Professional Documents
Culture Documents
Null 1
Null 1
2023
AMANQAKU: 80
IXESHA: Iiyure 2½
IMIYALELO NENGCACISO
ICANDELO A: ISIHOBE
IMIBONGO EFUNDISIWEYO – Phendula imibuzo EMIBINI
UMBONGO ONGAFUNDISWANGA – Ngumbuzo onyanzelekileyo
ICANDELO C: IDRAMA
Phendula umbuzo OMNYE.
6. UBUDE BEEMPENDULO
ITHEYIBHILE YESIQULATHO
Le theyibhile yesiqulatho kulindeleke ukuba incedise abafundi bakwazi ukukhetha
imibuzo abaza kuyiphendula khon'ukuze bangafundi iphepha loviwo lonke.
ICANDELO A: ISIHOBE
Imibongo efundisiweyo: Phendula NAYIPHI NA imibuzo EMIBINI.
INANI LOMBUZO UMBUZO AMANQAKU INOMBOLO
YEPHEPHA
1. 'Ingoma kaVelaphi' Umbuzo osisincoko
sombongo 10 6
2. 'Ithemba' Umbuzo omfutshane 10 8
3. 'Umfikazi uCharlotte Manyhi Maxeke' Umbuzo omfutshane 10 9
4. 'Iimbongi' Umbuzo omfutshane 10 10
KUNYE
Umbongo ongafundiswanga: Unyanzelekile
5. 'Imbovane' Umbuzo omfutshane 10 11
QAPHELA: Phendula umbuzo OMNYE OSISINCOKO nombuzo OMNYE OMFUTSHANE. Xa
uphendule UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI kwiCANDELO B, unyanzelekile ukuba uphendule
UMBUZO OMFUTSHANE kwiCANDELO C.
ICANDELO B: INOVELI/UNCWADI LWEMVELI
Phendula umbuzo OMNYE.
6. Inkawu idliw'ilila Umbuzo osisincoko 25 12
soncwadi
7. Inkawu idliw'ilila Umbuzo omfutshane 25 12
8. Nyana Wam! Nyana Wam! Umbuzo osisincoko 25 15
soncwadi
9. Nyana Wam! Nyana Wam! Umbuzo omfutshane 25 15
10. Ukhozi olumaphiko Umbuzo osisincoko 25 17
soncwadi
11. Ukhozi olumaphiko Umbuzo omfutshane 25 17
OKANYE
12. Ubuncwane Boncwadi Lwemveli Umbuzo osisincoko 19
soncwadi 25
13. Ubuncwane Boncwadi Lwemveli Umbuzo omfutshane 25 19
ICANDELO C: IDRAMA
Phendula umbuzo OMNYE.
14. Buzani Kubawo Umbuzo osisincoko
soncwadi 25 22
15. Buzani Kubawo Umbuzo omfutshane 25 22
16. Indlal' Inamanyala Umbuzo osisincoko
soncwadi 25 25
17. Indlal' Inamanyala Umbuzo omfutshane 25 25
QAPHELA: KUMACANDELO B no-C, qinisekisa ukuba uphendule umbuzo OMNYE OSISINCOKO
nombuzo OMNYE OMFUTSHANE.
Nceda ungaphenduli imibuzo EMIBINI emide okanye imibuzo EMIBINI emifutshane.
ITSHEKHLISTI
ICANDELO A: ISIHOBE
IMIYALELO
IMIBONGO EFUNDISIWEYO
8 Wakufelwa nangowakho
9 Ife intliziyo yakho;
10 Ulil' uzenzakalise-
11 Nomphefumlo uwufise.
12 Singaya na eNkosini,
13 Ehleliyo ebomini?
14 Inye nje indlela yayo,
15 Ikukuthemb' amandl' ayo?
16 Yen' omzimb' udiniweyo,
17 Ontliziyo ityhafileyo
18 Omoy' udakumbileyo,
19 Akanje na ngofileyo?
20 Makafundiswe ithemba,
21 Aphakanyiswe lithemba,
22 Limhambisele phambili,
23 Limngenise ezulwini.
IIMBONGI – ZS Qangule
4.1 Xela izinto eziMBINI eziqaqambe ngazo iimbongi kumqolo woku-1 nowesi-2. (2)
4.3 Chaza ukuba sifana njani isakhiwo sangaphandle somqolo wesi-9 nowe-10. (2)
KUNYE
IMBOVANE – WN Mbovane
5.3 Chaza ukuba umqolo we-12 uwucacisa njani umqolo we-11. (2)
AMANQAKU ECANDELO A: 30
IMIYALELO
Ngqina ukuba uMfuneko Mnenga ulilandele igama athiywe lona kule noveli.
ISICATSHULWA A
7.2 Nika lubeluNYE uphawu olubonisa ukuba esi sicatshulwa sithathwe kwinoveli. (1)
7.6 Xela ukuba uMsindisi udlala indima yokuba lixhoba na okanye ngumchasi
wolwaphulomthetho kule noveli. Xhasa impendulo yakho. (2)
KUNYE
ISICATSHULWA B
Wathi akuthi ungumfazi kaVukile Nqoza epoliseni elalibambe loo fowuni, lathi
makabambe kancinci kanti limkhuphela e-ofisini kaNjinga. Waxelelwa ukuba
usanqunyanyisiwe emsebenzini lo gama kusenziwa uphando ngokubandakanyeka
kwakhe ekuzameni ukubulala elinye ipolisa. Wabulela uThembakazi akuxelelwa loo
nto. 5
Wafika emzini wakhe uThembakazi ithe tywaa ebhedini irhona, ijongise iqeba phezulu
into enkulu. Wafika wayidlikidla ngokungekho similweni, yathi balulu amehlo kancinci
into kaNqoza, yabe sel' imbuza ukuba ukhala ngani na, ikati yona ikhala ngobisi nje.
'Ukhala ngantoni?' wabuza ebucaphuka uNqoza ecatshukiswa kukuvuswa ngendelelo
nguThembakazi. 10
'Uthi ndikhala ngantoni na? Ndandingatshongo kuwe ukuthi ndakuze ndilazi eli bhunga
lenu nalo Mnenga wakho? Kanti Vukile ungcole kangaka? Uvumela ukufakwa
ngentloko eludakeni yenye indoda! Uyindod' enjani kanti umthetho lo wakho?' Wathi
vumbululu wachopha ngeempundu uNqoza akugibisela izithuko uThembakazi.
'Uze uthi kanti usimpimpile nje phaya emapoliseni njengokuba ukhawulel' iinkawu ziya 15
kusela nje!' wavungama watsho uNqoza.
'Ingqondo le yakho izel' amanzi odwa! Yangenwa ngumoya kudala! Into mna
endingasokuze ndiyenze kukuhlala nesigwinta esingandikrukr'umqala ngebhoso, emva
koko kube ngathi akwenzekanga nto! Isihange sendoda! Hayi MaBhele, ndixoleleni,'
watsho engqawuza esiya kuphuma ngomnyango uThembakazi. 20
'Thembakazi! Thembakazi!! Thembakazi!!!' Wahamba akabheka ngemva umfazi.
7.10 Nika igama lomlinganiswa esibhekisa kuye isaci esithi, 'Inkawu idliw'ilila' kule
noveli, uze ucacise ukuba simchaphazela njani. (2)
ISICATSHULWA C
Lo mntu eqaqadekile nje uyasazi isiBhalo, uthetha kube kabini acaphule kuso. Hayi
khona ngaloo mini wayengathi umbona ntoni na nje uThole. Elele njalo wayehlala
ahlale amana ukusuka amadlu amwe ngentsini umve esithi 'Unakho na ukuhamba 15
emalahleni uze ungatshi? Unakho na ukusela utywala mhlobo wam uze unganxili?'
Elele njalo umfo wasemaKwayini kwabakho amaxesha okuba ububone ubuso bakhe
buzele luncumo engathi ujonge uThemba uyathetha ngentliziyo uthi, 'Ungandivuyeleli
lutshaba lwam ndakuwa ndize ndivuke.'
9.2 Nika lubeluNYE uphawu olubonisa ukuba esi sicatshulwa sithathwe kwinoveli. (1)
9.6 Xela ukuba uThole udlale indima yokuba liqhawe na okanye ngumchasi
wobutshijolo kwesi sicatshulwa. Xhasa impendulo yakho. (2)
KUNYE
ISICATSHULWA D
'Hi bafondini ingaba lo mfo ungundabamlonyeni olu hlobo wakha wayinto efinyiswayo
engakwazi nokuzifinyisa oku njengathi aba?' Yavakala imbuza enye intwana
engumabhalana enkomponi eCity Deep kwaMangqukela ingqengqe eqongeni layo
ijongise umetyiso phezulu ifunda Imvo eyayineendaba zalo mfundisi eqwalasele
nomfanekiso wakhe. 5
'Awu! Wathi wakutsho ke ntang'am wandikhumbuza amazwi ento kaJolobe kumbongo
wayo webhadi xa athi:
Umhle kangaka nje na wena sidalwandini
Wakha warhuba phantsi ungumbungwan'ongento,
Waza wazalwa kutsha, waba kukokugqibi …?' 10
Yatsho enye ingqengqe kowayo umandlalo ikwafunda eli phephandaba. Basusela
apho ke banaba ezindabeni ngalo mfundisi.
Apho enkomponi kwaMangqukela kwakukho inkathavu yexhego eyayingaziwa lulutsha
ukuba yafika nini na, befikela kuyo abafikayo baphinde bagodukele kuyo. Kungasekho
msebenzi iwenzayo enkomponi ngaphandle kokuhla inyuka itshayela. Igama eyaziwa 15
ngalo kusithiwa nguFaltein, ngenxa yengubo emdaka elalisoloko liyambethe. Xa ubuza
ukuba ikhaya yayingeze yakuxelela. Buza ukuba yoza igoduke nini na, wova ikubuza
ukuba igoduke iyephi na.
'Awu wandibuza ukuba uyephi na khehle akunakhaya? Uhleli apha nje ugugela
endundumeni okwengolovane, zikhwelwa ngubani iimfene ekhaya?' Watsho obuzayo 20
ehleka. Lowo ke umbuzo awuyi kuba nampendulo ngaphandle kokuba wobona
ngomntu omkhulu echiphiza iinyembezi elila ukusuka apho aphume ngomnyango
akushiye apho.
ISICATSHULWA E
11.4 Phendula umbuzo kaZikhali obhalwe ngqindilili ngokolwazi lwakho lwebali. (2)
11.6 Xela ukuba uFriday udlale indima yokuba litshijolo okanye ngumchasi
wengcinezelo kule noveli. Xhasa impendulo yakho. (2)
KUNYE
ISICATSHULWA F
OKANYE
UNCWADI LWEMVELI
ISICATSHULWA G
INTSOMI YOLOVANE
13.2 Nika iimpawu zibeMBINI ezixela ukuba sisicatshulwa sentsomi esi. (2)
13.4 Xela ukuba uLovane udlale indima yokuba ngumtyesheli womyalelo okanye
umlandeli womyalelo kule ntsomi. Xhasa impendulo yakho. (2)
13.8 Chaza ukuba isifundisa ntoni le ntsomi ngabantu abafana noLovane. (2)
KUNYE
ISICATSHULWA H
1 A! Nolizwe!
2 A! Nolizwe!
3 Liwasakazi leenkomo zakuloNyawuza.
4 Incokazi kumathol' eenkunzi zasemaMpondweni.
5 NguMalusi wamathol' esirhorho kwaRharhabe.
6 UMval' ovalel' ezimaphece nezimaxhaka.
7 Imvu ebuso bulubisi, amazwi abubusi.
8 Uyavuy' uNolwandle unomolokazana.
9 A! Nolizwe!
10 A! Nolizwe!
11 Umhlaba wakwaRharhab' unamanyala.
12 Ngokwahlul' uNolizwe nomtshato.
13 Ukuz' ashiyek' amaRharhab' engenayise.
14 Isimbonon' esakhuzwa ziintaba zeli lizwe.
15 Kwakhuz' eyeGqirha neyeBhukazana.
16 A! Nolizwe!
17 A! Nolizwe!
18 Nguwongama wokugagamel' amaRharhabe.
19 UMaxway' ibhozo namhl' angazukudla nyama.
20 Nolizwe siyalez' amathol' ogaga kuwe,
21 Wakukhumbul' isilwangangubo sakuloMbombo.
22 Uz' ubhalel' edolwen' utampishe ngozwane
23 Usayine ngoxhongo iza kubuy' impendulo.
24 A! Nolizwe!
25 Ncincilili!
13.10 Chaza indlela esidalwe ngayo isingqisho kwizitanza ezibini zokuqala. (2)
ICANDELO C: IDRAMA
IMIYALELO
ISICATSHULWA I
15.4 Chaza ukuba uthando luyidale njani impixano kule drama. (2)
15.6 Chaza ukuba le ngxoxo ikwisicatshulwa ilikhulise njani ibali kule drama. (2)
KUNYE
ISICATSHULWA J
UMZAMO: Ee-e-e suka Sicelo mfondini! Kanti nawe ukwakule ngqondo yala
maxhego isesemva? Uyazi ukuba bendisithi sewasuka zinto
zokumana kusithiwa kwathi kwathi amasiko. Kanti usekuloo
nkunkuma nawe?
USICELO: Hayi mfondini ndenziwa kukuba ndiyaloyika ilizwi lomzali, andifuni 5
umzali axakaniseke ngenxa yam.
UMZAMO: Apha kwaba bafana baseZazulwana andikholwa ukuba ukho
umfana odlula uGugulethu ngokubeka abazali; kodwa kwinto
enjengale ndimgxeka ndingamgxeki, kwaye nabazali bakhe
ndiyabahlaba kakhulu. Ingqina laloo nto yokuba lo mfana 10
ubahlonele abazali bakhe uzinyanzele weza ecaweni, into leyo
ebingeze yenziwa ngomnye umntu; nditsho nawe ubungeze
wayenza.
USICELO: Hayi mfondini noko lo mfana ndiyamhlaba. Ewe, ngendisiva ukuba
le ntombi anyanzelwa kuyo ibidume ngesimilo esibi. Intombi 15
kaMcothama mfondini ayinasihlava, ifanelekile ukuba ingenziwa
umfazi nanguwuphi na umfana.
UMZAMO: Hayi mfondini le nto wena apho isuka khona, ixhwangusha eli
wena selithembise enye inzwakazi kulaa macala angaseMthatha.
Laye ke ndijongile nje intombi le liyayithanda alizenzisi. Nguye ke 20
unozala wayo yonke le nyaka-nyaka, ibe ke mfondini uthando
luthando.
USICELO: O-o-o! Yiyo le nto unkabi selengasafuni nokuva, selezibophelele
ngezithembiso? Hayi ke kanti uzifake engxakini ngokwakhe.
Ayinani nathi ke leyo masincokole ezinye iindaba. Kodwa ke nale 25
nto yokungxama ngokuthembisa, umntu engekawuqondi ...
ISICATSHULWA K
MAMQHINEBE: Imbi ke le nto, ukuthi silamba kangaka kweli khaya, abe yena
ophezulu ethe rhoqo ukusifulathela.
SIQHIWU: Musa ukulahla ithemba mama.
MAMQHINEBE: Andinakuphila kukulala nditye ithemba yonke le mihla Siqhiwu.
Isisu esi sona sifuna into ekukutya, ingelilo ithemba. 5
SIQHIWU: Sekuza kulunga mama. Kaloku abeLungu bathi:The darkest hour
comes before dawn.
MAMQHINEBE: Ungandigezeli kaloku mna. Zizinto zini ezi uzithethayo emzini wam?
Wakha wandiva ndipitiliza isiLungu ngolwesingaphi ezintsukwin'
apha? 10
SIQHIWU: Ndiyakwazi mama ukuba waphuma ngerisesi esikolweni. Bendiseza
kukutolikela, koko wena wasuka wangxama.
MAMQHINEBE: Khawutolike ke mLungu omnyama.
SIQHIWU: Xa ndikutolikela ke ndingathi, ama-Afrika wona athi: Isifingo siza
phambi kokusa. 15
MAMQHINEBE: Ndiyakrokra Siqhiwu ukuba eyona nto ndandikufundisela yona
wena, bubuciko obu, nkqi kona ukufumana umsebenzi.
SIQHIWU: Ngendikuva ngcono kodwa mama ukuba ubusithi: nkqi kona
ukufuna umsebenzi. Kaloku ndingayenza yonke into, kodwa
andingekhe ndiziqeshe. 20
MAMQHINEBE: Kakade ke Siqhiwu, uthi aba mabhalane baqeshayo kule nto yale
joyini yenu, abafuni kwenzelwa nto mhlawumbi?
SIQHIWU: Andazi. Ndaye andifuni nokwazi nokuba bayayifuna na okanye hayi,
kuba apha kuSiqhiwu abasayi kuze bayifumane nokuba bangade
bayifune ngamehlo abomvu. 25
MAMQHINEBE: Uthini na ngoku Siqhiwu kum' apha?
SIQHIWU: Soze! Ndinyobe umntu, ndimnyobela amandla nengqondo yam!
Yilibale leyo into yona Qhinebe.
17.2 Ingaba uSiphokazi wade waphangela na? Xhasa impendulo yakho. (2)
17.6 Chaza ukuba le ngxoxo ikwisicatshulwa ilikhulise njani ibali kule drama. (2)
KUNYE
ISICATSHULWA L
AMANQAKU ECANDELO C: 25
AMANQAKU EWONKE: 80