Izinto ezicetyiswayo ziza kubonakala emva kokubhala kwindawo yokukhangela. Sebenzisa iaro enyukayo nehlayo ukuze uwahlole. Sebenzisa iqhosha elingu-enter ukuze uyikhethe. Ukuba ukhethe amabinzana, loo mabinzana ngawo aza kukhangelwa. Ukuba ucetyiswa ngelinki, ibhrawza iza kuya kwelo phepha.
Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe
Ungafaka okanye utshintshe iindlela zokubhatalwa kwiisetingi zeakhawunti yakho.
Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe
Emva kokufaka indlela yokubhatalwa, kuthatha ixesha ukuba iqinisekiswe. Ngoxa isaqinisekiswa, imeko yayo ithi isalindile. Ixesha lokuqinisekisa lixhomekeke kwindlela yokubhatalwa.
Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe
Xa ufaka indlela yokubhatalwa engaphezu kwenye, ungachaza ukuba ufuna ibe yeyiphi ehlala ikhethiwe.
Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe
Ungajonga ukuba imeko ecaleni kwendlela yakho yokubhatalwa ithi Ehlala ikhethiwe, Isalindile, Impazamo, okanye akukho meko ichaziweyo na (nto leyo ethetha ukuba iqinisekisiwe kodwa ayiyiyo indlela yakho yokubhatalwa ehlala ikhethiwe).
Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe
Awunakukwazi ukutshintsha indlela yakho yokubhatalwa ukuba usenemali engekabhataleki ngemali oyibhatalwayo.
Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe
Xa indlela yokubhatalwa oyifakileyo ilungile, ungayahlula imali oyibhatalwayo ngokwezindlu, ngokwepesenti okanye ngazo zombini usebenzisa imithetho yokwahlukanisa.
Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe
Izakhiwo ezilungele uAirbnb nezakhiwo ezifakwe ngqo zinemithetho eyahlukileyo.
Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe
Ukuba ubona uPayPal njengenye yeendlela onokukhetha kuzo kwilizwe lakho, uza kukwazi ukufaka iakhawunti yakho kaPaypal njengendlela yokubhatalwa.
Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe
Ukuba ubona uPayoneer njengenye yeendlela onokukhetha kuzo kwilizwe lakho, uza kukwazi ukufaka ikhadi lakho onalo likaPayoneer njengendlela yokubhatalwa.
Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe
Ukuba iWestern Union inalo ilizwe olikhethileyo, uza kukwazi ukuyikhetha ibe yindlela yakho yokubhatalwa.
Indlela yokuyenza • Umbuki zindwendwe
Ukuba ukuthunyelwa kwemali ngebhanki kwamanye amazwe kuyafumaneka kwilizwe okanye kwingingqi yakho, kuza kuboniswa njengento onokuyikhetha xa ufaka indlela yokubhatalwa.