofuna ukuthenga iziyobisi. Ngomhla wedinga
uDumile watsalela icandelo leDrug Unit wabanjwa umyeni kaNontsasa. Emva
kweentsuku ezintathu uSasa utsalele uDumile umnxeba efuna ukuqonda ukuba
uwenzile na umsebenzi ebethembise ngawo. Uvumile omnye esithi sokuze
amphoxe. UNontsasa umchazele uDumile ukuba umphathele ibhaso
elingummangaliso. Uthe engekuluvuli ucango lwegumbi lakhe weva isithongakazi.
Yathi kanti kukugqabhuka kwebhombu eyabulala uNontsasa, bhombu leyo
ibilungiselele ukubulala uDumile. (p.92)

Isahluko 14: Kufayayo.

Uthe esazonwabele uDumile wabona isihloko sephephandaba esasinomfanekiso


wakhe. Kwelo nqaku kwakuchazwa ngokuthandana kwakhe noSasa, nto leyo
ebangele abakwantsasana bazokumncina ngokusweleka kukaSasa. Akabanikanga
lwazi nto nje ubaxelele ukuba ungumcuphi watsho ekhupha isazisi nesiqinisekiso
soko. Waxolisa uSajini Moya ngesenzo sakhe baze (p.96) bancokola besabelana
iindaba zesipolisa kwakunye nokucupha. La mapolisa ahamba ashiya idilesi yendlu
apho wayehlala khona uNontsasa. Amnqwenelela impumelelo uDumile. Wafumana
umnxeba ovela kuKhapteni Nakeni emchazela ukuba izikrelemnqa zigqiba kubanjwa
ziselugcinweni. Wamxelela ukuba kushiye ezibini kuphela awugqibe umsebenzi
wakhe.

Undulukile uDumile esiya kwindlu kaSasa. Abamelwane babengaqinisekanga ukuba


uSasa ubuthatha phi ubutyebi, abanye babukhomba kwilifa, abanye kumsebenzi
akuwo, abanye kwibhaso lonobuhle. Ufumene idayari nekhasethi. Kule dayari uye
wafumanisa ukuba ngosuku olulandelayo kukho iziyobisi eziza kufika ekufanele
zithathwe kwaye bekulindeleke ukuba eli nenekazi linguSasa liyokuvula ishishini
lokuhambisa iziyobisi eLesotho.

Kwakhona kwalapha kucwangciswe ngokubulawa kwakhe Dumile noMavis. Indlela


aza kubulawa ngayo ichaziwe. Kwakule dayari kukho nesicwangciso
sokukhootyozwa kolutsha olusezikolweni ngeziyobisi. Inkokheli yeli qela kuba
inguzwilakhe nayo kufuneka idluliswe amafu yaye yazibeka kubunkokheli bayo.
Ucele amapolisa eDrug Unity ukuba alalele umntu oze neziyobisi amanye aye
kwindlu kaSasa. Uthe esajonge leyo uDumile wafumana umnxeba kuvakala ilizwi
likaMavis ebanjwe yimigewu. Ugqibe ukuba adibane nawo, amyale ukuba angezi
namapolisa. Imigewu ithathe isitshixo semoto yakhe baya kuyo imise kude kufuphi
nale ndawo inamapolisa. Imigewu leyo yaye yabanjwa wabe uMavis
engafumanekanga kubonakala umzila wegazi.

Isahluko se15: Ngoko ke ndincede nkosi

Izigwinta zakhanyela ukuba ziyamazi uMavis. Kwamxhalabisa kakhulu oku


uDumile enalo nexhala lokuba kungathi kanti bambulele. Waqhutyelwa lipolisa
bayokufika kwihotele eyayihlala uMavis, apho babuya nelize (p.116).
Esikhululweni senqwelo moya wabanjwa umlungukazi enemithwalo yeziyobisi
wavalelwa entolongweni (p.117). UDumile ufunde iphepha weva ngenenekazi
elibuleweyo wayokufanisa, akafumana mkhondo ngoMavis. Kwibala lemidlalo
ekuhlaleni kwabakho iphulo lokulunyukiswa koluntu ngeziyibisi. Wathi ekolo
phulo waneengcinga ngoMavis ekumyezo wezilwanyana. Izithethi zazizizintlu
ngezintlu kukho oonontlalo-ntle, umkhomishini wamapolisa kunye neprofesa.

Isahluko se- 16: Ngenxa yesithembiso.


UDumile uxabana nepolisa kuba engade afumaneke uMavis. Awufumaneki
umkhondo kaMavis de umba wakhe udluliselwa kwisebe labalahlekileyo ngoncedo
lwamapolisa. Kwathi ndii ukubanjwa kombulali wamabhinqa ngamapolisa
angamabhinqa. Anconywa yinkulumbuso ngesenzo esihle kangaka sokuba
abambe eso sigwinta, yangqina ukuba ubugwinta bositshulwa nengcambu
phakathi koluntu. UDumile esaziphumlele ephethwe ngumvandendwa wafumana
umnxeba ovela kuKapteni omyalela ukuba makabuye ngomso nanjengoko ityala
lalimiselwe iveki elandelayo. Kwanyanzeleka ehle kuba kwakufuneka adlulise
ubungqina, netyala lamiswa ngenxa yoko. Igqwetha labamangalelwa lathi
abamangalelwa abanatyala. USajini Jojo ube ligqina lenkundla. UDumile wayithi
thaca indlela uSajini Dada awanika ngayo isiqabu amapolisa amane kwisibhozo,
waze kweso sine wanika umyalelo wokuba sizohlule kabini.

Ubungqina buka Dumile baxhaswa ngokupheleleyo lipolisa. UMnu Mabhude


intatheli owayebizwa njengoTshezi walandela eqongeni, kwaye kusithiwa
imifanekiso ethatyathwe kwividiyo yevunywe nguye njengomhleli omkhulu
wamaphephandaba, neyaduka ngondlela-mnyama. Banikwe amashumi alithoba
anesihlanu bethothoza kwezimnyama izisele, uSajini Dada njengepolisa wathiwa
nka ngeshumi elinesihlanu seminyaka. Intatheli yanikwa ishumi elinesihlanu.
Amanenekazi anikwa amashumi amabini eminyaka entilongweni.

Ngenye imini wafika uNomvuyo efuna yena noDumile baleqe kwisikhululo


senqwelo-moya ukuya kulanda umntu. UDumile wamangaliswa kukufumanisa
ukuba nguMavis lowo. Kwaba yimincili beculelana iingoma zothando. UMavis
kwathi kanti wakhwela ibhasi eya eKapa apho wathi wachopha khona ithutyana.
Wabeleka ngeveki yeKrisimesi. Zaphokoka iziphiwo, usana olo lwathiywa igama
lokuba nguSithembiso.

Isahluko 17: Kwasa okungaliyo.

Ngunyaka wama - 2010 uMzantsi Afrika usingethe ukhuphiswano lwendebe yehlabathi


yebhola ekhatyawayo. Amapolisa axhotyiswa ngumphathi ngendlela yokubamba ucwangco
kwiindwendwe ezizobe zizimase eli loMzantsi Afrika, ayekhuthazwe ngomoya wemvano.
Unyana kaDumile wayeminyaka mithathu ezelwe. UMavis wayehamba kwiindibano
exhobisa abantu ngokusetyenziswa kweziyobisi nangokuba uluntu malugotywe luselula.
Wanika inkxaso kumabhinqa asentolongweni nakubadlezana ababelekela apho. Eli phulo
lakhe laya nasemadodeni apho ibanjwa elinguBuyile lathi lawongwa ngeDiploma kwimfundo
(p.152). UDada wafumana ingqawule. Wafika eluntwini washumayela ngokungalungi
kweziyobisi. Wayenguye nombhexeshi wekwayara, uTshezi waye wabhala incwadi.
UKapteni Nakeni wathetha noDumile ngokulunyukiswa koluntu ngokusetyenziswa
kweziyobisi (p.154). OkaMguqulwa waba nguchweli weedesika.

Masizivavanye Mfundi : Imibuzo yokuhlola ulwazi lwencwadi


Isahluko 1. Undoqo sisibindi
1 Xela igama lephephandaba elalinenqaku elalingundaba mlonyeni ngo
1944. (1)
2 Lalazisa ntoni iphephandaba? (1)
3 Liqhubeka phi ibali kwesi sahluko sokuqala? (1)
4 Xela ayemangaphi amapolisa ayekwintlanganiso awayebizelwe kuyo
uDumile edolophini?
5 Nika igama lomntu owayephethe la mapolisa? (1)
6 Lo Kaptein wayebizwa ngeliphi igama, wayelifumene phi? (2)
7 Yayingubani elona gama likaKaptein? (nesiduko sakhe) (1)
8 La mabanjwa ekwakudityenwe ngawo ayeqhweshe kweliphi ilizwe, ngowuphi
unyaka? (2)
9 Mangaphi amapolisa asweleka esilwa neziyobisi? (1)
10 Chaza ubungozi bala mabanjwa. (1)
11 Ayemangaphi la mabanjwa? (1)
12 ULeftnent Ngumbela wabanika iintsuku ezingaphi ukuba ayokucinga
ngokuthatha umsebenzi wokwenza uphando lwamabanjwa ayeqhweshile. (1)
Isahluko 2. Incoko ebharini
1 Yayingubani elona gama likaDj. (1)
2 Xela igama leHotele awaye kuchithela kuyo isithukuthezi uDj (1)
3 Nika unobangela wokuba akhethe leHotele (1)
4 Wayekweli phi inqanaba ngokomsebenzi uDJ (1)
5 Wakhawulelwa ngubani xa engena kule Hotele? (1)
6 Chaza ukuba ayemangaphi amapolisa afikela kuwo uDJ kule Hotele (1)
7 Yayiyintoni injongo yala mapolisa, nawagangwa ngayo xa efika uDJ? (1)
8 Ingaba wavuma uDJ, wabeka sizathuni sini? (1)

Isahluko sesithathu. (ndinesingqala)


1. Nika igama lomntu onesingqala kwesi sahluko. (1)
2. Babuyintoni ubudlelwana phakathi kwakhe noDJ esenza msebenzi mni? (2)
3. UDumile wayehlala kweyi ilokishi.? (1)
4. Wayeze kuthi uMavis kuDJ? (1)
5. Wathini xa amphendulayo UDJ uMavis? (1)
6. Athini amazwi azithuthuzela ngawo uMavis athi wawacaphula
kwiBhayibhile. (1)

Isahluko 4 (Thuma mna bawo)

1. Ngubani lo wayetheha la mazwi , kuba kutheni? (1)


2 UKaptein Nakeni wamabizela kwintlanganiso ekhawulezileyo uDJ ngobani
abanye awabatsalela umnxeba ukuze babekhona kule ntlanganiso? (3)
3 Xela imigqaliselo emithathu ekwakufuneka ayilandele uDJ xa esiya
kuphanda ngale migewu. (3)
5 Ngubani owayemnika le migqaliselo? (1)
6 Ingaba wayamkela uDJ? (1)

Isahluko 5 (Isolomzi nezalo)


1 Ngubani awadibana naye uDJ edolophini ephethe iphephandaba? (1)
2 Sasithini isihloko sephephandaba? (1)
3 Yayingubani intatheli yeSolomzi? (1)
4 Wawuthatyathwe phi lo mfanekiso? (1)
5 Yayingubani intatheli yeSolomzi? (1)
6 Wawusithini umxholo wengxoxo yentlanganiso yamapolisa asixhenxe njengoko
ayeza kudibana? (1)

Isahluko 6 (Iinyembezi zothando)

1. Ngubani lo wayenezi nyembezi zothando, kwakutheni? (2)


2. Wamculela eyiphi ingoma lo mntu umchaze ku 1?

Isahluko 7 ( Incoko nomhleli)


1. Yayingubani umhleli weli phephandaba? (1)
2. Ingaba wazazisa njani uDumile kuMhleli? (1)
3. Ngubani ipolisa elalisebenza noMhleli weli phephandaba? (1)
4. Wayezalana njani uMhleli namabanjwa amabini. (1)

Isahluko 8 (Yaqal’inkathazo)

1. Zazithini izicwangciso zika DJ njengoko wayengayamkelanga imiqathango


kaLeftenent Ngumbela? Xela awayinika amapolisa
amabini, nezinto awayezifuna. (10)
2 Wafumana ntoni ngexesha eya kugqogqa endlini kaDada? (5)
3 Yayiphangelaphi inkosikazi kaDada, isenza msebenzi mni? (2)
4 Wabona ntoni UDJ kwikhasethi aweyifumene endloni kaDada? (2)

Isahluko 9 (Ngqee endleleni okomzuzwana)


1. Loluphi uqeqesho awayelufumene ePitoli uDumile, wazuza ntoni? (2)
2 Ngubani inenenkazi elampha ihike endleleni ngexesha wayevela kubaleka .
Lalihamba ngantoni? (2)
3 Chaza indlela elaxhonyiswa ngayo eli nenekazi lihamba noDJ. (2)
4. Yithi gqabagqaba ngokwenzeka emotweni yeli nenekazi emva kokuba
imke neso sigebenga (4)

Isahluko 10 (Ummangaliso)
1. Yintoni le ingummangaliso kwesi sahluko? (1)
2. Yayingubani igama lesi sikrelemnqa? (1)
3. UDJ waleqa kwintlanganiso eyayiza kuqhutywa nguSajini Ndaba, Tshezi no Dada,
Yayiphi le ntlanganiso? Kwakuza kuzozwa ngantoni apho? (2)
4. Tshezi no Dada, Yayiphi le ntlanganiso? Kwakuza kuxoxwa
ngantoni apho? (2)

5. UDJ wafika wenza ntoni akufika kuloo hotele ekwakuza kubanjelwa


kuyo intlanganiso? (1)

Isahluko 11 (Ngamazwembezwembe kagxuluwa)


1. USajini Ndaba wabulawelwa phi? (1)
2. Ngubani umhleli wephephandaba owabanjwa ngenxa kaDJ owathumela amapolisa
kweso sakhiwo? (1)
3. UDJ eMthatha wafumana inkcazelo ethini kwinenekazi ngombutho
wabo noDada? (1)

Isahluko 12 (Uphila kuba kanye)


1. Wafikela phi uDJ eRhawutini? (1)
2. Ngubani inenekazi awadibana nalo eRhawutini, ngexesha lesidlo? (1)
3. Wazibiza ngeliphi igama uDumile kweli nenekazi? (1)
4. Chaza okwenzeka ngexesha bezikhuphele kwiResturant? (1)

Isahluko 13 (Isikhuni sibuya nomkhwezeli)

1 Wayenenyanga ezingaphi ekhulelwe uMavis ngexesha eya (1)


eRhawutini?
2 UDJ wothuswa kukufika kuka Mavis xa wayesesibhedlele, wayeze kuthini uMavis? (1)
3 UDJ waphuma esibhedlele waya egumbini lakhe, akazange akwazi
ukulala yayiyintoni isizathu? (1)
4. Xa wayeyojonga kwelo holo kwafika uNontsasa wamcela ukuba baye
egumbini lika DJ, Yintoni eyacelwa nguNontsasa ukuba uDJ amenzele
yona? (1)
5 Umyeni kaNontsasa wayesenza ntoni umsebenzi wakhe? (1)
6 Wafumana ntoni uDJ kwibhegi kaNontsasa ngexesha babelele
egumbini lakhe? (5)
7 Chaza okwenziwa nguNontsasa akumbhaqa egqogqa
ibhegi yakhe. (5)
8 Ingaba wade wavuma uDJ ukubulala umyeni kaNontsasa? (1)
9 Chaza icebo elenziwa nguNontsasa ukuze uDJ akwazi ukumfumana
umyeni wakhe. (2)

10 Wabanjwa njani umyeni kaNontsasa ngemini yedinga? (2)


11 Afumana ntoni amapolisa akugqogqa imoto yomyeni kaNontsasa. (1)
12 Esi sihloko sibhekisa kubani, kwakutheni cacisa? (2)

Isahluko 14 (kuf’ayayo)

1. Kwenzeka ntoni ngentsasa elandelayo xa uDumile wayefunda iphephandaba,


lalinombhalo othini elo phephandaba? (2)
2. Wafumana ntoni uDumile xa wayeye kugqogqa kwindlu ka Sasa (Nontsasa) (2)
3. Zintoni ezazishicilelwe kule khaseti? (2)
4. Kwakubhalwe ntoni kwidayari xa wayeyifunda uDJ? xela zibe ntathu. (3)
5. Ngubani eli polisa laliza kubulawa? Laliza kubulawa njani? (2)
6. Emva kokufumana ifowuni evela kuMavis (engamva kakuhle) uDJ
wanikwa imiqathango yezinto amakazenze ukuze ikhululwe
inkosikazi yakhe, xela ibe mithathu. (3)
7. Phinda unike izinto zibe mbini ekwathiwa makazenze uDJ ukuze abone inkosikazi
yakhe. (2)
8. Kwenzeka ntoni akufika endlini kaMavis? chaza (4)

Isahluko 15 (Ngoko ke ndincede nkosi)


1. Wayengowaphi uMavis? (1)
2. Afumana ntoni amapolisa endlini kaMavis? (1)
3. Ngawaphi amanye amaphephandaba awayefumaneka eRhawutini
ngaphandle kweSolomzi. (5)
4. Leliphi iphephandaba awalifundayo uDJ emva kokulahleka kukaMavis? (1)
5. Kwabakho iphulo lokulumkisa, iziyobisi, abantu babenxibe ijezi nekepusi ezibhaliweyo,
Zazibhalwe ntoni? (1)

Isahluko 16 (Ngenxa yesithembiso)

1. Sibhekise kubani esi sihloko, kuba? (1)


2. Wabuya ngantoni uMavis xa wayevela eKapa. (1)
3. Xela indlela awaya ngayo ekapa uMavis ukusuka eRhawutini. (2)
4. Wamfumanela phi umntwana wakhe uMavis? (1)
5. Wamthiya igama elinentsingiselo, Lixele, uchaze nesizathu sokunikwa
elo gama (2)

Isahluko 17 (Kwasa okungaliyo)


1. Yaba yintoni umsebenzi kaMavis emva kokubuya eKapa? (1)
2. Ngubani ibanjwa elaphuma lingumchweli entolongweni? (1)
3. Waphuma njani uDada entolongweni? Xela nesizathu soko. (4)
4. Ngawaphi amanye amabanjwa aphuma ezizinto eNtolongweni? (2)
Balula nemisebenzi yawo.

MEMORANDAM ISAHLUKO 1 (UNDOQO SISIBINDI)


1. ISolomzi. (1)
2. Ngokuqhwesha kwamabanjwa. (1)
3. EMthatha. (1)
4. 80 ukuya ku 100. (1)
5. Kaptein Nakeni. (1)
6. Bra Congo, wayelifumene ebholeni. (2)
7. NguNtsu, uMkwena isiduko. (1)
8. eNamibhiya ngo 1983. (2)
9. Mahlanu neengxwelerha ezingaphaya kwekhulu. (1)
10. Emka nezixhobo ezinobungozi, Iziqhushumbisi zezandla ezijulwayo,
Bathengisa neziyobisi. (3)
11. Mathandathu. (1)
12. Wabanika iveki. (1)

ISAHLUKO 2 (INCOKO EBHARINI)


1. NguDumisani Jojo. (1)
2. Royal Hotel. (1)
3. Kuba amapolisa awayephangela nawo ayechitha isithukuthezi (1)
4. KwelobuCuphi. (1)
5. NguSajini Ndaba. (1)
6. AyesiXhenxe. (1)
7. Yayikukuba ajoyine esi sixhenxe, ukuze abengowesiBhozo, ze
bangavumi kohlulwa bawe ekhondweni lezikrelemnqa. (2)
8. Zange avume, Wathi woyikisela impilo yakhe njengoko uGqirha
wakhe ethe makakhe ahlale ithutyana azigcine. (1)

ISAHLUKO 3 (NDINESINGQALA)
1. NguMavis Njobe. (1)
2. Sisithandwa sakhe, wayenguNontlalontle. (2)
3. ENorwood. (1)
4. Wayezokumbuza ukuba baya kutshata nini kuba kwakukudala emngejile (1)
5. Wathi usaqokelela (1)
6. “Ndiwaphakamisela ezintabeni amehlo am” ethetha ukuthi (1)
“ndiwaphakamisela kuWe DJ amehlo am”

ISAHLUKO 4 (THUMA MNA BAWO)


1. Ngu DJ, Wayethabathe isigqibo sokuya kuphanda ngamabanjwa. (1)
2. NguLeftenent Ngumbela, injengele yabecuphi uMbhobho, (2)
noMphathiswa wezokhuseleko.
3. Asebenze emini. Abuyele endlwini lakutshona ilanga. (3)
azenze omnye woonogada kwinkampani yabucala.
4. NguNgumbela. (1)

5. Hayi zange avume wacela kusebenzisa eyakhe indlela, kwaye (1)


Bamvumela. (1)

ISAHLUKO 5 (ISOLOMZI NEZALO)


1 NguDada. (1)
2 Ngawo la amapolisa ayimbumba azonyulele ukuwa (1)
3 Ekhondweni lezikrelemnqa (1)
4 Royal Hotel. (1)
5 Mnu. Mabhuda. (1)
6 Mabangohlulwa kude kufezekiswe olwabo uphando. (1)

ISAHLUKO 6 (IINYEMBEZI ZOTHANDO)


1 NguMavis, wayetyelelwe nguDJ, eze kumazisa ngohamo lwakhe. (2)
2 Dolly Parton. (1)

ISAHLUKO 7 (INCOKO NOMHLELI)


1 NguTshezi. (1)
2 Njengo Zweni Malahle igqwetha elilwela amalungelo abantu. (1)
3 NguDada. (1)
4 Yayingabatshana bakhe. (1)

ISAHLUKO 8 (YAQAL’INKATHAZO)
• Zazisithi uDada makanikwe umsebenzi owodwa, kwinkampu ekude noMthatha kwaye ibe
ngumsebenzi othatha ithuba elide.
• Wayefuna abekude neqela lakhe, kwakufuneka akhatshwe ngamapolisa amathathu ukuze
angarhani,
• USajini Ndaba anikwe ikhefu leenyaga ezintathu emveni kokuba emkile uDada, naye abe
namapolisa amabini aza kuzisa iindaba kuNakeni.
• Yena Dj wayefuna ukunikwa isisondezi magama (Binoculars), Isikhuseli somzimba
kwiimbumbulu, Umpu we Luga 8.5mm, nemoto yakwaFord iye kufakelwa amacango
angangeni mbumbulu, neefestile ezikwanjalo, uNomathotholo, Isalathi ndlela,
Ingabi naphawu labupolisa. Nekhamera yeli xesha ethabatha imifanekiso nanini na.
(10)

5 Iphepha elineenombolo zefowuni zaseRhawutini, kungekho magama


ecaleni kwazo.
- Umpu we- AK 47
- Isitshixo setyesi.

- Ipasela yekhasethi yevido (eyayibhalwe UMthatha Central Prison) (4)


3. ERhawutini inguMongikazi.
4. Amabanjwa amathandathu, ephahlwe ngamapolisa asi-8 kukho (2)
noDada.

ISAHLUKO 9 (NGQEE ENDLELENI OKOMZUZWANA)

1. Yikarati, wazuza ibhanti elimnyama kwinqanaba labadala. (2)


2. NguNomvuyo nge VW (ngumhlobo kaMavis babephangela bonke. (2)
3. Kwathi gqi isikoli sinxibe ibharaklavu, samisa imoto yakhe simkhombe
ngompu, sixabe endleleni, safuna isitshixo semoto semka nayo. (2)
4. UDumile walwa into ende nesikoli, de wasiwina wasidubula ngompu
waso engenanjongo, safela apho kwafika amapolisa eflying squard,
awuthatha umzimba nemoto, Kwathi kanti ibiyinkokheli yamabanjwa
aqhwesha entolongweni. (4)

ISAHLUKO 10 (UMMANGALISO)
1. UDumile wayemanagliswe kukuba kanti ubulele inkokheli yezikrelemnqa (1)
2. NguNeo. (1)
3. Yayise Heshele, nazi izinto ababefuna ukuzazi:
(a) Ngubani igqwetha lamabanjwa?
(b) Ngubani ozigqatsele ukufuna amabanjwa?
(c) Kungani uNdaba enikwe ikhefu? (3)
4. Wakhupha umoya kumavili emoto kaNdaba, wafika bekumgangatho
wesithathu, wadubula wabaleka uNdaba, wabamba inenekazi no Dada wabasa
eMThatha. (2)

ISAHLUKO 11 (NGAMAZWEMBEZWEMBE KAGXULUWA)


1 EMaclear. (1)
2 NguTshezi. (1)
3 Lachaza ukuba baliqela elikhulu kwaye barhubuluzisa iziyobisi (1)

ISAHLUKO 12 (UPHILA KUBE KANYE)


1 KwiHotele yesixeko. (1)
2 NguNontsasa Ngewu. (1)
3 Thsepiso Rarhajane. (1)
4 Wathi esayo odola uNontsasa, kwangena izikrelemnqa zarobha
imali, ubucwebe, kunye nekhamera kaDJ, wazilwela uDJ
kwadutyulwana kanti ulimele nabanye, bayolaliswa kwisibhedlele
esikufuphi. (3)

ISAHLUKO 13 (ISIKHUNI SIBUYA NOMKHWEZELI)


1 Ezisixhenxe. (1)
2 Yingxolo eyayikwiHolo elisezantsi kwakhe kubukelwe ibhola. (1)
3 Wayezobelekela usana lwakhe kufuphi noJoJo / wayefuna oogqirha
beRhawuti. (1)
4 Wamcela abulale umyeni wakhe ukuze aze kumnika isiqingatha
sesigidi seerandi akufa (1)
5. Wayerhweba ngokuthubelezisa iziyobisi. (1)
6. UMpu, Mandrax, Cocaine, Heroin, neFoto kaDJ, neenombolo
zomnxeba wendlu nedilesi yakhe. (5)
7. Wavuka wamkhomba ngoMpu emgrogrisa ngokumbulala,
• Wamchazela ukuba uyamazi ukuba unguDJ akango Thsepiso.
• Wamxelela ukuba ungumcuphi ophanda ngamabanjwa.
• Wayemenzele iyelenqe lokuba abulawe kulaa Resturant wayememele kuyo.
• Wathi makabulale umyeni wakhe. (5)
8 Wavuma ngelokuzisindisa ekufeni. (1)
9 Wafowunela umyeni wakhe esithi umphathele umthengi osuka eNamibia,
ofuna into eninzi yeziyobisi. Wavuma umyeni ngenjongo yokudibana
naye ngengomso. (1)
10 UDumile watsalela amapolisa asibhozo ukuba aye endaweni yedinga,
Yakufika imoto yomyeni kaSasa athi gqi amapolisa ambamba. (1)
11 Iibhokisi ezilishumi zineziyobisi. (1)
12 Sibhekise kuNontsasa owaya kuDJ ephethe ipasela enebhombu (1)
13 ngenjongo zokubulala uDJ, xa efika emnyango yagqabhuka engekangeni
14 endlwini, waba ufela apho uNontsasa saba isikhuni sibuye nomkhwezeli. (1)

ISAHLUKO 14 (KUF’AYAYO)
1. Kwafika amapolisa ehamba noSajini Moyo, eze kuphanda ngokufa kuka Nontsasa,
Umbhalo wawusithi” IPATYALAKILE IBHOBHILE KWIZITHANDANI
EZIRHWEBA NGEZIYOBISI” (2)
2. IDayari, neKhasethi yokushicilela intetho kwifowuni. (2)
3. USasa makaye kuvula isetyana eLesotho.
- Aye kuhlangabeza impahla kwisikhululo senqwelo-moya (2)
4. A COP TO KILL (IPOLISA EMALIBULAWE). KWAKUKHO NOLUHLU LWAMAGAMA
EZIKOLO EZISETYENZISWA UKUTHENGISA IZIYOBISI (2)
5. Ngu DJ, wayeza kunikwa ipasela eneBomb. (2)
6. Makakhulule amabanjwa afana noDada, nabanye abaseRhawuthini.
• Anikezele ngeDayari awayiba endlwini ka Nontsasa.
• Kuza bulawa uMavis xa engakwenzi oko.
7. Angakhe alinge abikele amapolisa/ amajoni/ naliphi isebe. (3)
• Ahambe yedwa angabinasixhobo kungenjalo uya kuzisola. (2)
• Waxelelwa ukuba uMavis umke namadoda amabini
• nekucingwa ukuba ngabahlobo bakhe.
• Waya kwaNontsasa, wafowunela iqela lezobugwinta limlandele.
• Izikrelemnqa zange zimhoye xa ebuza ngoMavis, wohluthwa
• izitshixo zemoto yakhe, wabanika.zathi xa ziya emotweni zahlangana namapolisa zabanjwa.

ISAHLUKO 15 (NGOKO KE NDINCEDE NKOSI)

1. WayengowakuTsolo, afumana isihlangu esinegazi (2)


2 Imithwalo eyeyikwibhokisi zesepha eyimigubo. (1)
3 Daily Dispatch, Sowetan, Star, Sunday Times, City Press.
Ilanga, Solomzi. (6)
4 ISolomzi . (1)
5 Andifuni ziyobisi, ndincede Bawo/ I don’t need drugs so
help me Lord (1)
ISAHLUKO 16 (NGENXA YESITHEMBISO)

1. KuDJ kuba wayethembise uMavis Ngomtshato. (1)


2. Ngenqwelo Moya (1)
3. Watsiba ngefestile kuloo ndlu wayeqweqwediselwa kuyo. Wabamba
Ibhasi eyaKapa. (2)
4. EMthatha . (1)
5. Wathi nguSithembiso, ngenxa yethemba awayenalo. (2)

ISAHLUKO 17 (KWASA OKUNGALIYO)

1. Wayefundisa ngeziyobisi
2. Ngumguqulwa.
3. Wafumana ingqawule kuba wayeziphethe kakuhle, eculisa ikwayala
eyayibizwa ngokuba yiNalithemba, wanikwa nembasa lisebe lezophuhliso
nentlalo.
4. NguDada wayeshumayela ukuba iziyobisi ziyabulala,
- UTshezi wabhala incwadi ethi Ngenxa Yesithembiso
- UMguqulwa wayengumchweli- ubuyile weza neDiploma entolongweni.

IMIZEKELO YEMIBUZO ESISINCOKO SONCWADI NEEMPENDULO

Qaphela ubude bempendulo ecwangciswe ngokukuko kwisincoko soncwadi kulindeleke


okokuba kube namagama angama- 290-340.

Umbuzo 1
UDumile Jojo (DJ) ubonakalise, ubugorha, bokulusiphula neengcambu ulwaphulo mthetho
kule noveli. Ngqina olu luvo ngalo mlinganiswa uqamele ngeziganeko ezikule noveli.
[25]
Umfundi angachankcatha kwezi ngongoma zilandelayo;

• Ukuzigqatsela kwakhe uDumile Jojo ekuphandeni amabanjwa anobungozi


aqhawule eluvalelweni lwamapolisa eyedwa.
• Uncama uMavis isithandwa sakhe, azinikezele kulo msebenzi wokuphanda.
Ukuphanda kwakhe oogxa bakhe akumenzi ukuba azisizele okanye abasizele
koko ufunza enzulwini enze umsebenzi ngendlela efanelekileyo.
• Uqinisekisa uphando olululo sele engquzulana nooDada sele efumene ubungqina
bokuba bayabandakanyeka kule migewu iphandwayo.
• Uyazithengisa ezama ukukhusela uNomvuyo engenaso nesibham wayohluthwa
imoto sisaphuli mthetho kanti sesinye sezi zihange ziqhweshe eluvalelweni lwamapolisa
saze sadubuleka safa kuloo mbhodamo ingezonjongo zakumbulala
• Akanadyudyu ekulandeni umkhondo wooDada eHeshele sele ebazi ukuba
baxhobile azilahlele
wonke ekulweni ulwaphulo mthetho.
• Nokuba sele enzakele eGoli akabuyanga mva ufunzele phambili ngakumbi.
• Ube nesibindi sele exelelwe ngobungozi bomyeni kaSasa suka yalichele kuye yonke le nto
wambamba wavalelwa akambulala nokumbulala ngokwesithembiso sakhe kuSasa.
• Incoko eyayiphakathi komhleli noTshezi DJ yokuzenza igqwetha yiyo eyamnika
umkhomba ndlela ukuze abe uya kwaDada.
• Ukukhonjwa kukaDJ ngompu wakhe nguNontsasa.
• Iyelenqe lokuthengiselwa kukaDJ iziyobisi ngumyeni kaNontsasa esenzela
indlela yokumbamba.
• Ukugubhulula indlu kaNontsasa ngenjongo yokufumana ulwazi oluthe vetshe,
elinokumkhokelela ekubanjweni kwezinye izihange.
• Kwindlu yemigewu abizelwe kuyo ukuba eve ilizwi likaMavis osengxakini uya
ngokukhululekileyo ezazi ukuba angangena nakuwuphi na umhlobo wengxaki koko
ulungisa indlela yakhe ngokumisa imoto elungise amapolisa atsho abe uyifake emgibeni
imigewu.
• Uzincama ngakumbi xa efumanisa ukuba uMavis wakhe kufuneka emsindisile kule
ngozi de abe umfumene uMavis wakhe bonwaba kwakhona.
• Iinzame zokukhulula uMavis owayegcinwe ngokungekho mthethweni.
• Isigwebo esiqatha esithe sanikwa izaphuli-mthetho.

[25]
Umbuzo 2
Ukulingana kwamndla kaDj nabachasi bakhe abakhokelwa nguSajini Ndaba ulikhulise
ngakumbi ibali lale noveli. Ngqina olu luvo, uqamele ngezehlo ezikweli bali.
[25]
Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo:
Kudala impixano ehamba ngolu hlobo;
• UDJ waziswa ngezigqibo zentlanganiso angamenywanga kuyo zokuba yena uza
kukhokela uphando lwamabanjwa aqhawuleyo ngelimlobela ukuba abe ngomnye
weqela elaphula umthetho, ababethe ngemf’iphindiwe ngelithi uza kurhoxa esipoliseni
ngenxa yempilo.
• UDJ uzenza igqwetha elilwela amalungelo oluntu elinguZweni Malahle aye kumshicileli
oyintloko afune ulwazi malunga apho kumhleli-bakufumana olu lwazi ngeli gqwetha
ooDada abulali uboya babo.
• UDJ uyalela ukuba uDada anikwe umsebenzi owodwa kwinkampu ekude ukuze atheneke
amandla angafumani nkcukacha zakunikisa koogxa bakhe abayimigulukudu.
Oku kwenziwa ngokuthi ahanjiswe namapolisa amathathu ukuze angaqondi ukuba
oku kugxile yena.
• UDJ ucela ukunqunyanyiswa kukaSajini Ndaba isithuba senyanga.
• Kwindlu kaDada ufumana uluhlu lweenombolo zefowuni ezingenamagama
abantu ezikrokrisayo nevidiyo khasethi apho wafumana imifanekiso yala mabanjwa.
• Uyazithengisa ezama ukukhusela uNomvuyo kutsotsi owayefuna ukohlutha imoto
yakhe bajijisane ngompu ade afe utsotsi kanti asitsotsi nje ngomnye wemigewu
efunwayo uNeo- abe ufile owokuqala umgewu.
• Ugqabhuza amavili emoto kaNdaba eHeshele, afike kwigumbi likaDada esithi
mabazikhonkxe, UNdaba aphuncuke ashiyeke ebambe isibini-uDada nenekazi.
• Inenekazi lakuthenjiswa ngokukhululwa linikisa ngenkcukacha ezibalulekileyo
zokuba balawulwa
eRhawutini, indlela ezithutyeleziswa ngayo iziyobisi apha eMzantsi Afrika.
• Ukuphuncuka kukaNdaba kumenza uDJ acinge ngokuba ubomi bakhe busesichengeni
kuba iza kuthi ndi-i-i into yokuba nguye lo mphandi uzinikeleyo.
• UDJ uya eRhawutini ahlangane noNontsasa oveze ukuba iqumrhu lemigewu linazo
iinkcukacha ngobukho bukaDumile eRhawutini ngefoto nedilesi yakhe awayifumana
akugqogqa isipaji sikaNontsasa.
• Oku kumenza adlange azimisele ukulwa kodwa uNontsasa amthengise koogxa
bakhe ngokumsa kwindawo yokutyela apho kwathi kugcayiselwe ukuba kudutyulwe
yena DJ, kodwa wasinda. Akalalanga uNontsasa neqela lakhe begcayisela uDJ
ngesigcayiseli sebhombu esigqibele sibulala uNontsasa.
• Kungacacanga kunjalo ukuba isizathu siyintoni na uNontsasa uvumelana noDJ
ukuba ambulalele umyeni wakhe, ngokuthi umyeni enze isivumelwano noDJ ozenza
umthengi weziyobisi kodwa abe naye egcayisele ngamapolisa waze wabe ungena
emgibeni wokubanjwa umyeni kaNontsasa.
• Iqela lemigulukudu lithimba uMavis -isithandwa sikaDJ, okhulelweyo kunyanzeleke
ukuba uDJ aleqe ekhondweni anyanzeliswe ukuba axhome anikezele ngezitshixo
zemoto ukuze ambone uMavis, wasuka wafika kungekho Mavis kodwa naye wabe
equle ngamapolisa.
• Iphela incwadi izaphuli mthetho zifumanekile zafumana isigwebo esiqatha
ngenxa kaDumile.

Umbuzo 3
Ulwaphulo mthetho alunambuyekezo. Ngqina ubunyani bolu luvo ngale noveli. [25]

Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo

• Lo mxholo umbhali uwuxhasa ngokuthi abeke uDumile ukuba aphande ngezaphuli mthetho
eziwophule umthetho ade etha amandla azo. Okwesibini ezi zaphuli mthetho ziwaphule
umthetho zade zenzakalisana kwazodwa.
• UDumile uzigqatsela ukuphanda yedwa ngamabanjwa aqhweshe ejele.
• Xa eya kuMhleli ufumanisa ukuba uyabandakanyeka kulwaphulo mthetho kuba
isibini ngabatshana bakhe.
• Kwindlela yophando lwakhe ubeka emngciphekweni amanye ala mabanjwa.
Ukungqina ukuba alunambuyekezo ulwaphulo mthetho, uNeo zisuka nje waphula umthetho
wokuhlutha imoto kaNomvuyo kanti akabhungisanga wafa ngokudubuleka kujijiswano lwale
mini.
• UDumile uncina inenekazi eMthatha efuna ukwazi kanobom ngezikrelemqa, ufumanise
ukuba baliqela kwaye barhubuluzisa iziyobisi.
• Lamchazela ukuba basebenzisana kunye noNdaba.
• Amapolisa agagene noDada kwidolophu iMaclear amyalela ukuba ame.
• Uye wazama ukubaleka, wadubula emapoliseni. Ngelishwa wachana lalinye
ipolisa embonjeni kanti elinye limvelele ngasemva laze lamosela yaba kukusweleka kwalo.
• UTshezi uyabanjwa.
• UDumile uqhuba nophando lwakhe eRhawutini.
• Ufumana indawo yokuhlala ehotele. Inenekazi elinguNontsasa Ngewu kwindawo
yokusela limcela ukuba bazikhuphele kwenye yeerestyu eyayikwalapho eRhawutini.
Esaye kuoda, kungena izikrelemnqa zijolise zifuna imali, ubucwebe-cwebe esinye
seza kuDumile sifuna ikhamera awayeyiphethe.
• Iqala apho ingxabano athulule iimbumbulu kufike amapolisa athelele zibanjwe
izikrelemnqa ezo.
• UNontsasa ufa ngokubulawa sisiqhushumbisi ebesaya kubulala ngaso uDumile.
• Esenza ugqogqo kwaNontsasa ufumana into ethi makayophuthuma iimpahla kwisikhululo
seenqwelo moya saseRhawutini, kukhale umnxeba kuthethe uMavis ofuna uncedo
kanti uthinjwe zizikrelemnqa.
• Kuthe kanti zimthimbela ukuba zimloba ukuba abuyise idayari ayithathe kwaNontsasa
abe sele ekhupha oogxa babo ababambisileyo ukuqala kuDada, ukuba uyasilela ukwenza
oko bazokumbulala uMavis.
• Bayalela ukuba angaxeleli mapolisa naliphi na isebe lezokhuseleko kwaye ahambe yedwa.
• UDumile ucela icandelo lezobugwinta nobugewu limlandele.
• Izikrelemqa zifuna izitshixo zemoto, uyazinika zithi xa zisiya emotweni zihlangana
namapolisa ziyabanjwa.
• Inenekazi lomLungukazi liyabanjwa kwisikhululo senqwelo moya kufunyanwa ukuba liphethe
iziyobisi elalizifake kwibhokisana yesepha engumgubo kwaye kwafumaniseka ukuba
liyasebenzisana nezikrelemnqa.
• UDumile ushiya iRhawuti, Liyaxoxwe ityala. UDada, uMhleli, kunye nezikrelemnqa bafumana
izohlwayo eziqatha.
• Bonke abenzi bobubi basifumene isohlwayo, abanye baye bafa loo nto iphuhlisa ukuba
ulwaphulo mthetho alunambuyekezo.

Umbuzo 4

Picotha isimo sentlalo kule ncwadi ithi Ngenxa Yesithembiso [25]

Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo

Sentlalo sichaphazela iindawo eliqhubeka kuzo ibali, ixesha eliqhubeka ngalo kwaneendlela
abaphila ngazo abantu kwezo ndawo. Sisetyenziselwa Isimo ukuphefumlela umoya othile
ebalini, ukuhlakulela into ethile nokuphuhlisa abalinganiswa okanye umxholo webali. Isimo
sentlalo sexesha sivezwa zizinto ezifana nezinxibo zabalinganiswa, ulwimi abaluthethayo,
izixhobo abazisebenzisayo, iintlobo zezothutho, iintlobo zezindlu abahlala kuzo
nabazisebenzisayo, iintlobo zokutya, iintlobo ngeentlobo zeenkolo njalo njalo.

Indawo
• Eli bali liqala edolophini eMthatha, apho umlinganiswa wethu ophambili uDumile Jojo
ehlala kwilokishi yaseNorwood, isinqandamathe sakhe uMavis yena uhlala eMthatha.
• UDJ ungumcuphi kwicandelo lobupolisa, uphangela kwisikhululo samapolisa esakhiwe
cebu kuhle kwidolophu yaseMthatha, loo nto ibonisa ngokupheleleyo ukuba ibali lethu
liqhubeka edolophini. Kukule -ofisi kaDumile Jojo aphangela kuyo apho wayekhalelwa
khona ngumnxeba omkhumbuza ngokulindwa kwakhe kwintlanganiso ababebizelwe
kuyo ngukapteni Nakeni kwidolophu yaseMthatha
• Izibane zendlela (robhotsi) ezazivulela uDJ ngexesha eleqa entlanganisweni
awayekhunjuzwa ngayo ngukapteni nazo zibonisa ncakasana ukuba kusedolophini
apha.

• IRoyal Hotel ekwidolophu yaseMthatha ivezwe njengendawo ababechithela kuyo ixesha


labo lekhefu, nalaphu uDJ wafika kukho isixhenxe sonke samapolisa aphangela nawo,
apho babengqonge khona itafile besela iinyembezi zikaVitoliya.
• UDJ udibana noSajini Dada edolophini eMthatha, ephethe iphephandaba
elinomfanekiso wamapolisa ekuvezwe ukuba bazigqatsele ukuphanda ityala lamabanjwa
aqhweshe entolongweni.
• Isakhiwo seziko lephephandaba iSolomzi naso sasakhiwe kule dolophu, apho uDJ
wayetyelele umhleli wephephandaba kwisakhiwo esimagumbi maninzi esinemigangatho
ngemigangatho (ephezulu nesezantsi), Loo nto iveza mhlophe ukuba kusedolophini
kuba iiofisi zokuhlela amaphephandaba zisezidolophini.
• Indlu eyayiqeshwe, ihlala usajini Dada nayo iseMthatha, kaloku zizinto zasezidolophini
izinto zokuqeshisa ngezindlu ukuze lowo uqeshileyo ahlawule imali inyanga nenyanga.
• IHeshele yenye yeehotele ezikhankanyiweyo ebalini nekulapho u DJ waya kubambela
khona uDada kunye nenenekazi elalisamkela apho abantu kwihotele yalapho apho
babebambele khona intlanganiso. Nalapho kwathi kulo mbhodamo babewenza
kwaphuncuka uSajini Ndaba nolelinye lamapolisa ayekulo ntlanganiso.
• IMaclear yenye yeedolophu ezikhankanyiweyo apho kwaswelekela khona usajini Ndaba
kunye nelinye ipolisa ngexesha kuleqwa uNdaba owayebaleke eHeshele ngexesha
babebanjwa nguDumile benoDada,
• Igumbi labantu abakwimeko emandundu (ICU) lifumaneka ezidolophini. Nanko kaloku uDJ
ephaphama ngentsasa elandelayo sele ekweli gumbi labagula kakhulu eRhawutini.
Umlenze wakhe wawuxhonyiwe yena exhaswe ziintsontela zemibhojana zamanzi
emzimbeni (drip) egqunywe iimpumlo ngezincedisi zokuphefumla.

IXESHA
• Kule ncwadi kufundiwe, nkqu nabantu abangoomama nto leyo ebonisa ukuba ixesha
lelangoku, kuba kaloku uMavis ngunontlalontle, inkosikazi kaDada ingumongikazi
esibhedlela eRhawutini.
• Nabantu abangootata bafundile kuba umnumzana Nakeni unguKapteni, uTshezi
ungumhleli wephephandaba, uDumile Jojo unguSajini, umnu.
• Dada unguSajini kanti umnu. Ngumbela unguleftenenti. UKapteni uNakeni uthi badibene
neziphatha mandla zentolongo, abecandelo lezobungcali ngomthetho nabecuphi baza
bagqiba kwelokuba mnye kuphela umntu/ ipolisa ekufuneka lijongene nezi zikrelemnqa.

• Ukuqhwesha kwamabanjwa ezintolongweni zizigigaba ezenzeka kule mihla njengoko


sivile ukuba kule ncwadi kukho amabanjwa amathandathu akhangelwayo aqhweshe
entolongweni, mabanjwa lawo kuvezwe ukuba anoburhalarhume kuba ayeqhweshe
kuqeqesho lobujoni. (anezigcayiseli, iziqhushumbisi zezandla)
• Iindlela zokunxibelelana zezale mihla apho kusetyenziswa iminxeba njengoko uDJ
ebetsalelwe umnxeba nguKapteni Nakeni emkhwebela entlanganisweni.
• OoDada kunye namabanjwa babeqhagamshelana ngeminxeba. Sibona UDJ ecela oonesi
ukuba batsalele izibhedlela zonke iminxeba bafune uNontsasa Ngewu ngexesha
wayesesibhedlele emva kokudutyulwa.
• uDJ kunye nokapteni uNakeni babeqhagamshelana ngeminxeba ngexesha lakhe
lophando.

• Iziyobisi ezikhoyo ebalini nazo zibonisa ukuba ixesha lelangoku kuba la mabanjwa
aqhweshileyo athengisa iziyobisi umzekelo Mandrax, cocaine, nto leyo ibonisa ukuba
ixesha lelangoku. Izixhobo ezizezi imipu: AK 47, ividiyo khasethi ezafunyanwa nguDJ
kwaDada zibonisa ukuba lixesha langoku. Iziqhagamshelanisi ezasetyenziswa
ukufumanisa ukubona iinombolo ezafunyanwa nguDJ kwaDada ukuba zezobani na, loo
nto ibonisa ixesha lale mihla.

• Uhlobo lwezithuthi olusetyenziswayo zimoto, hlobo olo olulolwale mihla kuba uthi
akufumana umnxeba uDumile angene kwivantyi eluhlobo lweLand Cruiser 4X4 aleqise
entlanganisweni eyayiza kubanjelwa eMthatha edolophini. Kwakhona xa uDumile esiya
eRoyal Hotel uhamba ngemoto yakhe uhlobo lweMazda.
• UMavis uhamba ngemoto yakhe xa etyelela isithandwa sakhe.
• UNomvuyo naye uhamba ngemoto. Ukuphithizela kweenqwelo zezigulana nentatheli
kwindawo yexhwayelo kuxhaphake kweli xesha langoku njengokuba sibonile eRhawutini
erestyu apho adubuleke khona uDJ bekuphithizela iinqwelo zezigulana zithuthela
ezibhedlela abantu abonzakeleyo.
• Ubuxhakaxhaka bale mihla obubobu bulandelayo: iibinoculars, umpu oluhlobo lweluger,
isithathi mifanekiso ezafunwa nguDJ ngexesha alungiselela uphando lwakhe bubonisa
ukuba ixesha lelangoku.
• Unomathotholo awawucela ngexesha eza kuqala uphando lwakhe uDJ kuba efuna
ukunxibelelana lula nesipolisa ngokubanzi ubonisa ixesha langoku.
• Ushicilelo lodliwano ndlebe olwalwenziwe ngunoposi ngokweenombolo awayezinikwe
nguDJ olwaluphakathi kukaDada nomhleli uTshezi naphakathi kosajini Ndaba noDada
kunye nomnye wala mabajwa wayewazingela uDJ lubonisa ubuchule bokusebenzisa
iteknoloji yale mihla. ERhawutini uDJ wayelala kwihotele esesazulwini sesixeko
saseRhawutini.
• Le hotele yayinemigangatho emininzi. Igumbi ngalinye lalinendlu yangasese
neyokuhlambela. Kweli gumbi kwakukho umnxeba kunye nomabona kude wombala. Obu
bunewunewu bezindlu zangasese ezisendlwini kunye nobuxhakaxhaka bemfonomfono
yasendlwini nomabona kude bubunewunewu bale mihla.
• Imo ntlalo yalapha ibonisa ubomi bedolophu kuba eholweni ehotele eRhawutini abantu
babesitya ngeefolokhwe kunye neemela.
• USasa uye wathenga iipleyiti ezimbini zesityu segusha neeglasi ezimbini zewayini, waza
wahlawula ngokwakhe uSasa etsho esithi iweyitala ize igcine itshintshi.
• Abantu ababukela ndawoninye imidlalo yebhola ekhatywayo kumabona kude zizinto
ezenzeka kule mihla. Siyabona ke nalapha kule noveli eRhawutini ehotele abantu
babebukele ndaweninye eholweni bebukele umdlalo webhola ekhatywayo apho
kwakuqubisene khona iqela lesizwe iBafana Bafana kunye neBrazil.
• Yayingumdlalo wobuhlobo lo bekhuphisana ngendebe enika isihomo nesithozela
kumongameli welizwe loMzantsi Afrika njengesikhumbuzo sokubekwa kwakhe.

• Le ndebe yayibizwa ngokuba yiPresident Nelson Mandela Inauguration Challenge Cup.


• Ulwimi lwesiNgesi nalo luyasetyenziswa ukubonisa ixesha langoku nokhanyo oluze
nomfutho waseNtshona, umzekelo uDumile ufike wabulisa oogxa bakhe ngesingesi esithi
‘Salute Captain.
• Athi akuba efike kade aqhulwe ngomnye woogxa bakhe esithi abokuza kubo
bamombulelele iintombi kwaye angaziva zikhala ngoosweety baby.
• Isikrelemnqa ngexesha sikhupha uNomvuyo emotweni yakhe sisebenzisa isiNgesi sive xa
sisithi ‘out, out’.
• Ubundlobongela bokuxhwilwa kweemoto obuqhubeka kwixesha langoku buyavela,
umzekelo ukuxhwilwa kwemoto kaNomvuyo.
• Ukubandakanyeka kwamabhinqa kubundlobongela kubonisa ixesha langoku kuba
uNontsasa kunye nenenekazi elalikula hotele yaseHeshele babebandakanyeka
kuthengiso lweziyobisi.
• Ubundlobongela bokuhlaselwa kooDJ erestyu yimikhumba eyenzeka kule mihla
njengokuba sibonile eRhawutini izikrelemnqa ezingene sele zisithi abantu mabakhulule
bonke ubucwebe kugalelwe nemali kuzo aziphelelanga apho zidubule nabantu. Kulapho
uDJ adutyulwe khona emlenzeni.
• Ukusetshwa kweemoto ukuzama ukwenza ukhuseleko oluluqilima kuyavela kule ncwadi
ngexesha imoto kaDJ isetshwa nguNogada esangweni loo gama wayetyelele kwii-ofisi
zeSolomzi konke oku kwenzeka kule mihla.
• Iindaba eziviwa kumajelo eendaba okwenzeka kwixesha langoku kuyavela kule ncwadi
njengoko ukuqhwesha kwamabanjwa kubhalwe kwiphephandaba iSolomzi.
• Endleleni ebheka eHesheli uDJ uve kunomathotholo iindaba zokuba udutyulwe
wasweleka obezama ukuxhwila imoto liqela leFlying Squad. UMavis uve kumabonakude
ukuba uDJ ulimele eRhawutini.
• Ingeji kaMavis noDJ nayo ibonisa ixesha langoku kuba kudala iintombi zazithwalwa
kungekho ngeji.
• Iindlela zokuzonwabisa butywala besiLungu nto leyo ebalaseleyo kweli xesha langoku.
Apha sibona isipolisa sonke sonwabile sisela utywala eRoyal Hotel. Kwakhona kwiholo
yebhari akuyo uDJ eRhawutini konwatywe ngotywala kubukelwe ibhola.
• Ubunewunewu obabonwa nguDJ busendlwini kaNontsasa bubonisa izinto zale mihla
kunye nekhasethi eyayinemiyalezo nayo ibonisa ixesha langoku.

UMBUZO 7 (UMBUZO OMFUTSHANE) NGENXA YESITHEMBISO: M. NKOHLA

Funda ezi zicatshulwa zenoveli zingezantsi, uze uphendule imibuzo elandelayo.


ISICATSHULWA A
Sibona ukuba...” kwangenelela uNdaba elibetha emlonyeni eli xhego. “Wena DJ uza kuba
yeyona ntsika iluqilima kolu manyano lwethu silucebayo”. Endaweni yokuphendula ndasuka
ndahobolozela enye iglasi yebhiya ndicimele. Enyanisweni le ncoko ayizange ithi ngco
entliziyweni kum kungengakuba ndinekratshi lokuzibona njengamdlungu odlekayo kwathini.
Ndaziva ndingenakuzimanya nelo hlokondiba nezicwangciso zalo ngokubanzi ngenxa
yezizathu ezathi zathontelana kumagumbi eengcamango zam ngethutyana elifutshane
endikholwa ukuba babenamaugu amakhulu okundizuza. Okokuqala la mapolisa azibhuda
izingqi ngokuyithethela eziko. Ukanti ngokwemigqaliselo yayiyeyakwamkhozi. Okwesibini
la mapolisa abonakalisa ukungazithembi emsebenzini wawo. Kaloku ngokutsho kwawo
inyathelo elibalulekileyo lokuqala yayikukuba siye kwigqirha lesipili ukuze siwuqonde zisuka
umhlola. Yinto ke leyo endiyichase egazini nasebomini. Okwesithathu esi sixhenxe ndasibona
ngathi sikhangela ngeliso elinye sikholose ngelithi umanyano, amandla salibala kambe ukuba
ikwakho nentetho ethi ‘uninzi luyabubona ubudenge’. Okwesine umthetho wawugxininisile
ukuba kufuneka indoda enye ezivayo. Ndathi ndakungxengxeza ndivakalisa ukungazimanyi
kwam nabo ndazibona zisiwa iimbuso. Ukuphoxeka kwakubhalwe emehlweni abo.
Ndazikhusela ngelithi ndoyikela impilo yam njengoko ndicetyisiwe njalo ngugqirha ukuba
ndikhe ndithi xha okomzuzwana. Ndandixoka. Ndaqwela ngelithi ndikwanazo
neengcamango zokurhoxa kwinkonzo yobupolisa. Ndathi ndakujonga ixesha ndafumanisa
ukuba le ncoko ithabathe phantse iiyure ezimbini nesiqingatha. Ngoku yayilicala emva
kwentsimbi yesihlanu.
Ndanyanzeleka ukuba ndihambise inxalenye yoogxa bam ngokwezindlu zabo njengoko
ndandingomnye owayeze ngemoto.

7.1 Chaza unobangela wale ndibano. (2)


7.2 Phawula ngentetha ethi, “sibona ukuba ...” (2)
7.3 Ngqina ngezizathu eziBINI ukuba ikho impixano yangaphandle ebonakala kwesi
sicatshulwa. (2)
7.4 Nika intsingiselo yesi saci, “yayiyeyakwamkhozi” ngokwale noveli. (1)

7.5 Xela isizathu awasibeka njengonobangela wokungazimanyi neli qela lamapolisa


kolu uphando uDJ. (2)
7.6 Sithathwe kuliphi inqanaba lesakhiwo sale noveli esi sicatshulwa? Xhasa
impendulo yakho. (3)

[12]
ISICATSHULWA B

Kusemva kweentsuku ezintathu uNontsasa ethe shwaka engalubeki egumbini lam wade
wanditsalela umnxeba. “Ngumcuphi uJojo osabelayo ndingakunceda?”
“NguSasa kweli cala ndiyathemba akundiphoxanga.” “Sisiyatha sodwa esinokuphoxa
inzwakazi efana nawe.” “Ndilindele apho sendifikile ndinebhaso elingummangaliso lakho,”
watsho ngelimtyibilizi ilizwi. “Ndiyakholwa uza kulonwabela.”
Waxhoma umnxeba. Ngeli tyeli ndizixelele ukuba naye ufikile apho ebesiya
yena ndandingazukumthumela. Wayefana nqwa nosele esesiseleni.
Lo gama ndandilindele ukungena kwentakazana endlwini ndazilibazisa
ngokungena egumbini lokuhlambela ukuzipholisa ngelizihlaziyayo emva kwaloo
mini laligqatse ngalo ubhobhoyi. Ndandisemanzini njalo xa kwakunkqonkqozwa
emnyango. Ngokuqinisekileyo yayinguNontsasa landixelela oko uthuku lam.

Ndabhinqa nje itawuli ndaxhashela ukuya kuvula xa ngesaquphe ndisemgama


malunga namanyathelo amane kuse kwamahlanu ukuba ndifike elucangweni
satsho isithongakazi esimandlakazi sogqabhuko-dubulo. Satsho kwavaleka
iindlebe, salukhaka ucango ngephanyazo. Ndothuka ndade ndaya kuthi folokohlo
ngomhlana ndibetheka ngenqentsu phantsi sendiqaphele ukuba sivela
kulowo wayenkqonkqoza. Ndathi khwaphululu amadolo esamana u
kubethana ndinoloyiko lwempinda ndaya kukroba. Nanko umzimba kankosazana
Sasa Ngwevu uthe natya ulidlakadlaka lesidumbu esilujlaza. Ngethamsanqa kwakungekho
mntu wumbi epasejini ukungena kwakhe yamdla inja umniniyo.
Oonogada behotele bawuthataha loo mzimba ngeliwugqithisela emapoliseni awayesele
ephithizela apho.

7.7 Udityaniswa yintoni uDumile noNontsasa? (2)


7.8 “NguSasa kweli cala ndiyathemba akundiphoxanga.”
Yintoni le afuna ukuba abe akaphoxwanga ngayo uNontsasa nguDumile? (2)
7.9 “Ngeli tyeli ndizixelele ukuba naye ufikile apho ebesiya ...”
Chaza isiganeko esikhokelele ekubeni uDJ athethe la mazwi. (2)
7.10 Xela ibe miBINI imiba yesimo sentlalo evezwa kwesi sicatshulwa. (2)
7.11 Ludidi luni lozobo olusetyenziswe ukuzoba uNontsasa kwesi sicatshulwa? Xhasa
impendulo yakho. (3)
7.12 “...ndinebhaso elingummangaliso lakho,” watsho ngelimtyibilizi ilizwi. “
Ndiyakholwa uza kulonwabela ”
Tyhila isigqebelo esikula mazwi kaNontsasa ngokwale noveli. (2)
7.13 Nika uphawu lomlinganiswa ongumphandi olukwesi sicatshulwa. (2)

[13]

UMBUZO 7 (UMBUZO OMFUTSHANE)


NGENXA YESITHEMBISO: M NKOHLA
ISICATSHULWA A
7.1 Yimfuneko yokuphanda ngamabanjwa anobungozi aqhawule ejele. √√ (2)
7.2 Le ntetha inendawo ethetha ukuba kukho apho bekukhe kwathethwa khona ngale
nyewe ngabanye √√ / lo uthethayo uthetha ngokungathi akathetheli yena
yedwa. √√ (2)
7.3 UDJ uzibona engenakuzimanya neqela lamapolisa. √ UDJ uzibona engahambisani
nendlela la mapolisa asebenza ngayo. √ (2)
7.4 Yayingamele kuthethwa kwabanye abantu √ / Yinto efihlwayo √ (1)
7.5 Esokuba impilo yakhe yayifuna athi xha okomzuzwana emsebenzini
ngokwengcebiso kagqirha. √√ (2)
7.6 Kwingabula zigcawu √ Kuba saziswa oyena nobangela wempixano ekhoyo kule
noveli. √√/ saziswa eyona nto bahluka ngayo abalinganiswa abadlala indima
ephambili abakule noveli. √√ (3)

[12]

ISICATSHULWA B
7.7 Kukuba uDumile ufunwa nguNontsasa ngenjongo yokumbulala ngenxa yokuba
eza kuphanda ngala mabanjwa abandakanyeka ngokusebenzisana kwakhe
nawo. √√ (2)
7.8 Kukubulala umyeni kaNontsasa ngokwesivumelwano sabo. √√ (2)
7.9 Sesokufumanisa ukuba uNontsasa umazi umhluzi uDJ ngoku yena asazenza
ngathi unguTshepiso nje √√/ Sesokubhaqwa nguNontsasa ebhokoxe ethaphula
izinto ebhegini yakhe √√ (2)
7.10 Ixesha ezimbalini lelangoku kuba kusetyenziswa iibhombu, kuhlaliwa ezihotele. √
Indlela ekuhleliswene ngayo yindlela yamayelenqe elowo wenzela omnye.√
Ixesha esiqhubeka ngalo isiganeko sebali emva kweentsuku ezintathu.
[Nayiphi impendulo echanekileyo iyakwamkeleka.
(2)
7.11 Luzobo mayana √ kuba siboniswa izenzo zakhe size sizicingele ngazo ukuba
uluhlobo luni na lomntu. √√ (3)
7.12 Sisekubeni lo Nontsasa wayeteketisa ibhombu awayeza kubulala ngayo
uDJ elo bhaso lafumana kwayena lambulala √√ / Sesokuba ibhaso lokubulala
awayecinga ukuba lelokuhlawula uDJ kuba ebulele umyeni wakhe kwathi kanti
naloo myeni wakhe akafanga koko ubanjiwe. √√ (2)
7.13 Lolokuba nothuku. √√ (2)

[13]
UMBUZO 7 (UMBUZO OMFUTSHANE)
NGENXA YESITHEMBISO: Mcebisi Nkohla
Funda ezi zicatshulwa zenoveli zingezantsi, wandule ukuphendula imibuzo
elandelayo.
ISICATSHULWA A
“Ubuza kum? Andifundanga” yashwantshatha inyakamile indoda yasemathileni.
“Khawulezisa mfondini kungenjalo ubuye umva xa uxakwe yinto ozokuyenza,”
yatsho ikhonya. Ndathi ndisaqwalasele loo ncwadi yaphinda yagqabhuka le
nkewu sele ivonyavonya eloo gqudu yayilithe qhiwu ngezo ndembelele zezandla.
“Ingaba uva kunye neegusha okanye kukhala amabhungane entlokweni yakho?
Ndithe kuwe sayina igama lakho nomcimbi oze ngawo,”

Ndizikhwebule kuloo mcimbi womsinandozele ndavula incwadi ndandula


ukulubhabhisa ndisenza ngathi ndiyabhala ndaze ndayibuyisela kuye incwadi
sendiyivalile ukuze angabi sakrokra.
“Ndigqibile,”
“Ngena,” watsho esalatha ngentloko endivulela isango.
“Enkosi,”
“Wamkelekile mhlekazi,” watsho umhleli ephakama kwaye esolula isandla
ukundixhawula. Ndadomboza ngelibulelayo, “ndivuyel’ukuva oko,”
“Naso isihlalo mnumzana,”
“Mna ndinguTshezi umhleli,” wazazisa njalo.
UTshezi wayeyingqungqumbana entsundu ngebala etsho ngomzimbakazi osindwa sisisu
ngathi ngumxoxozi.Phofu kwakubonakala ukuba obo bukhulu bubangwa kukuzondla
ngezimuncumuncu namafutha edolophu emihla nezolo, eminyakeni ndamthelekelela
kumashumi amane anesibhozo kuse kuashumi amahlanu okanye nganeno oko.
“Ndibulela ukukwazi,” ndatsho. “Mna ndinguZweni Malahle igqwetha elilwela amalungelo
abantu, ndazazisa ndinomthandazwana wokuba makube uTshezi lo akandazi. “Ewe,
umhleli wabonakalisa umdla ongummangaliso ngokunqwala intloko
“Njengoko ke mhlekazi inqaku lephepha-ndaba lakho lathi laba lelona liveleleyo
malunga namabanjwa odumo, akunakunceda ngamanqaku amhla abanjwa naxa
kwakuwiswa isigwebo?

7.1 Uxambulisana nabani uDumile ekuqaleni kwesi sicatshulwa? (1)


7.2 Xela iinjongo zokundwendwela kukaDumile kule ofisi yoMhleli. (2)
7.3 Loluphi udidi lozobo olusetyenziswe kwinkcaza ekrwelelwe umgca
ngaphantsi? Xhasa impendulo yakho. (3)
7.4 Xela iinjongo zikaDumile zokuzazisa njengoZweni Malahle kuMhleli. (2)
7.5 Yiyiphi ingcinga eziswa ngamazwi kaDumile abhalwe ngqindilili? (2)
ISICATSHULWA B
“Ndivuyela ukukubona usindile” watsho endijamele. “Lulonwabo nakum ukukubona
usindile nawe.” “Masiye egumbini lakho,” wandicel’ umngeni. “Kusebusuku,”
ndathandabuza.”Sakubonana ngomso kusasa okanye emini,” ndazama ukucacisa.
Wasuka wandithi chu ngengalo endithembisa ukuba ufuna ukubona igumbi lam lokulala.
Sakuba sifikile saba nencokwana ebubanda ngesiganeko esagqithayo nendlela awathi
wasinda ngayo loo mini. “Akuyikhumbuli inkosikazi yakho,” wandibuza esithi vu
ecaleni kwam ebhedini.“Ndiyayikhumbula kakhulu,” ndaphendula ngombuzo,
“ubuziswa yintoni?” Nam ndibe ndikukhumbula,” watsho eyokozelisa loo mehlo
anomyalezo anogezo. Wathi,“Makube ineqhayiya ngokuba nendoda exhonti
njengawe,” watsho ebalekisa iminwe yakhe esilevini sam. “Sasa thina singabahlobo
masingatsibi imida yaye ndiyavuya ukuba undazi ukuba ndinomfazi.” “Of cause
maan singabahlobo,” wandingqinela. “Ke kaloku?” “Abahlobo banakho ukuncedana,
” wagxininisa endiphulula umqolo namagxa. Ndaweva amadangatye ewurhangula
ngefuthekazi umzimba wam, amendu entliziyo eqengqeleka kwingxangxasi
zentabathekho. Wayesezingalweni zam oyame esifubeni sam. Umsinga
wobugqi uthundeza intumekelelo. Wayepholile, etyibilika okocwambu olutyetyisiwe
yimitha efudumeleyo yelanga lentlakohlaza. Emva kweyure wavakala endibuza
ngokuzekelela eyotywe bubuthongo. “Ubusazi nje phofu ukuba nam ndinayo indoda?”
“Hayi bendingazi.” “Ndinayo ikwalapha esixekweni.” “Ndifuna ukuba undenzele uncedo,
” wavakalisa. “Uncedo?” Ndandimangalisiwe gqitha yindlela athetha ngayo.
Kambe ndakhumbula ukuba uSamson wembali yebhayibhile walukuhlwa ngolu hlobo
ukuze oyele emhadini wokuphulukana namandla akhe ayimfihlelo.

7.7 Ingaba unyanisile uSasa ukuba uyakuvuyela ukusinda kukaDumile? Xhasa


uluvo lwakho. (2)
7.8 Tyhila isigqebelo esikobu buhlobo kuthethwa ngabo oko kwisicatshulwa. (2)
7.9 Ingaba uSasa ulumelo oluchanekileyo lwabantu baseTyhini kule ncwadi
ngezenzo? Xhasa impendulo yakho. (2)
7.10 Sithathwe kweliphi inqanaba lesakhiwo sebali esi sicatshulwa? Xhasa
impendulo yakho. (3)
7.11 Xela isenzo esikwesi sicatshulwa esimveza njengomlinganiswa ongqukuva
uDumile. (2)
7.12 Chaza amatyeli abemaBINI athe wasinda ekufeni kuwo uDumile kule noveli. (2)
[13]

INCWADI EZISETYENZISIWEYO

1. Department of Basic education (2011); Inkcazelo yePolisi yeSizwe yeKharityhulam


nokuHlola, (Government printing works, Pretoria.)
2. Department of Basic Education, (2017). Imigaqo yokuhlola (Exam Guidelines). (Pretoria)
3. Satyo, S.C. (1991), Uphengululo lwesiXhosa; Kagiso Publishers: Pretoria.
4. Satyo, S.C, Igrama noncwadi lwesiXhosa ibanga lesi-9, 1st Edition Via Afrika.
5. Gebeda, C.Z. & Mbadi, L.M. 1(978), Isisele; Lovedale Press. Alice.
6. Mlokothi M. (2015) Inzala YamaRhamba; Maskew Miller Longman.
7. Mtuze, P.T, Nkonto B.M, Mini, B.M, Putu B.D & Tshabe S.L.(1987), iSIxHOSA
Sezikhuthali; Ibanga 8.
8. Uvimba woncwadi wabaCebisi besiXhosa nootitshala, (2019); Iphondo leMpuma Koloni.
9. Uvimba woncwadi wabaCebisi besiXhosa nootitshala, (2019); Iphondo leNtshona Koloni.
10. Uvimba ka Dr NP.Jaxa, Umcebisi wesiXhosa, Chris Hani West District ;Eastern Cape;
11. Uvimba ka KN Mbena-Bilatyi, Umcebisi wesiXhosa, Sara Baartman District ;Eastern
Cape
12. Amaphepha eemviwo eminyaka edlulileyo, Department of Basic; Pretoria.
UMQULUNQI WALO MQULU:
Nkszn NC Ngqayiyana, intloko yeCandelo lesiXhosa, Khulani High School, Langa,
Cape Town

UKUHLANGANISWA NOKUQISEKISWA KOXWEBHU:


NguNksk. NWS Beyile – Umcwangcisi wesiFundo: Western Cape Department of education

You might also like