Izinto ezicetyiswayo ziza kubonakala emva kokubhala kwindawo yokukhangela. Sebenzisa iaro enyukayo nehlayo ukuze uwahlole. Sebenzisa iqhosha elingu-enter ukuze uyikhethe. Ukuba ukhethe amabinzana, loo mabinzana ngawo aza kukhangelwa. Ukuba ucetyiswa ngelinki, ibhrawza iza kuya kwelo phepha.
Ukutshintsha ukubhukisha
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Thumelela umbuki zindwendwe wakho isicelo sokutshintsha uhambo ukuba ungathanda ukutshintsha iintsuku zokubhukisha kwakho. Ukuba uyasamkela, uza kubhataliswa okanye ubuyiselwe imali, ukuba iyafuneka loo nto.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Ungaya kwindawo Yohambo yakho ukuze ufumane inkcazelo entsha ngemeko yesicelo sokutshintsha, okanye ungaqhakamshelana Nombuki Zindwendwe wakho ngqo.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Ungasirhoxisa isicelo sokutshintsha uhambo ngaphambi kokuba samkelwe. Yiya kuhambo lwakho ukuze ufumane eso sicelo ukuze usirhoxise.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Ungafaka okanye ususe iindwendwe ekubhukisheni kwakho ngokuthumelela umbuki zindwendwe wakho isicelo sokutshintsha uhambo ngaphambi okanye ebudeni bokuhlala kwakho. Usenokubhataliswa okanye ubuyiselwe imali, ukuba iyafuneka loo nto.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Mema iindwendwe ezikwiqela ohamba nalo ukuba zijoyine uhambo lwakho. Emva kokujoyina, ziza kukwazi ukufumana inkcazelo yokubhalisa xa kufikwa nayo yonke imiyalezo yombuki zindwendwe wakho.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Xa ususa undwendwe oluthile ekubhukisheni kwakho, aluzukwazi ukufumana iinkcukacha zohambo nemiyalezo nombuki zindwendwe wakho.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Ukuba sele liphelile ixesha obulibhukishile, awuzukwazi ukufaka isicelo sokutshintsha. Endaweni yoko, kuza kufuneka ubhukishe okokutsha.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Xa usebenzisa indlela yokubhatala kaKlarna, usenako ukurhoxa okanye ukutshintsha ukubhukisha—njengokutshintsha iintsuku zokufika nokuhamba, okanye ukongeza iindwendwe ezongezelelekileyo. Imali ebuyiswayo ibuyiswa ivela kuAirbnb iye kuKlarna ize isuke kuKlarna iye kwiindwendwe.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Nangona konke ukurhoxa kuxhomekeke kwipolisi yokurhoxa yombuki zindwendwe, usenokukwazi ukurhoxa uze ubuyiselwe yonke imali okanye inxalenye yayo okanye utshintshe iintsuku oza kuzihlala.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Ukuba wamkele isimemo sohambo, unokuzisusa ekubhukisheni nanini na ngaphambi kokuba uhambo luphele.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Xa ubhukisha into enokonwatyelwa, ungalungisa umhla okanye ixesha kuxhomekeke kwiintsuku afumaneka ngazo umbuki zindwendwe wakho nakwipolisi yakhe yokurhoxa.
Xa ubhukisha into enokonwatyelwa, ungafaka okanye ususe abantu abaza kuba kwinto oyibhukishileyo kuxhomekeke kwiintsuku afumaneka ngazo umbuki zindwendwe wakho nakwipolisi yakhe yokurhoxa.
Utshintsho olucelwe ngumbuki zindwendwe
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Nguwe okhethayo ukuba uyafuna okanye awufuni ukuba Umbuki Zindwendwe akufunele enye indawo yokuhlala.
Iindwendwe nababuki zindwendwe banokungasamkeli isicelo sokutshintsha into ethile kuze ukubhukisha kungatshintshi.
Iipolisi
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Ukuba uhambo lwakho sele luqalile ibe ufuna ukutshintsha ukubhukisha kwakho, ungaya kwindawo yakho yohambo ukuze uthumele isicelo sokutshintsha kumbuki zindwendwe wakho.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Ukuba ukubhukisha kokweentsuku eziyi-28 nangaphezulu, kusebenza ipolisi yokurhoxa yexesha elide.