Isixhosa HL P1
Isixhosa HL P1
Isixhosa HL P1
SUBJECT ISIXHOSA HL P1
QUESTION PAPER 1X 2 3
DURATION OF QUESTION PAPER
PROVINCE EASTERN CAPE
DATES OF MARKING 4th DECEMBER 2023
16.1
5.1
2.8
0.6
Page 1 of 11
SECTION 2: Comment on candidates’ performance in individual questions
UMBUZO 1
General comment on the performance of learners in the specific question. Was the question
well answered or poorly answered?
Why were the questions poorly answered? Also provide specific examples, indicate common
errors committed by learners in this question, and any misconceptions.
Basekho ngamandla abaviwa abahlulwa kukuphendula imibuzo yovavanyo lokuqonda.
Izakhono abalambatha kuzo ziquka ukuqonda itekisi, ukufumana ulwazi kwitekisi,
ukufumana intsingiselo yetekisi ukuqaphela izixhobo zokwenza uluvo, ukufumana
imiyalezo yetekisi, ukucaphula/ukuchonga ngokuchanekileyo, nezinye. Abayazi bonke
injongo yokuthunywa kwabo emhlathini ukuze baphendule elo qaqobana lemibuzo
ukuba kukumenzela lula aphinde azikhumbuze ngalo mhlathi okanye ngalo mqolo
athunywe kuwo, awufunde. Eminye imibuzo iimpendulo zayo zikwakwesi sivakalisi
sinamagama asembuzweni okanye kwisivakalisi esilandelayo, kodwa basekhona
abafundi abangakwazi ukuzifumana ezo mpendulo, umzekelo, 1.5, 1.6, 1.8, 1.9, 1.11,
1.13. Uninzi lwabafundi lufumene amanqaku aphakathi ko-20 ukuya ku-26 ngenxa ka
Ewe/hayi ku-1.18 nokubhala inkcaza yomthantatho ku 1.16 bangacebisi. Baliqela
nabafumene u-27 ukuya ku-30.
1.3 Nakulo umbuzo abohluli ibinzana kwisivakalisi, okunye abakwazi kuva ncakasana ukuba
umbuzo ufuna ibinzana elithetha ukuthini, oko kuthi okufunwa ngumbuzo kwesa
sivakalisi kuhamba kuphele ndawoni. Kulo mbuzo bakhona abathatha sonke isivakalisi.
Abanye ngoku sele beqale kule ndawo inebinzana elifunekayo abayazi ukuba
mabaphele ndawoni kwisivakalisi ukuze banike le ndawo ifunwa ngumbuzo, babhala
konke okanye bacaphule igama ‘wonke’ bangawafumani ke xa kunjalo amanqaku
kuba umbuzo uthi mabacaphule ibinzana elithetha...
Page 2 of 11
akukhonto ziyidingayo. Bakhona nababhala uYinyani/ Bubuxoki bayeke
bengaxhasanga. Okanye bathi ‘Ewe/Hayi’
1.5 Abafundi abakwazi ncam ukunika impendulo epheleleyo efunwa sisenzi esibuzayo
u’Chaza’. Kule mpendulo kufuneka umfundi aye kufunda kwisicatshulwa inkcazelo
kaDesmond Tutu, angeza nayo ngobunjalo bayo okanye ayifunde ayive ze ayichaze
esebenzisa nawakhe amazwi kodwa angawulahli umxholo wayo. Basishunqula
phakathi esi sivakalisi sinale mpendulo okanye bathathe nasiphi ingakumbi esiya sesibini
kula mhlathi, sibe singenanto iphendula mbuzo. Oko kubonakalisa ukungazi
ngokwaneleyo ukuba impendulo efunekayo sisivakalisi esipheleleyo esinayo yonke
inkcazelo.
1.7 Eli gama abalifundi ngokokuba lisetyenziswe kumhlathi balifunda lilodwa okanye
umbuzo bawufunde baphela pha kulo bakugqiba beza neempendulo ezithi, ‘ithemba
libakho ebantwini bodwa hayi nakwizilwanyana./alibikho kwizilwanyana/ Libakho
ebantwini qha/ Libakho xa umntu enengxaki/esengxakini.’Baphendula ingathi
babuzwe intsingiselo ka’kuphela’ lo uthetha ‘qwaba’, kanti kufunwa le ka ’only if’.
1.9 Nakulo umbuzo la ngxaki ivela ku-1.6 malunga nokuphendula umbuzo othi ‘chaza’
isekwanjalo. Bayasishunqula esa sivakalisi sinale nkcaza baphele, ‘...lokuweza umntu.’
bangawafumani ke amanqaku.
1.13 Impendulo ifuna achase oku kusembuzweni ngoko ke kufuneka impendulo yomviwa
iveze ukuba umntu akafi. Bona basuke baxhase/bangqine ukuba umntu uyafa
ngokuthatha ezi zivakalisi ziphikisana nale mpendulo ifunekayo. “Akulilahla umntu
uqobeka..../ ...akukho kuphila xa ithemba...
Page 3 of 11
1.14 Babonakala bengenalwazi lokuphendula umbuzo ofuna ifuthe. Lo mbuzo ufuna
abaviwa bachaze ukuba ukusetyenziswa kweli balana likaVictor kufika kwenzeni
emntwini olifundileyo. Abawuva umbuzo basuka bathethe ngoVictor endaweni
yokuchaza ifuthe. Bona bathatha nasiphi isivakalisi babhale sona ingakumbi esiya sithi
“uVictor waziwa ngobuqhawe bokusinda....”
1.16 Abakwazi ukunika icebiso, xa ucebisa kufuneka amazwi aphume kuwe kodwa
uwayamanise nala uthunywe kuwo ngumbuzo, uninzi lwabo lusuka lukhuphele la
nkcazelo yomthantatho ikumhlathi wesi-6. Impendulo mayenze ukuba lo unikwa icebo
ashiyeke kukho into ayibambileyo ukuba ayenze kanjani ukuze kuthi. Abanye
abawufundi wonke umbuzo bawuve kuba banika icebiso gabalala bathi ‘Makongeze
elinye iplanga ahambe nakulo.’ Baxela ithemba ukuba yintoni/ yaye lisebenza
njani/kukuthini ukubanethemba.
Page 4 of 11
Mabafundiswe iindlela zokuphendula imibuzo ngokuchanekileyo; oko kuthi, bazi xa umbuzo
ubuzwe kanje kufuneka benike impendulo ethini ukuze babe bawuphendula kakuhle.
Ootitshala xa besenzisa imisebenzi engekho sesikweni mabazithathele ingqalelo ezi zenzi
baqinisekise ukuba abafundi bayakuqonda okufunwa ngumbuzo phambi kokuphendula.
Mabafundiswe ukuphawula awona magama angundoqo embuzweni ukuze bakwazi ukunika
impendulo epheleleyo evelela zonke iinkalo ezifunwa ngumbuzo batsho bawafumane onke.
Ngaloo ndlela kwakutsho kuphele nalo mkhwa wokungawufundi wonke umbuzo.
Bandule ke ukuqheliswa rhoqo ngemisebenzi yokufundela ukuqonda ekumaphepha
eminyaka edlulileyo. Ukusuka banikwe imisebenzi yezicatshulwa bengafundisisekanga ukuba
imibuzo iphendulwa njani, akubancedisi konke konke.
Ootitshala mabaye qho kuxwebhu lweCAPS phantsi ko-3.2 UKUFUNDA NOKUBUKELA iphepha
24 ukuya ku-27 xa bexhonkxa abafundi kulo mbuzo.
Ootitshala mabaziqaphele ezi ndawo zibonakalisa imingeni kubafundi ukuze xa benika
imisebenzi bagxile kakhulu ekubaqeqesheni kuzo. Makuqiniswe nokufundiswa kwezigaba
zentetho (kuquka nezafobe), imisebenzi yezigaba zentetho, izaci, amaqhalo neentsingiselo
zazo. Imibuzo mayiquke nezinye iingxaki abanazo abafundi ukubaxhobisa. Makuthiwe gqolo
ukufundiswa nokuhlola isakhono sokufunda nokuqonda iitekisi ezibhaliweyo, kufundwe
ngokuqonda, kutolikwe iitekisi ezibonwayo. Iitekisi ezo mazikhatshwe yimibuzo ekumazinga
awohlukeneyo ngokweemfuno zeExamination guideline 2021 neCAPS.
Describe any other specific observations relating to responses of learners and comments that
are useful to teachers, subject advisors, teacher development etc.
Kusaphawuleka ukuba kufuneka ngamandla ukuncediswa kootitshala ekukorekisheni
nasekukwazini ukudibanisa impendulo yomfundi noko kukwisikhokelo sokumakisha. Ootitshala
bayacetyiswa bazenzele iindibano zabo ngokweeklasta, apho bonke ootitshala ebebeye
kukorekisha kulindeleke ukuba babelane nabanye ngezakhono zokukorekisha la maphepha
esiXhosa.
Ootitshala mabahlukane nokukorekisha abafundi xa bephendule ngoEwe/Hayi ,
mabafundiswe ukuthatha icala besebenzisa isenzi ababuzwe ngaso embuzweni.
Abacebisi-besifundo bayacetyiswa ukuba kwezi mvavanyo zeekota zisetwa zizithili
makuququzelelwe indibano yokuxoxa ngeempendulo (Memo discussion) kwezo ndibano khe
kukorekishwe ukuze kwabelwane ngezakhono neendlela ezilindelekileyo xa kukorekishwa
iimpendulo zolo vavanyo.
Ngamaxesha eentlanganiso zezithili neSBA Moderation kuyacelwa ukuba uqwalaselwe
ngamandla umba wootitshala abakorekisha uEwe/Hayi. Lo Ewe/Hayi umka namanqaku
wabafundi.
Teacher development makanxibelelane rhoqo necandelo labacebisi besifundo ukuze xa
eququzelela ukwenza iiWorkshops agxile kanye kwezi ndawo ootitshala basilela kuzo.
Page 5 of 11
UMBUZO 2:
General comment on the performance of learners in the specific question. Was the question
well answered or poorly answered?
Why were the questions poorly answered? Also provide specific examples, indicate common
errors committed by learners in this question, and any misconceptions.
Abaviwa abaqhubanga kakuhle ngohlobo ebebelindeleke ngalo. Isicatshulwa sithetha
ngoWhatApp abamthandayo nabamsebenzisa mihla yonke. Bekulindeleke ukuba baza
kuzichonga lula iingongoma eziphambili (izithako) kuba zibizwe kanye ngohlobo ezivela ngalo
kwiiselula zabo. Isicatshulwa sichaphazela uncedo olufunekayo kuWhatsApp, sixele igama
lesithako esinokunceda, sicacise indlela yokusisebenzisa isithako eso ukuze kufezekiseke
uncedo lwaso. Nangona kunjalo, bakhona abafumene amanqaku ali-9 ukuya ku-10.
Describe any other specific observations relating to responses of learners and comments that
are useful to teachers, subject advisors, teacher development etc.
Page 6 of 11
• Kuyacetyiswa ukuba ootitshala basebenzise isikhokelo sokumakisha isishwankathelo
ngokuchanekileyo ukuncedisa nokufundisa abafundi indlela yokushwankathela.
• Ootitshala mabagxile ekufundiseni abafundi indlela yokwakha izivakalisi.
UMBUZO 3
General comment on the performance of learners in the specific question. Was the question
well answered or poorly answered?
Why were the questions poorly answered? Also provide specific examples, indicate common
errors committed by learners in this question, and any misconceptions.
Abafundi abaqhubanga kakuhle mpela kulo mbuzo. Impumelelo yabo yehle ngeepesenti
ezingaphaya kweshumi (+10%) xa ithelekiswa neka 2021 no 2022. Babonakalisa ukulambatha
kakhulu kwizakhono zokuhlalutya isibhengezo ntengiso. Imibuzo ebuzwe ngokweemfuno zalo
mbuzo engezafobe nezigaba zentetho abakwazanga ukuyiphendula ngokungathi bathi
siyiqhele ibuzwa ngolu hlobo. Abaviwa abaninzi bawalahlile amanqaku ku 3.1, 3.3, 3.5 naku 3.7
(7 marks). Ikhona imbinana ekwazileyo ukufumana amanqaku angu-9 ukuya ku-10.
3.1 Abaviwa abaninzi abawafumenanga amanqaku kuba abawufundisisanga umbuzo
babambe nje le ndawo yesimelabizo. Banika udidi lwesimelabizo (isigaba sentetho) esoqobo
okanye Yona/eyona/ yam endaweni ka’Yonke/Zonke’. Abayilandelanga la ndawo ithi
ngokomxholo wale ntengiso – abaphindanga bayokufunda kula ndawo lisetyenziswe kuyo
igama ‘nayiphi’ ukwenzela banike isimelabizo esichanekileyo.
3.5 Lo mbuzo ufuna abaviwa baxele isini esinokutyhafa baze bazixhase ukuba singatyhafa
kanjani. Abasixeli isini/ bangazixhasi ngokupheleleyo ngeso sini asikhethileyo/ basuke
bathethe ngabantu gabalala, ‘abantu bangacinga kuyanyangwa kuba bebona
isixhobo sikagqirha.’ Okanye basixele isini bangazixhasi/ baye ngqo ekuzixhaseni ngelithi
yindawo ethengisela ootata bangathethi ngesini/ bangatyhafa abathengi kuba kukho
ibhatyi yootata. Abanye bakhangeleka bengazi kwaigama eli isini. Bakhona kodwa
abakwazi ukunika yonke impendulo ngohlobo efuneka ngalo.
3.7 u’Ewe/Hayi’ ubabethile abafundi. Ithi impendulo ikho futhi ichanekile imoshwe
kukusebenzisa uEwe/Hayi, endaweni ka Inyanisile/Ayinyanisanga. Bakhona
Page 7 of 11
abawulahlayo umxholo wesibhengezo ntengiso ongokulungiswa kwamavili bazixhase
ngeempendulo ezinokugula kwabantu.
Describe any other specific observations relating to responses of learners and comments that
are useful to teachers, subject advisors, teacher development etc.
Kuyakhuthazwa kakhulu ukusetyenziswa koxwebhu olubizwa “SURVIVAL GUIDE” luneenowuthsi
zesiXhosa ezazilungiselwe abafundi bango -2020, lonke ulwazi olufunekayo malunga
nokufundiswa kwezibhengezo ntengiso lukhona.
Abafundi mabaqale baxhotyiswe ngalo lonke ulwazi olusisiseko lokuhlalutya izibhengezo-
ntengiso. Mabangafundiswa ngokunikwa imisebenzi ekumaphepha eemviwo zeminyaka
egqithileyo qha. Mabaqale babenolwazi ze kulandele imisebenzi. Ootitshala
mabalusebenzise kakhulu ulwazi neenowuthsi ezimana zikhutshwa ngabacebisi besifundo
ezithilini zabo.
Mabakhuthazwe abafundi bamamele izifundo ezenziwa kunomathotholo nezishicilelweyo.
Abacebisi besifundo mabancedise ootitshala bakhethiswe izibhengezo-ntengiso
ezifanelekileyo, bancediswe nasekuyileni imibuzo esekwe ngokwamazinga nemigangatho
yobunzima eyahlukeneyo ngokweemfuno zeCAPS neguideline.
UMBUZO 4
General comment on the performance of learners in the specific question. Was the question
well answered or poorly answered?
Why were the questions poorly answered? Also provide specific examples, indicate common
errors committed by learners in this question, and any misconceptions.
Abaviwa baqhube kakuhle kakhulu kulo mbuzo. Babonakla benazo izakhono zokufunda
iikhathuni. Abo bangawafumananga amanqaku bawalahle kule mibuzo; 4.1, 4.3, 4.6 & 4.7.
Baliqela abafumene u-9 ukuya ku-10 amanqaku.
4.1 Bawalahlile kakhulu amanqaku kuba abachongi igama elifunekayo, babhala sonke
isivakalisi bangakrweleli.
Page 8 of 11
4.2 Basenengxaki ekuqondeni ukusetyenziswa kweefonti ezahlukeneyo/ ukugqanyiswa
kwamagama athile, abayazi imisebenzi yezo zinto.
4.3 Baphelela ekubeni uyamvusa indlela amvusa ngayo (intshukumo) abayi kuyo,
ukumtyhala. Babonakalise ukusilela kakhulu ekukwazini ukuqwalasela ulwimi lomzimba
kuSara. Akanelanga nje ukumphakamisa njengoko bona benika loo mpendulo,
uyamtyhala ngamandla nengalo yakhe ide yoluleka tswi watshonisa nentloko ukutsala
amandla. Abakwazanga ukuyiqaphela loo nto
4.5 Bawafumene nala amanqaku phantse bonke kuba kwesa sakhelo kucacile ukunxityswa
kuZama izihlangu ezikhulu. Nangona bebengafiki bonke apha ebukhulwini bezihlangu.
4.6 Ibabhidile kakhulu le ndawo yobudala bakhe, bona bahleli kakhulu kule mpendulo
yokuba akanambeko/ akakwazi kuthetha nabantu abadala akugqiba ukubamdala.
4.7 Abafundi abakwazi kukhetha icala, bavele banike impendulo kwakhona impoxo
bayibhekisa ebazalini hayi kuZama. Okanye bathethe ngabo ukuba abafuni bazali
baya esikolweni. uNdiyangqina uxhaswa ngempendulo echasayo/ uNdiyachasa
uxhaswa ngempendulo exhasayo. Iimpendulo zikaEwe/Hayi ziwaxuthile kakhulu
amanqaku wabo.
Describe any other specific observations relating to responses of learners and comments that
are useful to teachers, subject advisors, teacher development etc.
Kuyakhuthazwa kakhulu ukusetyenziswa koxwebhu olubizwa “SURVIVAL GUIDE” luneenowuthsi
zesiXhosa ezazilungiselwe abafundi bango -2020, lonke ulwazi olufunekayo malunga
nokufundiswa kweekhathuni lukhona.
Ootitshala mabancediswe ngabacebisi besifundo bakhethiswe iikhathuni ezifanelekileyo,
bancediswe nasekuyileni imibuzo esekwe ngokwamazinga nemigangatho yobunzima
eyahlukeneyo ngokweemfuno zeCAPS neExamination Guidelines.
Page 9 of 11
UMBUZO 5
General comment on the performance of learners in the specific question. Was the question
well answered or poorly answered?
Why were the questions poorly answered? Also provide specific examples, indicate common
errors committed by learners in this question, and any misconceptions.
Bazamile kakhulu abaviwa kulo mbuzo xa sithelekisa neminyaka edlulileyo, noko eleke nyaka
kuyaqapheleka ukuphucuka kwendlela abafumana ngayo amanqaku. Kukho nembinana
ibiwafumana olishumi amanqaku alo mbuzo. Bawalahlile amanqaku ku 5.1, 5.3, 5.6 no 5.8.
5.1 Umqathango wokuchonga abakawulandeli kakuhle. Bathatha isivakalisi sonke. Abanye
bambhala yedwa uMinazana/ abanye basuke bakhethe kumgca wesibini
‘wawundibizela’.
5.2 Abayazi ukuba lufakwa xa kutheni uphawu lweApostrofi kweli gama, babhala
’dade’wethu/ uSisi wam/ usista
5.3 Kunzima kakhulu kulo mbuzo bancedwe kuba kujongwa naluphi utshintsho alwenzileyo.
Describe any other specific observations relating to responses of learners and comments that
Page 10 of 11
are useful to teachers, subject advisors, teacher development etc.
Abacebisi besifundo mabancedise ootitshala ngokwenza ucweyo ngokufundisa ulwimi
ngokusemxholweni, kusetyenziswa iindidi zeetekisi. Kwakhona mabathi gqolo ukucebisa
ootitshala besiXhosa ngendlela yokusebenzisa amaxwebhu okuncedisa ukufundisa abafundi.
Ootitshala mabakhuthazwe basebenzise amaxwebhu esiXhosa ohlaziyo neencwadi zolwimi
ezazifudula zisetyenziswa ukuhlohla ulwimi lwesiXhosa.
Oo-HOD ezikolweni mabaqinisekise ukuba igrama iyafundiswa, ihlolwa ngokusemxholweni.
Page 11 of 11