Location via proxy:   [ UP ]  
[Report a bug]   [Manage cookies]                
Izinto ezicetyiswayo ziza kubonakala emva kokubhala kwindawo yokukhangela. Sebenzisa iaro enyukayo nehlayo ukuze uwahlole. Sebenzisa iqhosha elingu-enter ukuze uyikhethe. Ukuba ukhethe amabinzana, loo mabinzana ngawo aza kukhangelwa. Ukuba ucetyiswa ngelinki, ibhrawza iza kuya kwelo phepha.
Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe

Isizathu sokuba izaphulelo ezifumaneka kube kanye zingafumaneki kwiintsuku ezithile

Sizama ngamandla ethu onke ukubonisa kuphela ngamaxabiso amahle kwiindwendwe, ngoko ayizizo zonke iintsuku eziza kufanelekela isaphulelo esifumaneka kube kanye esikhethekileyo. Ukunciphisa inani leentsuku ezifanelekayo kuza kwenza ukuba isaphulelo sakho esifumaneka kube kanye sibe phambili kwiziphumo zokukhangela, nto leyo eza kukunceda ube neendwendwe ezingakumbi ezisibonayo.

Izaphulelo zibalwa ngokusebenzisa ixabiso lakho eliphakathi

Xa sibala izaphulelo, sijonga umyinge ophakathi wamaxabiso weentsuku eziyi-60 osuku ngalunye. Ngamanye amazwi, sidwelisa onke amaxabiso owabekileyo ngolo suku aqale ezantsi aye phezulu, ibe ixabiso elisesiphakathini lilo eliba ngumyinge.

Ukuba asinalo ixabiso eliphakathi leentsuku eziyi-60 lomhla othile, ayizukusifanelekela isaphulelo esifumaneka kube kanye. Usuku kufuneka lube:

  • Luvuliwe ngoku
  • Luvulwe kangangeentsuku eziyi-28 kweziyi-60 ezigqithileyo
  • Lungaphantsi kweentsuku eziyi-90 ezizayo

Ukufumana ixabiso lakho eliphakathi

Masithi undwendwe lukhangela usuku ngoJuni ibe kwiintsuku eziyi-60 ezidlulileyo, ubeke amaxabiso ahlukeneyo ayi-4 osuku olufunwa lundwendwe. Ngexesha laxa undwendwe lukhangela, siza kubala ixabiso eliqhelekileyo lolu suku kwintsuku eziyi-60 ezidlulileyo. Ukuze siyenze loo nto, siza kudibanisa amaxabiso ayi-2 aphakathi size siwahlule ngo-2 ukuze sifumane ixabiso eliphakathi.

Ixabiso 1: $90
Ixabiso 2: $100
Ixabiso 3: $125

Ixabiso 4: $140

Ixabiso eliphakathi: ($100 + $125) / 2 = $112.50

Emva koko, siza kuthelekisa ixabiso eliphakathi olibekileyo kwiintsuku eziyi-60 ezidlulileyo nexabiso langoku losuku undwendwe olukhangele ngalo. Ukuba ixabiso langoku okungenani lingaphantsi nge-10% kumyinge ophakathi ($112.50), undwendwe siza kulubonisa ixabiso elihlatyiweyo.

Ngokomzekelo: $112.50 $100

Ukumelana namaxabiso aphezulu kunawesiqhelo

Sifuna Ababuki Zindwendwe bafumane amaqithiqithi ngokufaka isaphulelo, ngoko sinemiqathango ethile yeentsuku ezinamaxabiso aphezulu ngokungaqhelekanga. Isaphulelo sakho siza kusekelwa kwixabiso ukuya kutsho kwelona xabiso lakho liphezulu elibhukishiweyo kunyaka ophelileyo. Isebenza ngolu hlobo:

  • Ufuna ukubeka isaphulelo esifumaneka kube kanye sosuku olunexabiso eliyi$500
  • Elona xabiso liphezulu oye wabhukishwa ngalo kunyaka odlulileyo ibiyi$300 ngosuku
  • Uza kukwazi ukufaka isaphulelo esifumaneka kube kanye, kodwa eso saphulelo siza kusekelwa kwi$300, kungekhona kwi$500
Eli nqaku likuncedile?

Amanqaku asondele kweli

Fumana uncedo ngokubhukisha kwakho, ngeakhawunti yakho, nangokunye.
Ngena kwiakhawunti okanye uvule iakhawunti