Izinto ezicetyiswayo ziza kubonakala emva kokubhala kwindawo yokukhangela. Sebenzisa iaro enyukayo nehlayo ukuze uwahlole. Sebenzisa iqhosha elingu-enter ukuze uyikhethe. Ukuba ukhethe amabinzana, loo mabinzana ngawo aza kukhangelwa. Ukuba ucetyiswa ngelinki, ibhrawza iza kuya kwelo phepha.
Ukulungisa iingxaki zokubhukisha
Ukuqhakamshelana nombuki zindwendwe wakho
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Ukuba ufuna ukwazi ngakumbi ngendawo, okanye ngento enokonwatyelwa ngaphambi kokuba ubhukishe, ungathumelela Umbuki Zindwendwe umyalezo kuAirbnb.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Xa unokubhukisha okuqinisekisiweyo, uza kufumana inombolo yefowuni Yombuki Zindwendwe kwimiyalezo oyifumeneyo noyithumeleyo yolo hambo.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Ukuba wena, umntu ommemileyo, okanye isilwanyana sasekhaya sibangele umonakalo ngexesha ohleli ngalo, chazela Umbuki Zindwendwe wakho kwangoko.
Kufuneka ungene kwiakhawunti yakho ka-Airbnb ukuze ufunde okanye uthumele imiyalezo. Ungacofa kwimiyalezo engenileyo nethunyelweyo ukuze ufunde imiyalezo ekhoyo okanye uthumele omtsha.
Itikiti kunye noncedo ngokubhukisha
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Ungafumana iinkcukacha zakho zokubhukisha, njengekhowudi yakho yokuqinisekisa, kwiMiyalezo yakho okanye kwiinkcukacha zakho Zohambo.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Ungafumana isiqinisekiso sokubhukisha kwindawo yakho Yohambo, ukongezelelz siza kukuthumelela i-imeyile yokuqinisekisa emva kokuba uyibhukishile Into yakho Enokonwatyelwa.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Ukuba unohambo oluqinisekisiweyo nguMbuki Zindwendwe, ukubhukisha kwakho kuyasebenza, nokuba Umbuki Zindwendwe uyivalile indlu ukuze ingaveli kwiziphumo zokukhangela.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Ukuba unohambo oluphelayo kube kukho olunye oluza kuqala kwiintsuku eziyi-4, lube lukwiindawo ezisondeleleneyo, sizaku kuludibanisa ibe luhambo olunye.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Unokufaka okanye ususe inkcazelo yohambo lomsebenzi ekubhukisheni kwakho. Irisithi yakho ayizukubonisa nayiphi na inkcazelo efakwe emva kokuba ukubhukisha kuqinisekisiwe.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Ungafaka okanye ususe iindwendwe kwindawo yakho oyibhukishileyo ngokuthumelela Umbuki Zindwendwe wakho isicelo sokutshintsha uhambo ngaphambi okanye ebudeni bokuhlala kwakho. Usenokubhataliswa okanye ubuyiselwe imali, ukuba iyafuneka loo nto.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Ungadawunlowuda okanye uprinte itikiti lakho lohambo usenzela i-visa, unokukhetha ukufaka amagama apheleleyo eendwendwe zakho okanye ubonise nje inani elipheleleyo leendwendwe.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Fumana inkcazelo eza kukunceda xa useCuba, kuquka ukubhalisa kwinkqubo yeSTEP neenombolo zemeko yongxamiseko.
Uncedo lwasemva kohambo
Iziko Lezemali likuvumela ukuba ucele okanye uthumele imali yezinto ezinento yokwenza nohambo lwakho luka-Airbnb. Iindwendwe naBabuki Zindwendwe banokucela uAirbnb ancedise ukuze kuvunyelwane.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Ukuba into enenza ningavani yimali, ungasebenzisa Iziko lethu Lezemali ukuze ucele okanye uthumele imali yezinto ezinento yokwenza nohambo lwakho lukaAirbnb.
Iziko Lezemali lenza kube lula ukuba ababuki zindwendwe neendwendwe bacele okanye bathumelelane imali ngezinto ezinento yokwenza nokuhlala kwindawo ka-Airbnb okanye into enokonwatyelwa.
Jonga imeko yesicelo Seziko Lezemali osithumeleyo, phendula osifumeneyo, okanye uhlole isicelo esidlulileyo.
Indlela yokuyenza • Undwendwe
Thumelela umyalezo kumbuki zindwendwe wakho ngqo ukuze uncedwe. Ungathumelela umbuki zindwendwe wakho imali Kwiziko lethu Lezemali ukuze ubhatalele imali yokuyithumela.